Imithetho malunga nezibane nezonka zesiboniso
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, bathabathe bazise kuwe ioli eqaqambileyo yeminquma engqushiweyo yesikhanyiso, ukuba kumiswe isibane samaxesha onke. 3Nganeno komkhusane wesingqino, ententeni yokuhlangana, wóhlala ezicwangcisa uAron izibane phambi koYehova, kuthabathela ngokuhlwa kuzise ekuseni: ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu. 4Wohlala ezicwangcisa izibane esiphathweni sezibane esicocekileyo phambi koYehova.
5Uze uthabathe umgubo ocoliweyo, uwose ube yimiqhathane elishumi elinamibini, umqhathane omnye ube zizahlulo ezibini zesishumi. 6Uze uyikrozise ngemikrozo emibini, ibe mithandathu mkrozweni mnye, etafileni ecocekileyo ephambi koYehova; 7ubeke intlaka emhlophe eqaqambileyo phezu komkrozo ngamnye, ibe sisikhumbuzo sesonka, ukudla kwasemlilweni kuYehova. 8Wóhlala eyicwangcisa phambi koYehova ngemihla yonke yesabatha, ivela koonyana bakaSirayeli: ngumnqophiso ongunaphakade. 9Yoba yeka-Aron noonyana bakhe, bayidle endaweni engcwele; kuba yingcwele kangcwele kuye, ivela ekudleni kwasemlilweni kukaYehova: ngummiselo ongunaphakade.
Imithetho malunga nokunyelisa
10Ke kaloku kwaphuma unyana womSirayelikazi phakathi koonyana bakaSirayeli; waye engunyana womYiputa. Lo nyana womSirayelikazi nomfo wakwaSirayeli bantlalana eminqubeni, 11unyana womSirayelikazi lowo walithuka iGama, watshabhisa. Bamzisa kuMoses (igama lonina lalinguShelomiti, intombi kaDibri, wesizwe sakwaDan). 12Bamfaka elugcinweni, bade babahlulele loo nto ngokomlomo kaYehova.
13Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 14Mkhupheni lowo utshabhisileyo, abe ngaphandle kweminquba; bonke abo bamvileyo bacinezele ngezandla zabo entlokweni yakhe, limxulube ngamatye lonke ibandla. 15Uze uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, Umntu ngomntu, xa athe wamtshabhisa uThixo wakhe, wosithwala isono sakhe. 16Olithukayo igama likaYehova makabulawe afe. Lonke ibandla lomxuluba okunene ngamatye, kwanomphambukeli, kwanozalelwe ekhaya; ekulithukeni kwakhe iGama makabulawe.
17Umntu othe wabetha umntu wafa, nokuba nguwuphi, makabulawe afe. 18Obethe inkomo yafa, woyimisela; umphefumlo ngomphefumlo. 19Umntu xa athe wamlimaza ummelwane wakhe, njengoko enze ngako, makwenziwe ngako kuye: 20ukwaphulwa ngokwaphulwa, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo. Njengoko amlimazileyo umntu, makwenziwe ngoko kuye. 21Obethe inkomo yafa, woyimisela; ke obethe umntu wafa makabulawe. 22Masibe sinye isigwebo senu kumphambukeli nakozalelwe ekhaya; ngokuba ndinguYehova uThixo wenu.
23Wathetha uMoses koonyana bakaSirayeli; bamkhuphela phandle kweminquba lowo utshabhisileyo, bamxuluba ngamatye. Benza oonyana bakaSirayeli njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.