Ibuyambo ezukileyo kwiYerusalem
1Vuka, vuka, nxiba amandla akho, Ziyon! Nxiba iingubo zakho zokuhomba, Yerusalem, mzi ungcwele! Kuba akuyi kuba saphinda kungene kuwe ongalukanga, noyinqambi. 2Zivuthulule uthuli; suk' ume, hlala phantsi, Yerusalem; zíkhulule iimbophelelo zentamo yakho, mthinjwa, ntombi inguZiyon.
3Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Kwathengiswa ngani ngelizé; aniyi kuhlawulelwa nikhululwe ngamali. 4Kuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Abantu bam behla baya eYiputa ekuqaleni, ukuba baphambukele khona; ke ama-Asiriya abacudisa kungekho sizathu. 5Kaloku ke yintoni na enam apha, utsho uYehova, bethatyathwe ngelizé nje abantu bam? Abalawuli babo bayabhomboloza, utsho uYehova; igama lam lihlala ligitywa imini yonke. 6Ngako oko abantu bam baya kulazi igama lam; ngako oko baya kwazi ngaloo mini ukuba ndinguye lowo uthi, Ndingokhoyo.
7Hayi, ukuba zintle kwazo ezintabeni iinyawo zabashumayela iindaba ezimnandi, zabavakalisa uxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo, zabavakalisa usindiso; zabathi kwiZiyon, Úyalawula uThixo wakho! 8Phulaphula ilizwi lababoniseli bakho. Baliphakamisa kunye ilizwi, bayamemelela; ngokuba bekubona iliso kwiliso ukuyibuyisa kukaYehova iZiyon.
9Gqobhokelani ekumemeleleni kunye, manxuwa aseYerusalem; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, uyihlawulele wayikhulula iYerusalem. 10UYehova uyihlubile ingalo yakhe engcwele emehlweni eentlanga zonke; zonke iziphelo zehlabathi ziya kulubona ke usindiso loThixo wethu. 11Mkani, mkani, phumani apho; musani ukuphatha nto iyinqambi; phumani phakathi kwayo; zenzeni nyulu, nina bathwali beempahla zikaYehova. 12Ngokuba aniyi kuphuma buphuthuphuthu, nihambe ngokusaba; kuba uYehova uhamba phambi kwenu, uMqoshelisi wenu nguThixo kaSirayeli.
Intsingiselo yembandezelo yomkhonzi kaYehova
13Yabonani, umkhonzi wam uya kwenza ngengqiqo, uya kuphakama, athi gqi, anyuke kakhulu. 14Kwanjengokuba babemangaliswa nguwe abaninzi (ibinje ukonakala imbonakalo yakhe, ukuda ingabi yeyomntu, nesithomo sakhe ukuda singabi sesoonyana baka-Adam): 15ngokunjalo yena uya kubetha zithi makatha iintlanga ezininzi; ngenxa yakhe ookumkani baya kuthi khamnqa; ngokuba baya kukubona abangazanga bakubaliselwe, bakugqale abangazanga bakuve.