Ubudenge beYerusalem buyathethiswa
1Isihlabo esisingisele kumfula wombono.
Ùkholose ngantoni na kaloku, le nto unyukileyo waya phezu kwezindlu wonke uphela? 2Wena uzeleyo kukungxola, wena mzi uxokozelayo, wena nqaba ivuyelelayo; ababuleweyo bakho ababulawanga likrele, abafanga yimfazwe. 3Bonke abaphathi bakho babaleka kunye, bakhonkxwe kungabangakho saphetha; bonke abáfunyanwa kuwe bákhonkxwa kunye ekubalekeleni kwabo kude.
4Ngenxa yoko ndathi, Susani amehlo kum, ndikwenze kube krakra ukulila kwam; musani ukundizama ngokundithuthuzela ngenxa yokubhuqwa kwentombi yabantu bakowethu. 5Ngokuba ifikelwe ngumhla wokudungwadungwa, wokugqushwa, wokuqungwaqungwa, okuvela kwiNkosi uYehova wemikhosi, emfuleni wombono; umhla wokuwiselwa phantsi iindonga, wokuzibika ezintabeni. 6AmaElam aqubulé umphongolo, eneenqwelo zokulwa ezinamadoda nabamahashe; amaKiri ahlubé iingweletshetshe. 7Zathi ke iintili zakho ezintle zazala ziinqwelo zokulwa, bathi abamahashe bamisa bemisile esangweni.
8Wasibhenqa isigqubuthelo sakwaYuda; waza wena ngaloo mini wabheka esikrweqeni sendlu yehlathi. 9Nazibona iintanda zomzi kaDavide ukuba ninzi, nahlanganisa amanzi echibi lasezantsi; 10izindlu zaseYerusalem nazibala; nazidiliza izindlu, ukuze ninqabise udonga. 11Nenza isigingqi samanzi echibi elidala phakathi kweendonga zombini, ànakhangela kumenzi wale nto, anambeka owayibumbayo kwakudala.
12INkosi, uYehova wemikhosi, ngaloo mini yabizela ekulileni, nasekumbambazeleni, nasekuchebeni intloko, nasekubhinqeni iingubo ezirhwexayo; 13kanti kusuke kwaba yimihlali nemivuyo, kusoselwa iinkomo, kuxhelwa iigusha, kudliwa inyama, kuselwa iwayini; kudliwa, kuselwa, kuba kusithiwa, Ngomso soba sesifile. 14UYehova wemikhosi wazityhila ngokwakhe ezindlebeni zam, wathi, Nento, ukuba nokha nicanyagushelwe obo bugwenxa, nide nife! itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.
UShebhena uza kuthulwa esihlalweni kumiselwe uEliyakim
15Yatsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ukuthi, Hamba uye kwelaa gosa, kuShebhena umphathi wendlu, uthi, 16Ùnantoni na apha, unabani na apha, ukuba nje uzixholele ingcwaba apha, njengoxhola ingcwaba lakhe phezulu, ezikrolela ikhaya engxondorheni? 17Yabona, uYehova uya kukudandalazisa ngokudandalazisa kwendoda, akuxhakamfule, akuqinise. 18Úya kukuthándela akuthandele, ube yinto yokunqakulisa, imbumbulu esinga ezweni elibanzi ngeenxa zombini. Ùya kufela apho, zibe lapho iinqwelo zobuqaqawuli bakho, wena, hlazo lendlu yenkosi yakho. 19Ndokuguzula usuke ebugoseni bakho, akugungxule ebumeni bakho.
20Kuya kuthi ngaloo mini, ndibize umkhonzi wam, uEliyakim unyana kaHilekiya; 21ndimambathise iingubo zakho zangaphantsi, ndimbophe ngombhinqo wakho, ndimnikele esandleni ulawulo lwakho, abe nguyise wabemi baseYerusalem nowabendlu kaYuda. 22Ndiya kusibeka isitshixo sendlu kaDavide esixhantini sakhe, avule kungabikho uvalayo, avale kungabikho uvulayo; 23ndimbethelele abe sisikhonkwane endaweni eqinileyo; abe yitrone yozuko kwindlu kayise.
24Baya kubuxhoma kuye bonke ubunzima bendlu kayise, amagatya neempakatha, yonke impahla encinane, kuthabathele empahleni ezizidendeleko, kuse empahleni yonke eyimiphanda. 25Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, síya kususwa isikhonkwane, eso sibethelelwe endaweni eqinileyo, sixakaxwe, siwe, unqanyulwe umthwalo ophezu kwaso; ngokuba uYehova ethethile.