UYosefu utyhilela umngcamli kaFaro nomoji wakhe amaphupha abo entolongweni
1Kwathi emveni kwezi zinto, umngcamli wokumkani waseYiputa, nomoji wezonka zakhe, bayona inkosi yabo, ukumkani waseYiputa. 2UFaro waba noburhalarhume kubo ababusi bakhe bobabini, umphathi wabangcamli nomphathi waboji bezonka. 3Wabanikela elugcinweni, endlwini yomthetheli wabasiki entolongweni, endaweni abekhonkxelwe kuyo uYosefu. 4Umthetheli wabasiki wamenza uYosefu umveleli wabo, wabalungiselela; baba nomzuzu beselugcinweni.
5Baphupha iphupha bobabini; elowo waphupha iphupha lakhe ngabusuku bunye, elowo ngokokutyhilwa kwephupha lakhe, umngcamli nomoji wezonka bokumkani waseYiputa, ababekhonkxiwe entolongweni. 6UYosefu wangena kubo kwakusa, wabakhangela, wafika bematshekile. 7Wababuza ababusi bakwaFaro, ababenaye elugcinweni endlwini yenkosi yakhe, esithi, Kutheni na ukuba ubuso benu bube bubi namhlanje? 8Bathi kuye, Siphuphé iphupha; akukho ulityhilayo. UYosefu wathi kubo, Izityhilo asizezikaThixo na? Khanindixelele iphupha elo.
9Umphathi wabangcamli wamxelela uYosefu iphupha lakhe, wathi kuye, Ephupheni lam ndibone umdiliya uphambi kwam; 10emdiliyeni apho amasebe emathathu, wangathi wona uphuma amathupha, wadubula iintyantyambo zawo, izihloko zawo zavuthwa zaziidiliya; 11indebe kaFaro isesandleni sam; ndizithàbathe iidiliya, ndizifaxange endebeni kaFaro, ndiyinikele indebe esandleni sikaFaro. 12UYosefu wathi kuye, Siso esi isityhilo salo: amasebe amathathu lawo yimihla emithathu; 13kusele imihla emithathu, aze uFaro ayiphakamise intloko yakho, akubuyisele endaweni yakho, uyinikele indebe kaFaro esandleni sakhe ngokwesiko langaphambili, oko ubungumngcamli wakhe. 14Uze undikhumbule ke, wakulungelwa, undenzele inceba, undikhankanye kuFaro, undikhuphe kule ndlu; 15ngokuba inene ndabiwa ezweni lamaHebhere, nalapha andenzanga nto, ukuba bandifake emhadini lo.
16Umphathi waboji-zonka wabona ukuba isityhilo eso silungile, wathi kuYosefu, Nam ndiphuphile; ndibone iingobozi ezintathu zezonka ezimhlophe ezisentlokweni yam; 17engobozini ephezulu kukho izidlo ngezidlo zonke zikaFaro ezingumsebenzi womoji-zonka, iintaka zisidla kweyona ngobozi iphezulu entlokweni yam. 18Waphendula uYosefu wathi, Siso esi isityhilo salo: iingobozi ezintathu ezo yimihla emithathu; 19kusele imihla emithathu, aze uFaro ayiphakamise intloko yakho, isuke kuwe, akuxhome emthini, ziyidle iintaka inyama yakho iphele.
20Kwathi ngomhla wasithathu, umhla wokuzalwa kukaFaro, wabenzela isidlo bonke abakhonzi bakhe, wayiphakamisa intloko yomphathi wabangcamli, nentloko yomphathi waboji bezonka phakathi kwabakhonzi bakhe. 21Wambuyisela umphathi wabangcamli kubungcamli bakhe; wayinikela indebe esandleni sikaFaro. 22Ke yena umphathi waboji bezonka wamxhoma, njengoko uYosefu wabatyhilelayo. 23Umphathi wabangcamli akamkhumbulanga uYosefu, wamlibala.