Ukuphiliswa kowome isandla
()
1Wabuya wangena endlwini yesikhungu. Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo. 2Baye bemlalele, ukuba womphilisa na ngesabatha, ukuze bammangalele. 3Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi. 4Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na? Ke bahlala bathi tu. 5Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, uthi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye. 6Baphuma abaFarisi, benza kwaoko ibhunga namaHerode ngaye, lokuba bamtshabalalise.
7Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya elwandle; yamlandela inkitha eninzi, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaYuda, naseYerusalem, nakwelakwaIdume,• 8naphesheya kweYordan; nabo bangaseTire nabaseTsidon, inkitha eninzi; bathi, bakuva izinto ezinkulu abezenza, beza kuye. 9Wathi kubafundi bakhe, umkhonjana mawuhlale umlindile ngenxa yezihlwele, ukuze bangamxini. 10Kuba waphilisa babaninzi, ngokokude bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise bonke ababenezibetho; 11nabo oomoya abangcolileyo babesithi, xa sukuba bembona, bawe phantsi kuye, bakhale, besithi, Ùnguye wena uNyana kaThixo. 12Wayebakhalimela kakhulu ukuba bangamtyhili.
Ukubizwa kwabalishumi elinababini
()
13Uthi ke anyuke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; besuka beza kuye. 14Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo, 15babe negunya lokuziphilisa izifo, nelokuzikhupha iidemon. 16YanguSimon, awamthiya igama elinguPetros; 17yanguYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi, ngabeendudumo; 18yanguAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi, lo ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon Kanan, 19noYuda Sikariyoti, owamngcatshayo nokumngcatsha.
Ababhali banyelisa uThixo
()
20Bathi beze ekhaya; kubuye kubuthelane izihlwele, ngokokude bangabi nako nokudla isonka. 21Bevile abakowabo, baphuma beya kumbamba; kuba babesithi, Úyageza. 22Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, ÚnoBhelezebhule;• besithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon. 23Uthe ebabizele kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angáthini na uSathana ukukhupha uSathana? 24Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani; 25nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu; 26noSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile. 27Akukho unako ukuthi impahla yegorha angene endlwini yalo ayiphange, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo, andule ukuyiphanga indlu yalo. 28Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo; 29ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgewele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade. 30Watsho kuba besithi, Únomoya ongcolileyo.
Izizalwane zenene zikaYesu
()
31Bafika ke kaloku abazalwana bakhe nonina; bathi, bemi ngaphandle, bathumela kuye bembiza. 32Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna. 33Wabaphendula esithi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam? 34Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, uthi, Nanku uma nabazalwana bam. 35Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaThixo, lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.