Abafundi abalishumi elinababini nokuthunywa kwabo
(; ; )
1Waza wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika igunya koomoya abangcolileyo, ukuze babakhuphe, nelokuphilisa izifo nezikhuhlane zonke.
2Amagama ke abapostile• abo balishumi elinababini ngawo la: owokuqala, uSimon ekuthiwa nguPetros, noAndreya umzalwana wakhe; uYakobi kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe; 3uFilipu noBhartolomeyu; uTomas noMateyu, umbuthi werhafu; uYakobi ka-Alifeyu, noLebheyu, ogama limbi linguTadeyu; 4uSimon umKanan noYuda Sikariyoti, lowo wamngcatshayo.
5Abo bashumi linababini wabathuma uYesu, akuba ebayalile, wathi, Ze ningasingi endleleni yeentlanga, ningangeni nasemzini wamaSamariya; 6yiyani ke kanye kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli. 7Ekuhambeni kwenu ke vakalisani, nisithi, Ubukumkani bamazulu busondele. 8Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkéle ngesisa, yiphani ngesisa. 9Ningaziqwebeli golide nasilivere nalubhedu emibhinqweni yenu; 10nangxowa yandlela, nangubo zangaphantsi ngambini, nambadada, namsimelelo; kuba umsébenzi ufanelwe kukudla kwakhe.
11Emzini ke enithe nangena kuwo, nokuba kusemzaneni, ize nibúzise ukuba ngubani na kuwo ofanelekileyo; nihlale ke khona apho nide nimke. 12Ekungeneni kwenu ke endlwini, ize niyibulise. 13Ukuba ke ifanelekile indlu leyo, malube phezu kwayo uxolo lwenu; ukuba ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kwakuni. 14Nóthe àkawamkela, akaweva amazwi enu, nàkuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu. 15Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom nowaseGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.
16Yabonani, mna ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka; ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nibe njengamahobe ukungabi nabuqhinga. 17Balumkeleni ke abantu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, banityakatye ezindlwini zabo zesikhungu; 18náye ke niya kusiwa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo, nakuzo iintlanga.
19Xa sukuba ke beninikela, ize ningaxhaleli ukuba nothetha ngakuphi na, nokuba nothetha ntoni na; kuba niya kunikwa ngelo lixa oko nothetha khona. 20Kuba asinini abathethayo, nguMoya kaYihlo othethayo ngaphakathi kwenu. 21Ke kaloku umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana; bathi nabantwana basuke phezu kwabazali bababulalisise; 22niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; ke onyamezelayo kwada kwaba kwasekupheleni, uya kusindiswa yena. 23Xa sukuba ke benitshutshisa kuloo mzi, sabelani kuwumbi; kuba inene ndithi kuni, Aniyi kukha niyigqibe imizwi yakwaSirayeli, engekafiki uNyana woMntu.
24Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, akukho mkhonzi mkhulu kunenkosi yakhe. 25Kumanele umfundi ukuba abe njengomfundisi wakhe, nomkhonzi ukuba abe njengenkosi yakhe. Ukuba umninindlu bambize ngoBhelezebhule,• akukhona bobabiza ngaye yini na abo bendlu yakhe? 26Musani ukuboyika ngoko; kuba akukho nto igutyungelweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa. 27Oko ndikuthetha kuni emnyameni, kuxeleni emhlotsheni; noko nikuvayo endlebeni, kumemezeni phezu kwezindlu.
28Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani ke kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo. 29Àbathengiswa ngepeni na oongqatyana ababini? Kanti akuyi kuwa namnye kubo emhlabeni ngaphandle koYihlo. 30Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. 31Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.
32Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini. 33Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini.
34Ningabi ndize kungenisa uxolo emhlabeni; andize kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele. 35Kuba ndize kubambanisa umntu noyise, intombi nonina, umolokazana noninazala. 36Zaye iintshaba zomntu ziya kuba ngabendlu yakhe. 37Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna; nalowo uthanda unyana wakhe nokuba yintombi yakhe kunam, akandifanele mna. 38Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna. 39Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana.
40Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo. 41Lowo wamkela umprofeti egameni lomprofeti, uya kwamkela umvuzo womprofeti; nalowo wamkela ilungisa egameni lelungisa, uya kwamkela umvuzo welungisa. 42Nothe waseza noko amnye waba bangabona bancinane indebe yodwa yamanzi abandayo egameni lomfundi, inene ndithi kuni, akayi kukha alahlekelwe ngumvuzo wakhe.