Ukushenxiswa kwezinyeliso
1Ngaloo mini kwaleswa encwadini kaMoses ezindlebeni zabantu; kwafunyanwa kubhaliwe kuyo ukuthi, Ama-Amon namaMowabhi makangangeni ebandleni likaThixo naphakade; 2ngokuba engàbakhawulelanga oonyana bakaSirayeli enesonka namanzi; esuka abaqeshela uBhileham, ukuba abaqalekise; ke uThixo wethu wayiguqula ingqalekiso yaba yintsikelelo. 3Kwathi bakuva umyalelo lowo, bawahlula wonke umxube kumaSirayeli.
4Ke kaloku phambi koko, uEliyashibhi umbingeleli, obemiswe phezu kwamagumbi endlu kaThixo wethu, wazalamanisa noTobhiya, 5wamenzela igumbi elikhulu, apho bekufudula kubekwa khona umnikelo wokudla, nentlaka emhlophe, nempahla, nezishumi zengqolowa, nezewayini entsha, nezeoli, ezibe zimiselwe abaLevi neemvumi nabamasango; nemirhumo yababingeleli.
6Ekwenzekeni oko konke bendingekho eYerusalem; ngokuba, ngomnyaka wamashumi amathathu anesibini ka-Artashashta ukumkani waseBhabheli, ndaya kukumkani ekupheleni kwemihla, ndacela kukumkani ukuba ndibuye. 7Ndafika ke eYerusalem, ndabugqala ububi abebenzile uEliyashibhi ngenxa kaTobhiya, ngokumenzela kwakhe igumbi ezintendelezweni zendlu kaThixo. 8Kwaba kubi kum kakhulu; ndazilahlela phandle zonke iimpahla zendlu kaTobhiya ngaphandle kwegumbi. 9Ndatsho, bawahlambulula amagumbi; ndazibuyisela khona iimpahla zendlu kaThixo, umnikelo wokudla, nentlaka emhlophe.
10Ndazi ukuba izabelo zabaLevi abazinikwanga; ngokuba abaLevi neemvumi, ababesebenza umsebenzi, babebalekele elowo emhlabeni wakhe. 11Ndabambana nabaphathi, ndathi, Yini na ukuba indlu kaThixo ishiywe nje? Ndababutha, ndabamisa esikhundleni sabo. 12Aza onke amaYuda azisa izishumi zengqolowa, nezewayini entsha, nezeoli, koovimba. 13Ndamisa phezu koovimba uShelemiya umbingeleli, noTsadoki umbhali, noPedaya kubaLevi; naphantsi kwezandla zabo yanguHanan unyana kaZakure, unyana kaMataniya; ngokuba bekusithiwa banyanisekile; bamiselwa ukwabela abazalwana babo.
14Ndíkhumbule, Thixo wam, ngenxa yoko; musa ukuzicima iinceba zam, endizenzileyo endlwini kaThixo wam, nasezigxineni zayo.
15Ngaloo mihla ndabona kwaYuda abaxovula ezixovulelweni zewayini ngesabatha, nabathutha amasinde, abathwalisa amaesile; kwanewayini, neediliya, namakhiwane, nemithwalo yonke, beyizisa eYerusalem ngemini yesabatha; ndaqononondisa ngaloo mini bathengisa ngokudla ngayo. 16Kwakuhleli khona nabaseTire, bezisé iintlanzi neento zonke zentengiso; bethengisa ngesabatha koonyana bakaYuda eYerusalem.
17Ndabambana nabanumzana bakwaYuda, ndathi kubo, Yintoni na le nto imbi kangaka niyenzayo, niwuhlambelayo umhla wesabatha? 18Babengènjenalo na ooyihlo, waza uThixo wethu wasifikisela thina nalo mzi bonke obo bubi? Ke nina nongeza ukuvutha komsindo kuSirayeli, niyihlambela nje isabatha. 19Bekusithi, kwakuba lungcwalazi phakathi kwamasango aseYerusalem phambi kwesabatha, ndithi mazivalwe iingcango; ndithi mazingàvulwa ide igqithe isabatha. Ndamisa inxenye yamadodana akwam emasangweni, ukuze kungàngeniswa mthwalo ngemini yesabatha. 20Abarhwebi, nabathengisa ngeento zonke zentengiso, babelala ngaphandle kweYesusalem kanye nokuba kukabini. 21Ndaqononondisa kubo, ndathi kubo, Yini na ukuba nilale phambi kodonga? Ukuba nithe naphinda, ndonisa isandla. Kususela kwelo xesha àbabanga seza ngesabetha. 22Ndathi kubaLevi mabazihlambulule, beze bagcine amasango, ukuze kungcwaliswe umhla wesabatha.
Ndíkhumbulele nangale nto, Thixo wam, ube nenceba kum ngokobuninzi benceba yakho.
23Kananjalo ngaloo mihla ndawabona amaYuda abezeké abafazi abangama-Ashdodekazi, nama-Amonikazi, namaMowabhikazi, 24oonyana babo inxenye bethetha ngesiAshdode, bengenakuqonda ukuthetha ngesiYuda, bethetha ngokwentetho yezizwe ngezizwe.
25Ndabambana nawo, ndawatshabhisa, ndabetha amadoda kuwo, ndawadlathula iinwele, ndawafungisa uThixo ngokuthi, Inene, iintombi zenu aniyi kuzendisela koonyana babo, neentombi zabo aniyi kuzizekela oonyana benu, aniyi kuzizeka nani ngokwenu. 26Wayengoné ngenxa yabo yini na uSolomon, ukumkani wamaSirayeli? Ezintlangeni ezininzi kwakungekho kumkani unjengaye: ubethandwa nguThixo wakhe, uThixo wamnika ukuba ngukumkani wamaSirayeli onke; naye lowo bamonisa abafazi bezinye iintlanga. 27Makuvakale ngáni na, ukuba nenzé bonke obu bubi bukhulu, bokwenza ubumenemene kuThixo wethu, ngokuzeka abafazi bezinye iintlanga? 28Ke kaloku koonyana bakaYoyada, unyana kaEliyashibhi, umbingeleli omkhulu, bekukho kubo ongumyeni kwaSanebhalati waseHoron; ndamgxotha ke kum.
29Bákhumbule, Thixo wam, ngenxa yokuhlambela kwabo ububingeleli, nomnqophiso wobubingeleli, nowobuLevi.
30Ndawahlambuluka ke ezintweni zonke zezinye iintlanga, ndazimisa izigxina zababingeleli nezabaLevi, zomntu ngomntu emsebenzini wakhe, 31nezomsondezo weenkuni ngamaxesha amisiweyo, nezeentlahlela.
Ndíkhumbulele okulungileyo, Thixo wam.