Amasiko eentlanga makangenziwa
1Ningoonyana kuYehova uThixo wenu; ize ningazicenti, ningenzi mpandla phezu kwamehlo enu ngenxa yomfi; 2ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu; uYehova uninyulele ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, ezizweni zonke eziphezu komhlaba.
3Uze ungadli nanye into elisikizi. 4Zizo ezi izinto ezizitho ziné enozidla: 5inkomo, imvu, imbuzi, ixhama, nebhadi, nelinqa, netshabangqa, nenqu, neula, negogo. 6Yonke into ezitho ziné ethiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe zacandwa kubini, etyisa umtyiso, ezintweni ezizitho ziné, noyidla yona. 7Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso, nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, nembila, nomvundla; ngokuba zetyisa umtyiso, ke aziluthe gqiphu uphuphu, ziziinqambi ke kuni; 8nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, phofu ingetyisi, iyinqambi kuni. Inyama yazo ize ningayidli, nesidumbu sazo ningasichukumisi.
9Ezintweni zonke ezisemanzini nozidla: zonke izinto ezinamaphiko namaxolo nozidla. 10Ke zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo ize ningazidli; ziziinqambi kuni.
11Zonke iintaka ezihlambulukileyo nozidla. 12Eningayi kuzidla zezi: ixhalanga, nosilwangangubo, nonomakhwezana, 13nesangxa, noontloyiya ngohlobo lwabo; 14nehlungulu lonke ngohlobo lwalo; 15nenciniba, nesihuluhulu, nengabangaba, nentambane ngohlobo lwayo; 16nesikhova, nefubesi, nenkuku yamanzi; 17nengcwangube, nenkqo, nogwidi; 18nengwamza, nokhwalimanzi ngohlobo lwakhe, nobhobhoyi, nelulwane. 19Yonke inyakanyaka enamphiko iyinqambi kuni; ize ningayidli. 20Zonke iintaka ezihlambulukileyo ningázidla.
21Ize ningayidli yonke into ezifeleyo; ungámnika owasemzini osemasangweni akho, adle; ungáthengisa ngayo kowolunye uhlanga; ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu.
Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina.
Imithetho malunga nezishumi
22Uze unikele isishumi songeniselo lonke lwembewu yakho ephuma entsimini, iminyaka ngeminyaka; 23udle phambi koYehova uThixo wakho endaweni leyo aya kuyinyulela ukuhlalisa igama lakhe kuyo, esishumini sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho, nawempahla yakho emfutshane; ukuze ufunde ukumoyika uYehova uThixo wakho yonke imihla.
24Xa indlela ithe yande kuwe, naxa uthe wakhohlwa ukusisa sona, ngokuba ikude kuwe indawo leyo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulimisa kuyo igama lakhe, naxa athe wakusikelela uYehova uThixo wakho: 25wòsanana ngemali, uyibophe imali esandleni sakho, uye endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, 26uyanane imali ngeento zonke osukuba uzinqwenela umphefumlo wakho, ngeenkomo, nangempahla emfutshane, nangewayini, nangesiselo esinamandla, nangeento zonke ozibizayo umphefumlo wakho; udle khona phambi koYehova uThixo wakho, uvuye wena nendlu yakho.
27NomLevi osemasangweni akho uze ungamlibali, ngokuba akanasabelo nalifa ndawonye nawe.
28Ekupheleni kweminyaka emithathu, wòkhupha sonke isishumi songeniselo lwakho lwaloo mnyaka, ulufumbe emasangweni akho; 29eze umLevi, ngokuba engenasabelo nalifa ndawonye nawe, nowasemzini, nenkedama, nomhlolokazi osemasangweni akho, badle bahluthe; ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho emsebenzini wonke wesandla sakho owusebenzayo.