Isidlo nesimemo sobulumko
1Ubulumko buyakhile indlu yabo,
Buzixholile iintsika zabo zosixhenxe;
2Buzixhelile iinkomo zabo, buyiphithikezile iwayini yabo;
Busilungisile nesithebe sabo;
3Buthume umthinjana wabo, buyamema
Ezingqolweni zeenduli zesixeko, buthi,
4Ngubani na osisiyatha? Makaphambukele apha.
Oswele intliziyo, buthi kuye,
5Yizani nidle isonka sam,
Nisele iwayini endiyiphithikezileyo.
6Yekani ukuba ziziyatha, niphile,
Ninyathele endleleni yengqondo.
7Othethisa umgxeki uzizekela ucukucezo;
Owohlwaya ongendawo uzizekela isiphako.
8Musa ukumohlwaya umgxeki, hleze akuthiye;
Yohlwaya isilumko, sókuthanda.
9Siluleke isilumko, sólumka okunye;
Lazise ilungisa, lókongeza ukufunda.
10Yingqalo yokulumka ukoyika uYehova;
Ukumazi oyiNgcwele kwaphela yingqondo.
11Kuba yoba mininzi imihla yakho,
Wongezwe iminyaka yobomi.
12Ukuba ùthe walumka, uzilumkela okwakho;
Ukuba ùthe wagxeka, oko wokuthwala wedwa.
Isimemo sobudenge
13Umfazi onguNonyabi uyaxokozela,
Unobuyatha, akazi nto;
14Uhleli emnyango endlwini yakhe esihlalweni,
Ezindaweni eziphezulu zesixeko,
15Ukuba ameme abadlula ngendlela,
Abalungelelanisa umendo wabo, esithi,
16Ngubani na osisiyatha? Makaphambukele apha.
Koswele intliziyo, uthi yena,
17Amanzi abiweyo anencasa,
Nesonka esityiwa ngasese simnandi kunene.
18Àkazi ukuba abafileyo bakhona;
Basezinzulwini zelabafileyo abamenywa bakhe.