ILEVITIKUS 12
Ubunqambi bomfazi ozeleyo
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Umfazi, xa athe wathabatha, wazala inkwenkwe, woba yinqambi imihla esixhenxe; njengemihla yokungcola komzí wakhe woba yinqambi. 3Ngomhla wesibhozo iya kwalùswa inyama yokwalùswa; 4aze ahlale egazini lokuhlanjululwa kwakhe iintsuku ezimashumi mathathu anantsuku-ntathu; angazichukumisi zonke izinto ezingcwele, angangeni engcweleni, zide zizaliseke iintsuku zokuhlanjululwa kwakhe. 5Ke ukuba uthe wazala intombi, woba yinqambi iiveki ezimbini, njengasekungcoleni kwakhe; ahlale phezu kwegazi lokuhlanjululwa kwakhe iintsuku ezimashumi mathandathu anantsuku ntandathu.
6Ekuzalisekeni kweentsuku zokuhlanjululwa kwakhe ngonyana, nokuba kungentombi, wozisa imvana emnyaka mnye ibe lidini elinyukayo, negobo levukuthu nokuba lihobe, libe lidini lesono, emnyango wentente yokuhlangana, kuye umbingeleli; 7alisondeze yena phambi koYehova, emcamagushele, aze ahlambuluke ke ethombeni legazi lakhe. Nguwo lowo umyalelo wozeleyo inkwenkwe nokuba yintombi.
8Ke ukuba isandla sakhe sithe asaba nakufumana nto ilingana nemvana, wothabatha amahobe abe mabini, nokuba ngamagobo evukuthu abe mabini, elinye libe leledini elinyukayo, elinye libe leledini lesono, umbingeleli amcamagushele, aze ahlambuluke ke.
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.