Ityeya nesihlalo sokucamagusha
1UBhetsaleli wayenza ityeya ngomngampunzi. Ubude bayo baba ziikubhite• zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo baba yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kwayikubhite enesiqingatha. 2Wayaléka ngegolide ecocekileyo ngaphakathi nangaphandle, wayithi jize ngesithsaba segolide. 3Wayityhidela amakhonkco egolide amané, emilenzeni yayo yominé: amakhonkco amabini ngeli icala, amakhonco amabini ngeliya icala. 4Wenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngegolide; 5wazifaka izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni etyeya, ukuba ithwalwe ngazo.
6Wenza isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo. Ubude baso baba ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso baba yikubhite enesiqingatha. 7Wenza iikerubhi zambini ngegolide, ukuzenza wazikhanda; zavela eziphelweni zozibini zesihlalo sokucamagusha: 8enye ikerubhi ivelé esiphelweni esi, enye ikerubhi ivelé esiphelweni esiya. Wazenza iikerubhi esihlalweni sokucamagusha, zavela eziphelweni zaso zozibini. 9Iikerubhi zolula amaphiko phezulu, zasisithelisa ngamaphiko azo isihlalo sokucamagusha; ubuso bazo bakhangelana, babheka esihlalweni sokucamagusha ubuso beekerubhi.
10Wenza netafile ngomngampunzi; ubude bayo baba ziikubhite ezimbini, ububanzi bayo baba yikubhite, ukuphakama kwayo kwaba yikubhite enesiqingatha. 11Wayaléka ngegolide ecocekileyo, wayithi jize ngesithsaba segolide. 12Wayenzela ngeenxa zonke udini olungangobubanzi besandla, udini lwayo waluthi jize ngesithsaba segolide. 13Wayityhidela amakhonkco egolide amané, wawafaka amakhonkco ezimbombeni zoné ezisemilenzeni yayo yominé. 14Aba kufuphi nokuhlangana kodini amakhonkco lawo, aba ziindawo zokufaka izibonda zokuyithwala itafile. 15Wenza izibonda ezo ngomngampunzi, wazaleka ngegolide, ukuba ithwalwe ngazo itafile. 16Wenza impahla ephezu kwetafile, izikotile zayo, nemicephe yayo, neenkamba zayo, neendebe zayo ekwakuthululwa ngazo, wazenza ngegolide ecocekileyo.
17Wenza nesiphatho sezibane ngegolide ecocekileyo. Ukusenza wasikhanda isiphatho eso, nesikhondo saso, nesibili saso, neendebe zaso, namaqhina aso, neentyantyambo zaso, zivelé kwakuso. 18Amasebe amathandathu avela emacaleni aso: amasebe amathathu esiphatho avela kweli icala laso, amasebe amathathu esiphatho avela kweliya icala laso. 19Zaba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile• kweli isebe, zineqhina nentyantyambo; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile zaba kweliya isebe, zineqhina nentyantyambo. Kwaba njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso. 20Zaba né iindebe esiphathweni ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso. 21Yaba liqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, yaliqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, yaliqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, angawamasebe amathandathu avela kuso.
22Amaqhina awo namalungu awo avela kuso sonke, saba ngumkhando wamnye wegolide ecocekileyo. 23Wenza izibane zaso zasixhenxe, nezifinyiso zaso, neengcedevu zaso, ngegolide ecocekileyo. 24Wasenza ngetalente• yegolide ecocekileyo, neempahla zaso zonke.
25Wenza nesibingelelo sokuqhumisela ngomngampunzi. Ubude baso baba yikubhite, ububanzi baso baba yikubhite, saba mbombo-né; ukuphakama kwaso kwaziikubhite ezimbini; zaphuma kuso iimpondo zaso. 26Wasaleka ngegolide ecocekileyo umphezulu waso, namacala aso ngeenxa zonke, neempondo zaso, wasithi jize ngesithsaba segolide. 27Wasenzela amakhonkco amabini ngegolide, phantsi kwesithsaba saso ezimbombeni zaso ezimbini, emacaleni aso omabini, aziindawo zezibonda ukuba sithwalwe ngazo. 28Wazenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngegolide.
29Wenza neoli engcwele yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi esingàngxengelelweyo, umsebenzi womqholi ke lowo.