Ingoma yoloyiso kaDebhora
1Baza bavuma ooDebhora noBharaki, unyana ka-Abhinowam, ngaloo mini, besithi,
2Ngenxa yokukhokela kweenkokeli,
Ngenxa yokuqhutywa kwabantu ziintliziyo zabo,
Bongani uYehova.
3Yivani, bokumkani; bekani iindlebe, zidwangube;
Mna lo ndiya kuvuma kuYehova,
Ndiya kumbethela uhadi uYehova, uThixo kaSirayeli.
4Yehova, ekuphumeni kwakho kwaSehire,
Ekunyalaseni kwakho, uvela emhlabeni wakwaEdom,
Lanyikima ihlabathi, lavuza nalo izulu;
Ewe, amafu avuza amanzi.
5Iintaba zazamazama phambi koYehova;
ISinayi leya, phambi koYehova uThixo kaSirayeli.
6Ngemihla kaShamgare, umfo ka-Anati.
Ngemihla kaYaheli, bezingàhanjwa iindlela,
Ababehamba ngeengqushu bahamba ngeendlela eziziphambusa.
7Ebengamiwa amaphandle kwaSirayeli, ebengamiwa,
Ndada ndesuka, mna Debhora,
Ndesuka ndaba ngunina kwaSirayeli.
8Kwakunyulwe oothixo abatsha,
Kwaza kwayimfazwe emasangweni;
Ingweletshetshe nomkhonto wawubonwa yini na,
Phakathi kwamawaka amashumi mané akwaSirayeli?
9Intliziyo yam ingakubamisi-mthetho bakwaSirayeli,
Ingakwabo baqhutywa yintliziyo yabo phakathi kwabantu;
Bongani uYehova.
10Nina bakhwele ezimazini ezimhlophe zamaesile,
Nina bahlala ezinkukweni,
Nani bahamba ngendlela, camngcani.
11Kùde nezwi lababi bamaxhoba, apho kukhiwa khona amanzi,
Khona apho bobonga imisebenzi kaYehova yobulungisa,
Imisebenzi yobulungisa awayenza emaphandleni akhe kwaSirayeli;
Oko behla abantu bakaYehova, baya emasangweni.
12Vuka, vuka, Debhora!
Vuka, vuka, hlaba ingoma!
Suk' ume, Bharaki, thimba abathinjwa bakho, nyana ka-Abhinowam.
13Yihlani ke, maqongqolo aziingangamsha, ningabantu;
Yehova, ndíhlele phakathi kwamagorha.
14Avela kwaEfrayim angcambu ikwa-Amaleki,
Emva kwakho, Bhenjamin, phakathi kwezizwe zakowenu;
Kwehla kwaMakire abamisi-mthetho,
KwaZebhulon umqikela unomnqayi wombhali wempi.
15KwaIsakare abathetheli kunye noDebhora,
NjengoIsakare, ukwanjalo uBharaki;
Bagaleleka entilini, bamlandela.
Emijelweni yakwaRubhen
Yaba kukusongela okukhulu kwentliziyo.
16Ubuhlaleleni na phakathi kwezibaya,
Uphulaphula amakhwelo emihlambini?
Emijelweni yakwaRubhen
Yaba kukugocagoca okukhulu kwentliziyo.
17UGiliyadi phesheya kweYordan walala, àkalwa;
UDan ke yena walibala yini na ngasezinqanaweni?
UAshere wahlala ngaselunxwemeni lolwandle.
Walala phantsi ngasemachwebeni alo, àkalwa.
18AmaZebhulon ngabantu ababenza isichenge ubomi babo ekufeni,
NamaNafetali, ezindaweni eziphakamileyo zelizwe.
19Kwafika ookumkani, balwa,
Baza ookumkani bakwaKanan balwa
ETahanaki, ngasemanzini aseMegido;
Àbathimba neqhosha lesilivere.
20Zalwa ezulwini,
Zalwa iinkwenkwezi emendweni yazo noSisera.
21Umlanjana waseKishon wabakhukulisa,
Umlanjana wamanyange, umlanjana waseKishon.
Nyathela ngamandla, mphefumlo wam.
22Aza angqisha ke ngamanqina amahashe
Ngokuphala, ngokuphala anamandla kuwo.
23Qalekisani iMerozi, satsho isithunywa sikaYehova,
Qalekisani, qalekisani abemi bakhona.
Ngokuba bengezanga kunceda uYehova,
Kunceda uYehova phakathi kwamagorha.
24Makasikelelwe kunezinye iintokazi uYaheli,
UmkaHebhere umKeni.
Makasikelelwe kuneentokazi ezisezintenteni.
25Wacela amanzi, wamnika amasi,
Ngesitya sezinhanha wasondeza ingqaka.
26Wasa isandla sakhe esikhonkwaneni,
Wasa esokunene esandweni sabasebenza kanzima,
Wamkhanda uSisera, wamhlekeza intloko,
Wamhlaba, wambhodloza ezintlafunweni.
27Waguqa ezinyaweni zakhe, wawa, walala phantsi.
Waguqa ezinyaweni zakhe, wawa;
Apho waguqa khona, wawa ephelile.
28Walunguza ngefestile, wamemeza
Ngesithuba unina kaSisera, wathi,
Ilibele yini na inqwelo yakhe yokulwa, ingafiki nje?
Zihlaleleni na iinqwelo zakhe zomkhosi, zingahlokomi nje?
29Aphendule alumkileyo amakhosazana akhe —
Ke yena aphinde kwaelakhe, ethetha yedwa, athi,
30Àbafumene na? Àbâbi amaxhoba na?
Yintombi, ziintombi ngambini kwintloko yendoda?
Ngamaxhoba eengubo ezimfakamfele kuSisera?
Ngamaxhoba eengubo ezimfakamfele, eengubo ezilukwe zamfakamfele?
Yingubo emfakamfele, ziingubo ezimbini ezilukwe zamfakamfele ezintanyeni zamaxhoba?
31Makube njalo ukubhubha kweentshaba zakho zonke, Yehova;
Ke abamthandayo mababe njengokuphuma kwelanga linamandla.
Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mané.