1Wena ke, nyana womntu, thabatha ikrele elibukhali, libe sisitshetshe sokuguya, ulihambise entlokweni yakho nasesilevini sakho, uthabathe isikali• sokulinganisela, uzahlule iinwele. 2Esinye isahlulo sesithathu uze usitshise ngomlilo esazulwini somzi, zakuzaliseka iintsuku zongqingo; uthabathe nesinye isahlulo sesithathu, uxabele ngekrele ngeenxa zonke kuso; nesinye isahlulo sesithathu usichithachithe emoyeni, ndirhole ikrele emva kwazo. 3Uze uthabathe kuzo zibe mbalwa, uzibophe esondweni lengubo yakho; 4ubuye uthabathe kuzo, uziphose emlilweni, uzitshise ngomlilo. Khona apho kuya kuphuma umlilo, uye kuyo yonke indlu kaSirayeli.
5Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Le Yerusalem ndiyimise esazulwini seentlanga, amazwe angeenxa zonke kuyo. 6Ke iwaphikisile ngokungendawo amasiko am ngaphezu kweentlanga, nemimiselo yam ngaphezu kwamazwe angeenxa zonke kuyo; ngokuba bawacekisile amasiko am, àbahamba ngemimiselo yam. 7Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba nangxola ngaphezu kweentlanga ebezingeenxa zonke kuni, ànahamba ngemimiselo yam, ànawenza amasiko am, ànenza nangolwamasiko eentlanga ebezingeenxa zonke kuni: 8ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, mna, ewe mna, ndikuchasile; ndiya kwenza izigwebo esazulwini sakho emehlweni eentlanga; 9ndenzè kuwe endingazanga ndikwenze, endingayi kubuya ndikwenze okunjalo, ngenxa yamasikizi akho onke. 10Ngako oko ooyise baya kudla oonyana esazulwini sakho, oonyana badle ooyise; ndenzè izigwebo, ndiwachithachithe onke amasalela akho emimoyeni yonke.
11Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, inyaniso, ngenxa enokuba ingcwele yam ùyenzé inqambi ngeento zakho zonke ezinezothe, nangamasikizi akho onke, nam ndiya kulisusa iliso lam, lingabi nanceba, ndingacongi nam. 12Isahlulo sesithathu kuwe siya kufa yindyikitya yokufa, siphele nayindlala esazulwini sakho; esinye isahlulo sesithathu siwè likrele ngeenxa zonke kuwe; esinye isahlulo sesithathu ndisichithachithe emimoyeni yonke, ndirhole ikrele emva kwabo. 13Wóphelela ke kubo umsindo wam, ndibupholisele kubo ubushushu bam, ndithuthuzeleke; bazi ukuba mna Yehova ndithethé ndinekhwele, ekubuphleleliseleni ubushushu bam kubo.
14Phezu koko ndokwenza ube linxuwa nesingcikivo ezintlangeni ezingeenxa zonke kuwe, emehlweni abo bonke abadlulayo. 15Ùya kuba sisingcikivo nesinyeliso, ube sisithethiso nommangaliso kwiintlanga ezingeenxa zonke kuwe, ekwenzeni kwam izigwebo kuwe ngomsindo nangobushushu, nangezohlwayo zobushushu; mna Yehova ndithethile: 16nasekuzithumeni kwam kuwe iintolo ezimbi zendlala, ezizezolonakaliso, endiya kuzithuma ukuze zinonakalise. Ndiya kuyandisa indlala phezu kwenu, ndiwaphule umsimelelo osisonka kuni; 17ndithùme phezu kwenu indlala namarhamncwa, akuhluthe abantwana, ifikelele kuwe indyikitya yokufa negazi, ndikuzisele ikrele; mna Yehova ndithethile.