Ukungcwaliswa kuka-Aron noonyana bakhe babe ngababingeleli
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Thabatha ooAron noonyana bakhe kunye naye, nezambatho ezo, neoli yokuthambisa, nenkunzi entsha yenkomo yedini lesono, neenkunzi zezimvu zibe mbini, nengobozi yezonka ezingenagwele; 3ulibizele ndawonye lonke ibandla emnyango wentente yokuhlangana.
4Wenza uMoses ngoko uYehova wamwisela umthetho ngako; walibizela ndawonye ibandla emnyango wentente yokuhlangana. 5Wathi uMoses kwibandla, Yiyo le into awise umthetho ngayo uYehova ukuba yenziwe. 6UMoses wabasondeza ke ooAron noonyana bakhe, wabahlamba ngamanzi. 7Wamnxiba ingubo yangaphantsi, wambhinqisa umbhinqo, wamambathisa ngengubo yokwaleka, wamnxiba iefodi, wambhinqisa umbhinqo we-efodi, wayibhinqa ngawo; 8wamnxiba ubengo; elubengweni wafaka iiUrim neeTumim;• 9wamfaka unkontsho entloko; elunkontshweni ngaphambili wabeka imbasa yegolide, isithsaba esingcwele, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
10Wayithabatha uMoses ioli yokuthambisa, wawuthambisa umnquba neento zonke ezikuwo, wazingcwalisa; 11wafefa ngenxalenye yayo esibingelelweni izihlandlo zosixhenxe, wasithambisa isibingelelo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ukuba zingcwaliswe ezo zinto. 12Wagalela inxalenye yeoli yokuthambisa kuAron entloko, wamthambisa ukuba angcwaliswe.
13UMoses wabasondeza oonyana baka-Aron, wabanxiba iingubo zangaphantsi, wababhinqisa umbhinqo, wababopha iminqwazi, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
14Wasondeza inkunzi entsha yenkomo yedini lesono, bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabo phezu kwentloko yenkunzi entsha yedini lesono. 15Yaxhelwa ke; walithabatha uMoses igazi, walidyobha wajikelezisa ezimpondweni zesibingelelo ngomnwe wakhe, isibingelelo wasihlambulula sona, waliphalazela igazi esisekweni sesibingelelo, wasingcwalisa, ukuba asicamagushele. 16Wawathabatha onke amanqatha asezibilinini, nomhlehlo wesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, waqhumisela ngezo zinto uMoses esibingelelweni. 17Ke inkunzi entsha yenkomo, nesikhumba sayo, nenyama yayo, nomswane wayo, wayitshisa ngomlilo ngaphandle kweminquba, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
18Wayisondeza inkunzi yemvu yedini elinyukayo; bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabo phezu kwentloko yenkunzi yemvu. 19Yaxhelwa ke; uMoses walitshiza igazi, wajikelezisa esibingelelweni; 20inkunzi yemvu wayityatya; waqhumisela uMoses ngentloko, nenyama, nenqatha. 21Wazihlamba izibilini neentungo ngamanzi, waqhumisela uMoses ngenkunzi yemvu iphela esibingelelweni. Lidini elinyukayo elo lokuba livumba elithozamisayo; kukudla kwasemlilweni oko kuYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
22Wayisondeza neyesibini inkunzi yemvu, inkunzi yemvu yokumisela; bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabo phezu kwentloko yenkunzi yemvu. 23Yaxhelwa ke; wacaphula uMoses egazini layo, walidyobha esithinzini sendlebe yasekunene ka-Aron, nasesithupheni sesandla sakhe sokunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene. 24Wasondeza oonyana baka-Aron, uMoses wadyobha inxalenye yegazi esithinzini sendlebe yabo yasekunene, nasesithupheni sesandla sabo sokunene, nakubhontsi wonyawo lwabo lwasekunene. UMoses walitshiza igazi, wajikelezisa esibingelelweni.
25Walithabatha inqatha, nomsila, namanqatha onke asezibilinini, nomhlehlo wesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, nomlenze wasekunene; 26engobozini yezonka ezingenagwele, ephambi koYehova, wathabatha umqhathane ongenagwele wamnye, nomqhathane wesonka esineoli wamnye, nesonkana esisicaba sasinye, wabeka phezu kwamanqatha naphezu komlenze wasekunene. 27Wazibeka zonke ezo zinto ezandleni zika-Aron, nasezandleni zoonyana bakhe, wazitshangatshangisa, zaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova. 28Wazithabatha uMoses ezandleni zabo, waqhumisela ngazo esibingelelweni, phezu kwedini elinyukayo: zaba lumiselo, laba livumba elithozamisayo, kwaba kukudla kwasemlilweni kuYehova oko. 29Wayithabatha uMoses incum, wayitshangatshangisa, yaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova; inkunzi yemvu yomiselo yasisabelo sikaMoses, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
30Wacaphula uMoses eolini yokuthambisa, nasegazini elisesibingelelweni, wafefa kuAron nasezambathweni zakhe, nakoonyana bakhe, nasezambathweni zoonyana bakhe kunye naye, wamngcwalisa uAron nezambatho zakhe, noonyana bakhe nezambatho zoonyana bakhe kunye naye.
31Wathi uMoses kooAron noonyana bakhe, Yiphekeni inyama emnyango wentente yokuhlangana, niyidle khona apho, nesonka esisengobozini yomiselo, njengoko ndawisayo umthetho, ndisithi, OoAron noonyana bakhe boyidla. 32Into eseleyo yenyama neyesonka noyitshisa ngomlilo. 33Ize ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana, imihla esixhenxe, kude kube ngumhla wokuzaliseka kwemihla yokumiselwa kwenu; kuba bonimisela imihla esixhenxe. 34Njengoko kwenziwe ngako namhla, uYehova uwise umthetho ukuba kwenjiwe njalo ukunicamagushela. 35Nòhlala emnyango wentente yokuhlangana, imini nobusuku, imihla esixhenxe, nigcine isigxina sikaYehova, ukuze ningafi; kuba ndiwiselwe umthetho ngokunjalo.
36Benza ooAron noonyana bakhe zonke izinto abewise umthetho ngazo uYehova ngesandla sikaMoses.