Ukutshutshiswa nokuchithwachithwa kwamaKristu
1Waye ke uSawule ekuthakazela ukusikwa kwakhe.
Ke kaloku kwehla ngaloo mhla intshutshiso enkulu phezu kwalo ibandla eliseYerusalem; kanjalo bonke baba ziintsali emazweni akwaYuda naseSamariya, kwasala abapostile• bodwa. 2Amthwala ke uStefano amadoda amoyikayo uThixo, aya kumngcwaba, amenzela isililo esikhulu. 3Waye ke uSawule elidlavula ibandla, engena kwizindlu ngezindlu, erhola amadoda kwanabafazi, ebafaka entolongweni.
UFilipu eSamariya
4Bona ke ngoko ababeziintsali batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi.
5Wehla ke uFilipu, waya emzini welaseSamariya, wamvakalisa uKristu kubo. 6Zaye kanjalo izihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa nguFilipu, ekuyiveni nasekuyiboneni kwazo imiqondiso abeyenza. 7Kuba oomoya abangcolileyo babephuma kwinto eninzi ebinabo, bebhomboloza ngezwi elikhulu; yathi ke into eninzi enedumbe neziziqhwala yaphiliswa. 8Kwabakho uvuyo olukhulu kuloo mzi.
USimon umnyangi
9Ke kaloku bekukho ndoda ithile, igama linguSimon, kwangaphambili kuloo mzi, ebinyanga, ibethe luthi nqa uhlanga lwaseSamariya, isithi yona ngokwayo inguthile omkhulu; 10ababeyiphulaphula bonke, bethabathela komncinane base komkhulu, besithi, Lo ungamandla kaThixo amakhulu. 11Baye ke bemphulaphula, ngenxa yokuba ixesha elide wabetha bee nqa ngobunyangi bakhe.
12Xenikweni ke bakholwáyo nguFilipu, eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi. 13Wakholwa ke kwanaye uSimon; wathi akubhaptizwa, wazingisa ukuhlala noFilipu, ebona imiqondiso kwanemisebenzi emikhulu yamandla isenzeka, wathi nqa.
UPetros noYohane eSamariya
14Ke kaloku, bakuva abapostile ababeseYerusalem, ukuba abaseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathuma uPetros noYohane kubo; 15abathi bona bakuhla, babathandazela, ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele; 16kuba ebengekaweli namnye kubo; babebhaptizelwe nje kodwa egameni leNkosi uYesu. 17Bandula ukubeka izandla phezu kwabo, bamamkela ke uMoya oyiNgcwele.
18Ke kaloku uSimon, akubona ukuba ngokubekwa kwezandla zabapostile uyanikwa uMoya oyiNgcwele, wezisa kubo imali, esithi, 19Ndinikeni nam eli gunya, ukuze lowo, ndithe ndazibeka izandla phezu kwakhe, amkele uMoya oyiNgcwele. 20Uthe ke uPetros kuye, Isilivere yakho mayiye kutshabalala nawe; ngokuba ububa isipho sikaThixo singázuzwa ngemali. 21Akunasahlulo nasabelo kule nto; kuba intliziyo yakho ayithe tye emehlweni kaThixo. 22Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo, ukuba ingáthi mhlawumbi ixolelwe ingcingane yentliziyo yakho. 23Kuba ndiyabona ukuba usenyongweni yobukrakra, nasentanjeni yentswelabulungisa.
24Waphendula ke uSimon wathi, Ndikhungeleni nina eNkosini, ukuze ndingahlelwa nanye yezo zinto nizithethileyo.
25Bona ke ngoko, bakuba beqononondisile, belithetha ilizwi leNkosi, babuya beza eYerusalem; kanjalo imizi emininzi yelaseSamariya bayishumayeza iindaba ezilungileyo.
UFilipu nethenwa elingumTiyopiya
26Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi kuFilipu, sisithi, Suka usinge ezantsi, ngendlela ehla ivela eYerusalem, eya eGaza, yona iyintlango. 27Usukile ke waya. Kwavela indoda engumTiyopiya,• ithenwa, isikhulu sikaKandase, ukumkanikazi wamaTiyopiya, ebiphethe bonke ubutyebi bakhe, eyayize kunqula uThixo eYerusalem. 28Yayibuya, ihleli enqwelweni yayo, ilesa incwadi yomprofeti uIsaya.
29Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo. 30Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya; wathi, Ùyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo? 31Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yambongoza uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo.
32Ke kaloku indawo yesibhalo eyayilesa yona ibiyile ithi,
Njengemvu esiwa ekuxhelweni,
Njengemvana esisimumu phambi komchebi wayo,
Wenjenjalo yena ukungawuvuli umlomo wakhe.
33Ekuthobekeni kwakhe umgwebo wakhe wasuswa;
Ngubani na ke owosicacisa ukusixela isizukulwana sakhe?
Ngokuba buyasuswa ubomi bakhe emhlabeni.
(UIsaya 53:7)
34Laphendula ke ithenwa lathi kuFilipu, Ndiyakukhunga, umprofeti lo uyithetha ngabani na le nto; uzithetha yena na, uthetha mntu wumbi, kusini na? 35Wawuvula ke uFilipu umlomo wakhe, waqalela kweso sibhalo, walishumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu.
36Ke kaloku, xa bahambayo ngendlela, bafika manzini athile; lathi ithenwa, Nanga amanzi; kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa? 37Uthe ke uFilipu, Ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Laphendula ke lathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo. 38Lathi mayime inqwelo; behla bobabini, baya emanzini, uFilipu kwanethenwa; walibhaptiza.
39Xeshikweni ke babenyukile, baphuma emanzini, uMoya weNkosi wamthi xwi uFilipu; alaba sambona ithenwa, kuba lalihamba ngeyalo indlela livuya. 40UFilipu ke wafunyanwa eAzoto; watyhutyha ilizwe, eyishumayeza imizi yonke iindaba ezilungileyo, wada weza eKesareya.