Unqulo-zithixo lwamandulo kwaSirayeli lubaliselwa amadoda amakhulu abuzayo
1Ke kaloku kwathi ngomnyaka wesixhenxe, ngenyanga yesihlanu, ngolweshumi enyangeni leyo, kwafika amadoda, evela kumadoda amakhulu akwaSirayeli, ukuba abúzise kuYehova. Ahlala phantsi phambi kwam.
2Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 3Nyana womntu, thetha namadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nizé kubúzisa kum na? Ndihleli nje, unakànye ukuba ndibuzwe nini; itsho iNkosi uYehova. 4Uza kubagweba na, uza kugweba na, nyana womntu? Bazíse ke amasikizi ooyise.
5Yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini endamnyulayo uSirayeli, endayiphakamiselayo isandla sam imbewu yendlu kaYakobi, endazazísayo kubo ezweni laseYiputa, endabapha kamisela isandla sam, ndisithi, NdinguYehova uThixo wenu: 6ngaloo mini kanye, ndabaphakamisela isandla sam, ukuze ndibakhuphe ezweni laseYiputa, ndibase ezweni endabahlolelayo lona, elibaleka amasi nobusi, liligugu kunamazwe onke. 7Ndathi kubo, Lahlani elowo izinto ezinezothe zamehlo akhe, ningazenzi iinqambi ngezigodo zaseYiputa; ndinguYehova uThixo wenu.
8Basuka baba neenkani kum, àbavuma ukundiphulaphula, àbazilahla elowo izinto ezinezothe zamehlo akhe, àbazishiya izigodo zaseYiputa. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo, ndiwuphelelisele kubo umsindo wam phakathi kwelizwe laseYiputa. 9Koko ndenzáyo ngenxa yegama lam; ukuze lingàhlanjelwa emehlweni eentlanga, ababephakathi kwazo, endazazísa kubo emehlweni azo, ekubakhupheni kwam ezweni laseYiputa.
10Ndabakhupha ke ezweni laseYiputa, ndabása entlango; 11ndabanika imimiselo yam, ndabazísa namasiko am, awothi umntu ewenzile, aphile ngawo. 12Kananjalo ndabanika iisabatha zam, ukuba zibe ngumqondiso phakathi kwam nabo, ukuze bazi ukuba mna Yehova ndiya bangcwalisa. 13Indlu kaSirayeli yesuka yaba neenkani kum entlango; àbahamba ngemimiselo yam; bawacekisa amasiko am, awothi umntu ewenzile, aphile ngawo; bazihlambela kakhulu iisabatha zam. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo entlango, ukuze ndibagqibele. 14Koko ndenzáyo ngenxa yegama lam; ukuze lingahlanjelwa emehlweni eentlanga, endabakhuphayo emehlweni azo.
15Kananjalo mna ndabaphakamisela isandla entlango, ukuba ndingàbasi ezweni endandibanikile, elibaleka amasi nobusi, liligugu kunamazwe onke; 16ngenxa yokuba bawacekisáyo amasiko am, àbahamba ngemimiselo yam, bazihlambela iisabatha zam; ngokuba intliziyo yabo yazilandela izigodo zabo. 17Koko laba nenceba iliso lam kubo, ukuba ndingabatshabalalisi, ndingabagqibeli entlango.
18Ndathi ke koonyana babo entlango, Musani ukuhamba ngemimiselo yooyihlo, ningawagcini amasiko abo, ningazenzi iinqambi ngezigodo zabo. 19Mna Yehova ndinguThixo wenu; hambani ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze; 20nizingcwalise iisabatha zam, zibe ngumqondiso phakathi kwam nani, ukuze názi ukuba ndinguYehova uThixo wenu. 21Basuka oonyana baba neenkani kum; àbahamba ngemimiselo yam, àbawagcina amasiko am ukuba bawenze, awothi umntu ewenzile aphile ngawo; bazihlambela iisabatha zam. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo, ndiphelelisele umsindo wam kubo entlango. 22Koko ndasibuyisayo isandla sam, ndenza ngenxa yegama lam, ukuba lingahlanjelwa emehlweni eentlanga, endabakhuphayo emehlweni azo.
23Kananjalo ndabaphakamisela isandla sam entlango, ukuba ndibachithachithe ezintlangeni, ndibaphangalalisele emazweni; 24ngenxa enokuba bengawenzanga amasiko am, bayicekisayo imimselo yam, bazihlambela iisabatha zam, amehlo abo alandela izigodo zooyise. 25Nam ndabamisela imimiselo engabalungeleyo, namasiko abangenakuphila ngawo. 26Ndabenza iinqambi ngezipho zabo, ekucandiseni kwabo emlilweni yonke into evula isizalo, ukuze ndibaphanzise; ukuze bazi ukuba ndinguYehova.
27Ngako oko, thetha kwindlu kaSirayeli, nyana womntu, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ooyihlo babuye bandinyelisa nangale nto, ekumenezeni kwabo ababemeneza ngako kum. 28Kuba xenikweni ndabasayo ezweni endasiphakamiselayo isandla sam sokuba ndibanike lona, basuka bakhangela zonke iinduli ezinde, nemithi yonke ethe shinyi; bayibingelela khona imibingelelo yabo, banikela khona imisondezo yabo equmbisayo, babeka khona ivumba lamadini abo elithozamisayo, bathululela khona iminikelo yabo ethululwayo. 29Ndathi ke kubo, Esi sigánga niya kuso siyintoni na? Igama laso ke kuthiwa, siSigánga, unanamhla.
30Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nizenzé iinqambi ngendlela yooyihlo, nihenyuze ngokulandela izinto zabo ezinezothe nje; 31nizenzé iinqambi ezigodweni zenu ngokunikela izipho zenu, nangokuba candisa emlilweni oonyana benu nanamhlanje; mna ndingábuzwa níni na, ndlu kaSirayeli? Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, andiyi kubuzwa níni, nakanye.
32Loo nto ithe qatha emoyeni wenu, ayiyi kubakho nokubakho: leyo nithi, Siya kuba njengeentlanga, njengemizalwane yamazwe, silungiselele kwimithi namatye. 33Ndihleli nje, inyaniso, itsho iNkosi uYehova, ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangobushushu obuthululwayo, ndiya kuba ngukumkani phezu kwenu. 34Ndonikhupha ezizweni, ndinibuthe emazweni enaphangalaliswa kuwo, ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangobushushu obuthululwayo, 35Ndiya kunísa kwintlango yezizwe, ndimangalelane nani, sikhangelane ebusweni; 36njengoko ndamangalelana nooyihlo kwintlango yelizwe laseYiputa, ndiya kwenjenjalo ukumangalelana nani; itsho iNkosi uYehova. 37Ndoniphumelisa phantsi kwentonga, ndinibophelele ngomnoqophiso; 38ndibakhèthe kuni abagwilikayo nabakreqayo kum. Ndiya kubakhupha ezweni lokuphambukela kwabo; ke akuyi kungena namnye emhlabeni wakwaSirayeli, ukuze názi ukuba ndinguYehova.
39Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nina ke, ndlu kaSirayeli, hambani, nikhonze elowo isigodo sakhe; kodwa emveni koko, inyaniso, niya kundiphulaphula, ningabi salihlambela igama lam elingcwele ngezipho zenu nangezigodo zenu.
Ubuyiselo lukaSirayeli luxelwa kwangaphambili
40Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Entabeni yam engcwele, entabeni ende yakwaSirayeli, khona apho iya kundikhonza yonke indlu yakwaSirayeli, yonke iphela ezweni; khona apho baya kuba likholo kum; khona apho ndiya kubiza imirhumo yenu neentlahlela yezipho zenu, entweni yenu yonke eniyingcwalisayo. 41Niya kuba likholo kum ninevumba elithozamisayo, ekunikhupheni kwam ezizweni; ndinibuthe emazweni enaphangalaliswa kuwo, ndizingcwalisele kuni emehlweni eentlanga; 42názi ukuba ndinguYehova, ekuniseni kwam emhlabeni wakwaSirayeli, ezweni endasiphakamisela isandla sam sokuba ndilinike ooyihlo, 43Niya kuzikhumbula khona iindlela zenu neentlondi zenu zonke, enazenza iinqambi ngazo; nizikruqukele ngokwenu ngenxa yazo zonke izinto ezimbi enizenzileyo; 44názi ukuba ndinguYehova, ekuniphatheni kwam ngenxa yegama lam, kungekhona ngokweendlela zenu ezimbi, nangokweentlondi zenu ezibolileyo, ndlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.
Isiprofeto ngomlilo kwelasezantsi
45Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 46Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kwelasezantsi, uwise intetho usingise ezantsi, uprofete ngehlathi lelizwe lasezantsi; 47uthi kwihlathi lelizwe lasezantsi, Live ilizwi likaYehova; itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndifaka umlilo kuwe, utshise kuwe wonke umthi omanzi, nawo wonke umthi owomileyo. Akuyi kucima dangatye lamadangatye; borhawuka ubuso babantu bonke, kuthabathele ezantsi kuse entla, 48Yobona yonke inyama, ukuba mna Yehova ndiwubasile; awuyi kucinywa.
49Ndathi, Awu! Nkosi Yehova, bathi ngam lo, Akenzi ngemizekeliso kodwa na?