Iintlanganiso ezingcwele kwinyanga yesixhenxe
1Ngenyanga yesixhenxe, ngolokuqala enyangeni leyo, kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza. Yoba ngumhla wokumema ngezigodlo kuni. 2Ize nenze idini elinyukayo, libe livumba elithozamisayo kuYehova; ibe nye inkunzi entsha, ithole lenkomo, nenkunzi yemvu ibe nye, neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo, zibe sixhenxe; 3nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwé ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo, nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu, 4nesahlulo seshumi sibe sinye kuyo imvana enye, kuzo iimvana ezisixhenxe; 5nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono lokunicamagushela: 6ngaphandle kwedini elinyukayo lenyanga, nomnikelo walo wokudla, nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, neminikelo yawo ethululwayo, ngokwesiko lawo; libe livumba elithozamisayo, ukudla, kwasemlilweni ke oko kuYehova.
7Ngolweshumi lwaloo nyanga yesixhenxe, kobakho intlanganiso engcwele kuni, niyithobe imiphefumlo yenu. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza; 8nosondeza idini elinyukayo kuYehova, ivumba elithozamisayo; ibe nye inkunzi entsha, ithole lenkomo; nenkunzi yemvu ibe nye; neemvana ezimnyaka mnye zibe sixhenxe; zoba zezigqibeleleyo kuni; 9nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwé ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo, nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu inye, 10nesahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana inye, kuzo iimvana ezisixhenxe; 11nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono: ngaphandle kwedini lesono lokucamagusha, nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwaneminikelo yawo ethululwayo.
12Ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yesixhenxe, kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza. Niya kwenza umthendeleko kuYehova iintsuku ezisixhenxe. 13Nize nisondeze idini elinyukayo, ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova: zibe lishumi elinantathu iinkunzi ezintsha, amathole eenkomo; neenkunzi zezimvu zibe mbini; neemvana ezimnyaka mnye zibe lishumi elinané; zoba zezigqibeleleyo; 14nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwé ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo inye, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo ezilishumi elinantathu, nezahlulo zeshumi zibe zibini kwinkunzi yemvu inye, kuzo iinkunzi zezimvu ezimbini, 15nesahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana inye kuzo iimvana ezilishumi elinané; 16nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono; ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
17Ngosuku lwesibini nosondeza zibe lishumi elinambini iinkunzi ezintsha, amathole eenkomo; neenkunzi zezimvu zibe mbini; neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo, zibe lishumi elinané; 18nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo, nakuzo iinkunzi zezimvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo ngokwesiko; 19nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono; ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwaneminikelo yazo ethululwayo.
20Ngosuku lwesithathu nosondeza iiknunzi ezintsha zeenkomo zibe lishumi elinanye; neenkunzi zezimvu zibe mbini; neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo zibe lishumi elinané; 21nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo, nakuzo iinkunzi zezimvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo, ngokwesiko; 22nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono: ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
23Ngosuku lwesiné nosondeza iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe lishumi, neenkunzi zezimvu zibe mbini, neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo zibe lishumi elinané; 24nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo, nakuzo iinkunzi zezimvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo, ngokwesiko; 25nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye; ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
26Ngosuku lwesihlanu nosondeza iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sithoba, neenkunzi zezimvu zibe mbini, neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo zibe lishumi elinané; 27nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo, nakuzo iinkunzi zezimvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo, ngokwesiko; 28nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono; ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
29Ngosuku lwesithandathu nosondeza iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sibhozo; neenkunzi zezimvu zibe mbini; neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo zibe lishumi elinané; 30nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo, nakuzo iinkunzi zezimvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo, ngokwesiko; 31nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono; ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
32Ngosuku lwesixhenxe nosondeza iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe; neenkunzi zezimvu zibe mbini; neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo zibe lishumi elinané; 33nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo, nakuzo iinkunzi zezimvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo, ngokwesiko lazo; 34nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono: ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
35Ngosuku lwesibhozo yoba yingqungquthela kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza. 36Nosondeza idini elinyukayo, ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova; inkunzi entsha yenkomo ibe nye; nenkunzi yemvu ibe nye; neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo zibe sixhenxe; 37nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuyo inkunzi entsha yenkomo, nakuyo inkunzi yemvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo, ngokwesiko; 38nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono: ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
39Loo madini nowenza kuYehova ngamaxesha enu amisiweyo, ngaphandle kwezibhambathiso zenu, nemibingelelo yenu yokuqhutywa yintliziyo, emadinini enu anyukayo, naseminikelweni yenu yokudla, naseminikelweni yenu ethululwayo, nasemibingelelweni yenu yoxolo.
40UMoses wabaxelela oonyana bakaSirayeli ngokwezinto zonke, uYehova abemwisele umthetho ngazo uMoses.