AmaSirayeli ayakrokra entlango; athunyelwa imana
1Lonke ibandla loonyana bakaSirayeli landuluka e-Elim, lafika entlango yaseSin, ephakathi kwe-Elim, neSinayi, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yesibini yokuphuma kwabo ezweni laseYiputa. 2Labakrokrela ooMoses noAron lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango apho. 3Bathi oonyana bakaSirayeli kubo, Akwaba besife sisandla sikaYehova ezweni laseYiputa, xa sasihleli ngasezimbizeni zenyama, sisidla isonka sada sahlutha; ngokuba nisikhuphele kule ntlango, ukuze nisibhubhise sonke esi sikhungu ngendlala.
4Wathi uYehova kuMoses, Uyabona, ndiya kuninisela isonka sivela ezulwini; baphume abantu, babuthe isabelo semini esilingene imini, ukuze ndibalinge ukuba bohamba ngomyalelo wam, abayi kuhamba ngawo, kusini na. 5Kothi ngemini yesithandathu, balungise oko bakuzisileyo; koba ngumlinganiselo ophindwe kabini kunoko bathe bakubutha imihla ngemihla.
6Wathi uMoses noAron koonyana bakaSirayeli bonke, Ngokuhlwa niya kwazi ukuba nguYehova owanikhuphayo ezweni laseYiputa; 7kusasa niya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ekubeni ekuvile ukumkrokrela kwenu uYehova. Thina besingoobani na ukuba nisikrokrele? 8Wathi uMoses, Niya kububona ekuthini uYehova aninike inyama ngokuhlwa, nidle isonka kusasa, nihluthe; ekubeni uYehova ekuvile ukukroka kwenu enimkrokrela ngako. Ke thina singoobani na? Anikrokreli thina, nikrokrela uYehova.
9Wathi uMoses kuAron, Yithi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Sondelani phambi koYehova; kuba ukuvile ukukrokra kwenu. 10Ke kaloku, xa wayethetha uAron kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, bakhangela entlango, nâbo ubuqaqawuli bukaYehova bubonakala efini. 11Wathetha uYehova kuMoses, wathi, 12Ndikuvile ukukrokra koonyana bakaSirayeli. Thetha nabo uthi, Lakutshona ilanga nodla inyama, kusasa nohlutha sisonka; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
13Kwathi ngokuhlwa zenyuka izagwityi, zayigubungela iminquba yonke; kusasa kwabakho umbethe olele ngeenxa zonke eminqubeni. 14Wenyuka umbethe obulele, nanko kukho phezu komhlaba entlango intwana apha ecolekileyo, ejiyileyo, encinanana njengeqabaka emhlabeni. 15Bayibona oonyana bakaSirayeli, bathi omnye komnye, Yintoni? Kuba babengazi ukuba yintoni na. Wathi uMoses kubo, Sesi sonka aninika sona uYehova, ukuba sibe kukudla. 16Le yiloo nto wawisa umthetho ngayo uYehova, wathi, Buthani yona, elowo ngangokudla kwakhe, ihomere• ngentloko yomntu, ngokwenani labantu, elowo athabathele abasententeni yakhe. 17Benjenjalo oonyana bakaSirayeli; babutha omnye kakhulu, omnye kancinane. 18Balinganisela ngehomere; akagqithisa obúthe kakhulu; akasilela obuthe kancinane; babutha elowo ngangokudla kwakhe.
19Wathi kubo uMoses, Umntu makangabeki mbeko. 20Abamphulaphulanga uMoses. Inxenye yayibeka umbeko; yabola, yaba neempethu, yanuka. UMoses waba noburhalarhume kubo.
21Bayibutha imiso ngemiso, elowo ngangokudla kwakhe; lathi lakufudumala ilanga yanyibilika. 22Kwathi ngemini yesithandathu, babutha isonka semihla emibini, iihomere ezimbini mntwini mnye. Zangena zonke izikhulu zebandla, zamxelela uMoses. 23Wathi kuzo, Yiyo loo nto ayithethileyo uYehova, Ngomso luphumlo; yisabatha engcwele kuYehova; yosani enikosayo, phekani enikuphekayo, zibekeleni yonke into eseleyo, igcinwe kude kuse. 24Bayibeka ke kwada kwasa, njengoko uMoses wabawisela umthetho; àyanuka, akwabakho mpethu kuyo. 25Wathi uMoses Yidleni namhla; kuba namhla yisabatha kuYehova; namhla aniyi kuyifumana endle. 26Noyibutha imihla emithandathu; ngomhla wesixhenxe yisabatha; ayi kubakho ngawo.
27Kuthe ngomhla wesixhenxe, kwaphuma inxenye yabantu, yaya kubutha, ayafumana nto. 28Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na, ningavumi ukuyigcina imithetho yam nemiyalelo yam? 29Niyabona ke, uYehova uninike isabatha; kungenxa yoko athe ngomhla wesithandathu waninika isonka semihla emibini. Hlalani elowo endaweni yakhe; makungaphumi mntu endaweni yakhe ngomhla wesixhenxe. 30Baye bephumla ke abantu ngomhla wesixhenxe.
31Indlu kaSirayeli yathi igama lale nto yimana.• Yayinjengembewu yekoriyandire,• imhlophe, isongo sayo sinjengezonkana ezinobusi. 32Wathi uMoses, Nantsi into awise umthetho ngayo uYehova: zalisani ihomere ngayo, igcinelwe izizukulwana zenu, ukuze zisibone isonka endinidlise sona entlango, ekunikhupheni ezweni laseYiputa. 33Wathi uMoses kuAron, Thabatha isitya sibe sinye, ugalele ihomere kuso sizale yimana, uyibeke phambi koYehova, igcinelwe izizukulwana zenu; 34igcinwe njengoko uYehova wamwisela uMoses umthetho ngako. Wayibeka uAron phambi kwesingqino, ukuba igcinwe.
35Bayidla oonyana bakaSirayeli imana iminyaka emashumi mané, bada bafika ezweni elimiweyo; bayidla imana bada bafika emdeni welizwe lakwaKanan. 36Ke ihomere isisahlulo seshumi se-efa.•