Umsondezo wombingelelo wesono
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Xa athe ubani wona ngokulahlekana nomthetho kaYehova, nokuba nguwuphi na, wezinto ezingezakwenziwa, wenza enye kuzo: 3ukuba umbingeleli othanjisiweyo uthe wona, bazeka ityala abantu: wosondeza kuYehova ngenxa yesono sakhe oné ngaso inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, libe lidini lesono. 4Wóyizisa inkunzi entsha emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, acinezele ngesandla sakhe phezu kwentloko yenkunzi entsha, ayixhelele inkunzi entsha phambi koYehova. 5Umbingeleli othanjisiweyo wocaphula egazini lenkunzi entsha, alizise ententeni yokuhlangana; 6awuthi nkxu umbingeleli umnwe wakhe egazini, afefe ngenxalenye yelo gazi izihlandlo zosixhenxe phambi koYehova, phambi komkhusane wengcwele; 7ayidyobhe umbingeleli inxalenye yegazi ezimpondweni zesibingelelo sesiqhumiso esimnandi esiphambi koYehova, esisententeni yokuhlangana; ke lonke igazi lenkunzi entsha aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo, esisemnyango wentente yokuhlangana. 8Amanqatha onke enkunzi entsha yedini lesono maze awasuse kulo: umhlehlo ogubungele izibilini, namanqatha onke asezibilinini, 9nezintso zombiní, nenqathalazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni, 10njengoko asuswayo enkomeni yombingelelo woxolo. Woqhumisela ngawo umbingeleli esibingelelweni sedini elinyukayo. 11Ke isikhumba senkunzi entsha, nenyama yayo yonke, kunye nentloko yayo, kunye neentungo zayo, nezibilini zayo, nomswane wayo, 12yonke inkunzi entsha, wóyikhuphela ngaphandle kweminquba, ayise endaweni emhlophe, apho kuphalazwa khona uthuthu, ayitshise phezu kweenkuni ngomlilo, itshiswe apho kuphalazwa khona uthuthu.
13Ke ukuba lonke ibandla lakwaSirayeli lithe lalahleka, yafihlakala loo nto emehlweni esikhungu, benza into kumthetho kaYehova nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, bazeka ityala, 14saza sazíwa isono aboné ngaso: isikhungu sosondeza inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe lidini lesono, balizise phambi kwentente yokuhlangana. 15Ocinezela amadoda amakhulu ebandla ngezandla zawo phezu kwentloko yenkunzi entsha leyo, phambi koYehova, ayixhelele inkunzi entsha phambi koYehova. 16Umbingeleli othanjisiweyo woyizisa inxalenye yegazi lenkunzi entsha ententeni yokuhlangana; 17awuthi nkxu umbingeleli umnwe wakhe egazini, afefe izihlandlo zosixhenxe phambi koYehova, phambi komkhusane; 18inxalenye yegazi ayidyobhe ezimpondweni zesibingelelo esiphambi koYehova, esisententeni yokuhlangana, igazi lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo, esisemnyango wentente yokuhlangana. 19Wowasusa amanqatha onke kulo, aqhumisele ngawo esibingelelweni. 20Makenze kule nkunzi intsha njengoko wenza kwinkunzi entsha yedini lesono, enjenjalo nakule, umbingeleli abacamagushele; boxolelwa ke. 21Woyikhuphela inkunzi entsha ngaphandle kweminquba, ayitshise njengoko wayitshisayo inkunzi entsha yokuqala. Lidini lesono lesikhungu elo.
22Xa kuthe kona isikhulu, senza into ngokulahlekana nomthetho kaYehova uThixo waso, nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, sazeka ityala; 23ukuba sithe satyhilwa kuso isono saso esoné ngaso: sozisa umsondezo waso, ixhonti lebhokhwe eliliduna eligqibeleleyo. 24Socinezela ngesandla saso phezu kwentloko yebhokhwe exhonti, siyixhelele apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo phambi koYehova. Lidini lesono ke elo. 25Umbingeleli wocaphula egazini ledini lesono ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo; 26aqhumisele ngamanqatha alo onke esibingelelweni, njengamanqatha ombingelelo woxolo, umbingeleli asicamagushele ngesono saso; soxolelwa ke.
27Ukuba ubani othile wasebantwini balo ilizwe uthe wona ngokulahleka, ngokwenza into kumthetho kaYehova, nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, wazeka ityala; 28ukuba sithe satyhilwa kuye isono sakhe oné ngaso: wózisa umsondezo wakhe, ixhonti elilithokazi lebhokhwe, eligqibeleleyo, ngenxa yesono sakhe oné ngaso. 29Wocinezela ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini lesono, alixhelele idini lesono endaweni yedini elinyukayo. 30Umbingeleli wocaphula egazini lalo ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo. 31Wowasusa onke amanqatha alo, njengoko asuswayo amanqatha ombingelelo woxolo, aqhumisele ngawo umbingeleli esibingelelweni, libe livumba elithozamisayo kuYehova; umbingeleli amcamagushele; woxolelwa ke.
32Ukuba ke umsondezo wakhe wedini lesono uyimvana, wózisa ithokazi eligqibeleleyo; 33acinezele ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini lesono, alixhelele idini lesono apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo. 34Umbingeleli wocaphula egazini ledini lesono ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo. 35Maze awasuse onke amanqatha alo, njengoko asuswayo amanqatha emvana kumbingelelo woxolo, aqhumisele ngawo umbingeleli esibingelelweni, phezu kokudla kwasemlilweni kukaYehova, umbingeleli amcamagushele ngesono sakhe oné ngaso; woxolelwa ke.