Umnquba
1Ke umnquba uze uwenze ngeshumi lamalengalenga elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, nangemisonto emsi nemfusa nebomvu. Wowenzela iikerubhi umsebenzi wengcibi yokuluka. 2Ubude belengalenga lilinye boba ziikubhite• ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye bube ziikubhite eziné; onke amalengalenga alingane. 3Amalengalenga amahlanu ohlanganiswa, elinye nelinye; namalengalenga amahlanu ohlanganiswa, elinye nelinye. 4Uze wenze amasango emisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni, ekuhlanganeni; wenjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini. 5Wòwenza amasango abe mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga; wenze amasango abe mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini, ukuze amasango alungelelane elinye nelinye; 6wenze amagwegwe egolide abe mashumi mahlanu, uwahlanganise amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, ube mnquba mnye.
7Uze wenze amalengalenga ngoboya beebhokhwe abe yintente phezu komnquba, uwenze amalengalenga lawo abe lishumi elinalinye. 8Ubude belengalenga lilinye boba ziikubhite ezimashumi mathathu; ububanzi belengalenga lilinye boba ziikubhite eziné; loo malengalenga alishumi elinalinye olingana. 9Wowahlanganisa odwa amalengalenga amahlanu, namalengalenga amathandathu odwa; elesithandathu ilengalenga uliphinde phambi kwentente ngaphambili; 10wenze amasango abe mashumi mahlanu emphethweni welengalenga elo lokugqibela, ekuhlanganeni namasango, abe mashumi mahlanu emphethweni welesibini ilengalenga elihlanganiswe nelinye. 11Uze wenze amagwegwe obhedu abe mashumi mahlanu, uwafake amagwegwe awo emasangweni, uyihlanganise intente ibe nye. 12Ke ukwanekwa kwendawo egqithiseleyo emalengalengeni entente, sothi isiqingatha selengalenga eligqithiseleyo sanekwe kwelasemva icala lomnquba; 13ithi ikubhite ngapha nekubhite ngapho, endaweni egqithiseleyo ebudeni bamalengalenga entente, yanekwe emacaleni omnquba ngapha nangapho, iwugubungele.
14Intente uze uyenzele isigubungelo ngezintsu zeenkunzi zezimvu, ezenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi ngaphezulu kweso.
15Umnquba uze uwenzele iiplanga ngomngampunzi, zime. 16Ubude beplanga boba ziikubhite ezilishumi, ububanzi beplanga inye bube yikubhite enesiqingatha. 17Iplanga inye yoba neempondlo ezimbini, zihlangene olunye nolunye; wenjenjalo eziplangeni zonke zomnquba.
18Umnquba uze uwenzele iiplanga, zibe mashumi mabini iiplanga ngecala lasezantsi ngasezantsi; 19wenze iziseko zesilivere, zibe mashumi mané phantsi kweeplanga ezimashumi mabini: zibe zibini iziseko, phantsi kweplanga inye, zeempondlo zayo zombini; zibe zibini iziseko, phantsi kweplanga inye, zeempondlo zayo zombini.
20Ezecala lesibini lomnquba ngelasentla icala zoba mashumi mabini iiplanga; 21neziseko zazo zesilivere zibe mashumi mané; iziseko zibe zibini phantsi kweplanga inye; zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye.
22Ezomva womnquba ngasentshonalanga wozenza zibe ntandathu iiplanga. 23Iiplanga ezimbini uze uzenze iimbombo zomnquba emaphundwini omabini; 24zibe ngamawele, zithabathele ezantsi ukuhlangana; zibe nto-nye kude kuse entloko, ziye khonkcweni linye. Koba njalo kuwo omabini, abe ngaweembombo zombini. 25Zoba ziiplanga ezisibhozo neziseko zazo zesilivere, zibe ziziseko ezilishumi elinazithandathu: zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye, zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye.
26Maze wenze imivalo ngomngampunzi: ibe mihlanu eziplangeni zelinye icala lomnquba, 27ibe mihlanu imivalo eziplangeni zelesibini icala lomnquba, ibe mihlanu imivalo eziplangeni zecala lomnquba, emaphundwini ngasentshonalanga. 28Umvalo othi gabhu phakathi eziplangeni ezo mawuvale, usuka ekupheleni uye ekupheleni. 29Uze uzàleke iiplanga ngegolide; amakhonkco azo uwenze ngegolide, abe ziindawo zemivalo; ke imivalo uyàleke ngegolide. 30Uwùmise umnquba ngokwesiko lawo olibonileyo entabeni.
31Uze wenze umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo: wowenzela iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka. 32Uze uwuxhome ezintsikeni eziné zomngampunzi ezàlekwe ngegolide, emagwegweni azo egolide, zime phezu kweziseko zoziné zesilivere; 33wowuxhoma umkhusane emakhonkcweni, ityeya yesingqino uyingenise khona, ngaphaya komkhusane, ukuze umkhusane unahlulele ingcwele kwingcwele kangcwele.
34Uze usibeke isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya yesingqino, kwingcwele kangcwele; 35uyimise itafile nganeno komkhusane, usimise nesiphatho sesibane malunga netafile, ngecala lomnquba langasezantsi; ke itafile uyibeke ngecala langasentla.
36Umnyango wentente uze uwenzele isisitheliso, ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki. 37Isisitheliso eso uze usenzele iintsika zibe ntlanu ngomngampunzi, uzàleke ngegolide; amagwegwe azo abe ngawegolide; uzityhidele iziseko zobhedu zibe zihlanu.