1Àkaphumé mkhosi na ehlabathini umntu?
Àyinjengemihla yomqeshwa na imihla yakhe?
2Njengesicaka esibe sizonda umthunzi,
Njengomqeshwa olinde umvuzo wakhe?
3Ndenjenjalo ukwamkeliswa iinyanga ezinenkohliso,
Ndabalelwa nobusuku bobubi.
4Ndakuba ndilele phantsi, ndithi,
Ndiya kuvuka nini na? Ukuhlwa kolukile,
Ndidikiwe kukuqikaqikeka kude kuse.
5Inyama yam yambeswe iimpethu namagada omhlaba;
Ulùsu lwam lungamaqhula, lubhiqiza.
6Imihla yam ikhawuleza ngaphezu komkhonjana womluki,•
Iphela kungekho themba.
7Khumbula ukuba bungumoya ubomi bam;
Iliso lam aliyi kubuya likubone okulungileyo.
8Aliyi kuba sandalama iliso londiboni leyo;
Amehlo akho ekum, ndingabikho.
9Liphelile ilifu, limkile;
Unjalo ohla aye kwelabafileyo, akenyuki.
10Akabi sabuyela endlwini yakhe,
Ingabi samazi indawo yakhe.
11Nam andiyi kuwubamba umlomo wam;
Ndiya kuthetha ekubandezelweni komoya wam,
Ndikhalaze ebukrakreni bomphefumlo wam.
12Ndilulwandle na, ndiyingwenya na,
Ukuba undimisele umlindo?
13Xa bendisithi, Wóndithuthuzela umandlalo wam,
Sondithwalisisa inkalazo yam isingqengqelo sam:
14Wesuka wena wandoyikisa ngamaphupha,
Wandidandathekisa emibonweni,
15Wada umphefumlo wam wanyula ukukrwitshwa;
Wanyula ukufa ngaphezu kwamathambo la.
16Ndikruqukile; andingi ndingadla bomi ngonaphakade;
Ndíyeke, kuba ingumphunga imihla yam.
17Uyintoni na umntu lo, le nto umkhulisayo,
Le nto uyisingise kuye intliziyo yakho,
18Umvelele imiso yonke
Umcikide imizuzu yonke?
19Kunini na ungawasusi amehlo kum,
Ungandiyeki, khe ndiginye amathe?
20Ndithé ndona, ndingákwenza ntoni na?
Wena mlindi woluntu,
Yini na ukuba undenze itekeni,•
Ndibe ngumthwalo kum?
21Yini na ukuba ungasixoleli isikreqo sam, ungabudlulisi ubugwenxa bam?
Kuba kaloku ndiya kuzilalisa eluthulini;
Wòndondela kakhulu, ndingabikho.