Ukunqunyulwa kwentloko kaYohane umbhaptizi
(; ; )
1Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesiné selizwe, waluva udaba lukaYesu, 2wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi. Yena uvukile kwabafileyo; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyasebenza kuye.
3Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe. 4Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye. 5Wathi efuna ukumbulala, woyika abantu; ngokuba babebambe ukuthi ungumprofeti.
6Ke kaloku, kwakubon' ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa esazulwini, yamkholisa uHerode. 7Ekuthe ke koko wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo. 8Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.
9Wesuka ukumkani waba buhlungu; ke, ngenxa yezifungo ezo nangenxa yabo babehleli ngasesithebeni naye, watsho ukuthi mayiyinikwe. 10Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho. 11Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina. 12Bafika abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu.
Ukutyiswa kwamawaka amahlanu
(; ; uYoh. 6:1-14)
13Evile ke uYesu, wemka apho ngomkhombe, waya endaweni eyintlango eyedwa. Zivile ke izihlwele, zamlandela ngeenyawo, zivela emizini. 14Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo.
15Kuthe ke kwakuhlwa, beza kuye abafundi bakhe, besithi, Le ndawo iyintlango, kanjalo ilixa lise lidlule; zindulule izihlwele, zimke ziye emizaneni, zizithengele ukudla. 16Uthe ke kubo uYesu, Akufuneki ukuba zimke; zipheni nina zitye. 17Bathi ke bona kuye, Asinanto apha, ingezizo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini. 18Wathi ke yena, Ziziseni kum apha.
19Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni; wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waqhekeza, wazinika abafundi izonka ezo; ke abafundi banika izihlwele. 20Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, zalishumi elinazibini izitya zizele. 21Ke kaloku abo babesidla babengamadoda akumawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana.
UYesu uhamba phezu kolwandle
(; uYoh. 6:16-21)
22Waza uYesu wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye phesheya, lo gama azindululayo izihlwele yena. 23Ezindulule ke izihlwele, wenyuka intaba ngasese, ukuba athandaze. Kwahlwa ke ekhona apho yedwa.
24Ke kaloku umkhombe ubuseluphakathi kolwandle, untsilwa ngamaza; kuba umoya ubuvela ngaphambili. 25Kuthe ke ngowesiné umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle. 26Bathe bakumbona abafundi ehamba phezu kolwandle, bakhathazeka, besithi, Ngumshologu; bakhaliswa kukoyika. 27Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim, musani ukoyika.
28UPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi. 29Wathi ke yena, Yiza. Ehlile uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu. 30Ke kaloku, ebona umoya unamandla, woyika; waza eqala ukutshona wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise. 31Wasolula kwaoko ke isandla uYesu, wambamba, wathi kuye, Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na? 32Bakungena emkhombeni, wadamba umoya. 33Bazile ke abo basemkhombeni, baqubuda kuye, besithi, Inyaniso, unguNyana kaThixo.
34Bakuwela, bafika emhlabeni waseGenesarete. 35Emazile amadoda aloo ndawo, athumela kuwo wonke loo mmandla. 36Bazisa kuye bonke abafayo, bambongoza ukuba bachukumise nje kodwa intshinga yengubo yakhe; baza bonke abayichukumisáyo baphiliswa kanye.