Uvuko lukaYesu
(; ; uYoh. 20:1-18)
1Ke kaloku, ekupheleni kwesabatha, ekuseni ngolokuqala usuku lweveki, kweza uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beza kulikhangela ingcwaba. 2Kwasuka kwabakho unyikimo olukhulu; kuba kwakuhle isithunywa seNkosi emazulwini, seza saliqengqa ilitye lesuka emnyango, sahlala phezu kwalo. 3Ukubonakala kwaso ke kwaye kunjengombane, nesambatho saso saye simhlophe njengekhephu. 4Ngokoyika sona ke bangcangcazela abalindi, baba njengabafileyo. 5Saphendula ke isithunywa sathi kubafazi abo, Musani ukoyika nina; kuba ndiyazi ukuba nifuna uYesu, lowo ubebethelelwe emnqamlezweni. 6Akakho apha; kuba uvukile, njengoko watshoyo; yizani niyibone indawo apho ibilele khona iNkosi. 7Yiyani ngokukhawuleza, nibaxelele abafundi bakhe ukuthi uvukile kwabafileyo; niyabona, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho. Yabonani, ndinixelele.
8Bephume kamsinya engcwabeni, benokoyika nokuvuya okukhulu, bagidima baya kubabikela abafundi bakhe. 9Ke kaloku, xa baya kubabikela abafundi bakhe, wathi thu uYesu, wabahlangabeza, esithi, Vuyani. Beza ke bambamba ngeenyawo, baqubuda kuye. 10Aze athi uYesu kubo, Musani ukoyika; yiyani kubatyela abazalwana bam ukuba baye eGalili; bondibona khona apho.
Ibali lobuxoki elalisasazwa phakathi kwamaYuda
11Bakubon' ukuba bayaya ke, kwesuka kwafika abathile babalindi kuwo umzi, bababikela ababingeleli abakhulu zonke izinto ezenzekileyo. 12Bathe bona, bakùhlanganisana namadoda amakhulu, bakùbhunga, bawanika imali eninzi amasoldati lawo, 13besithi, Ze nithi, Abafundi bakhe beza ngobusuku, bamba silele. 14Nokuba ithe yavakala le nto kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, senze ningabi naxhala nina. 15Ayithabatha ke imali leyo, enza njengoko abexelelwe ngako. Laza elo zwi laduma kumaYuda, kwada kwanamhlanje.
UYesu uyazibonakalisa kubafundi kwelaseGalili
16Bahamba ke abafundi abalishumi elinamnye, baya kwelaseGalili, kuloo ntaba wayebayalele yona uYesu. 17Baza bakumbona baqubuda kuye; ke inxenye yathandabuza.
18Weza uYesu wathetha kubo, esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini. 19Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; 20nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli. Amen.