Imbangi yokwamkeleka kuThixo lukholo, asimthetho
1Ehlani, maGalati aswele ukuqonda! Ngubani na oninyangileyo, ukuba ningayithambeli nje inyaniso, ebethe nje phambi kwamehlo enu uYesu Kristu wabhalwa, wabhegezwa phakathi kwenu, ebethelelwe emnqamlezweni?
2Ndithanda ukukha ndiqonde kuni le ndawo yodwa: Namamkela uMoya emisebenzini yomthetho, namamkela ezindabeni zokholo, kusini na? 3Ninje na ukuswela ukuqonda? Nakuba niqale kuMoya, ngoku nigqibela kwinyama na? 4Izinto ezinzima kangaka nafumana naziva na? ukuba kanti benifumana nisenza. 5Lowo ngoko ùniphayo uMoya, ùsebenza imisebenzi yamandla kuni, úkwenza oko ngokwasemisebenzini yomthetho, úkwenza ngokwasezindabeni zokholo, kusini na? 6njengokuba uAbraham wakholwayo nguThixo, kwaza oko kwabalelwa ebulungiseni kuye.
7Yazini ngoko ukuba ábaselukholweni, ngabo abo abangoonyana baka-Abraham. 8Isibhalo, síbona ke ngenxa engaphambili ukuba uThixo uyazigwebela iintlanga ngokwaselukholweni, sazishumayela ngenxa engaphambili iindaba ezilungileyo kuAbraham, sisithi, Ziya kusikelelelwa kuwe zonke iintlanga. 9Ngoko ke ábaselukholweni bayasikelelwa ndawonye noAbraham okholwayo. 10Kuba bonke abangabasemisebenzini yomthetho, baphantsi kwesiqalekiso; kuba kubhaliwe kwathiwa, Baqalekisiwe bonke abangahlaliyo ezintweni zonke ezibhaliweyo encwadini yomthetho, ukuba bazenze.
11Okokuba ke akukho namnye ugwetyelwayo ngomthetho kuye uThixo, kuyabonakala; ngokuba lowo ùlilungisa, uya kudla ubomi obuphuma elukholweni. 12Wona ke umthetho asingowaselukholweni; úthi, Umntu owazenzayo ezo zinto uya kudla ubomi ngazo. 13UKristu wasithenga, wasikhulula esiqalekisweni somthetho, ngokwenziwa isiqalekiso ngenxa yethu (kuba kubhaliwe kwathiwa, Uqalekisiwe wonke umntu oxhonywe emthini); 14ukuze intsikelelo ka-Abraham ibe sezintlangeni ngoKristu Yesu, ukuze idinga loMoya silamkele ngalo ukholo.
15Bazalwana, ndithetha ngokwabantu: kwanowomntu umnqophiso ozinzisiweyo, akukho namnye uwutshitshisayo, athi mhlawumbi ongeze kuwo. 16Enziwa ke kuye uAbraham amadinga, nakuyo imbewu yakhe. Akathi, nakuzo iimbewu, ngathi uthetha ezininzi; usuka ngathi uthetha nye, athi, Nakuyo imbewu yakho: nguKristu ke lowo. 17Ukutsho ke ndithi, Umnqophiso ozinzisiweyo ngenxa engaphambili nguThixo, usingisele kuKristu, awunakuphangwa igunya ngumthetho, owabakhoyo emva kweminyaka engamakhulu omané anamanci mathathu, ukuze ulibhangise idinga elo. 18Kuba ilifa elo, ukuba liphuma emthethweni, loba alisaphumi edingeni; ke yena uThixo umbabale uAbraham ngedinga.
Injongo yomthetho
19Uyintoni na ngoko umthetho? Walekelwa ngenxa yezigqitho, ukude ifike imbewu leyo yayibekwe ngedinga; wamiswa ngezithunywa zezulu, sisandla somlamleli. 20Ke umlamleli akamnye; uThixo ke yena mnye.
21Umthetho ngoko uchasene na namadinga kaThixo? Nakanye! Kuba, ukuba bekuwiswe umthetho onako ukudlisa ubomi, kuhleliwe nje, ngebuphume emthethweni lowo ubulungisa. 22Ke sona isibhalo sisuke sazivalela ndawonye izinto zonke phantsi kwesono, ukuze idinga eliphuma ekukholweni kuYesu Kristu linikwe abakholwayo.
23Ngaphambi ke kokufika kokholo, sasilindwa, siphantsi komthetho, sivalelwe ndawonye kude kufike ukholo olu, lube luza kutyhilwa. 24Ngoko ke umthetho waba ngosikhaphela kuKristu, ukuze sigwetyelwe ngokwaselukholweni.
Isiphumo sokholo
25Lwakuba lufikile ke ukholo, asibi saba phantsi kwamkhapheli.
26Kuba nina nonke ningoonyana bakaThixo ngako ukukholwa, nikuKristu Yesu; 27kuba nina nonke, nàbhaptizelwayo kuKristu, námambatha uKristu. 28Akusekho mYuda namGrike; akusekho khoboka nakhululekileyo; akusekho ndoda nankazana; kuba nina nonke nimntu mnye, nikuKristu Yesu. 29Ukuba ke nina ningabakaKristu, niyimbewu ka-Abraham ngoko, neendlalifa ngokwedinga.