Umbulelo kuThixo ngenxa yokumhlangula kwakhe umntu ngendlela engummangaliso
1Bulelani kuYehova, ngokuba elungile,
Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
2Mabatsho abakhululwa bakaYehova,
Awabakhululayo esandleni sombandezeli;
3Wababutha emazweni,
Empumalanga nasentshonalanga,
Entla naselwandle.
4Badinga entlango, endleleni esenkanga,
la, Àbafumana mzi wakuhlala.
5Belambile, benxaniwe,
Watyhafa phakathi kwabo umphefumlo wabo.
6Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo,
Wabahlangula ekucuthekeni kwabo;
7Wabanyathelisa endleleni ethe tye,
Ukuba baye kumzi wokuhlala.
8Mabayibulele kuYehova inceba yakhe,
Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
9Kuba ewuhluthisile umphefumlo otshobayo,
Wawuzalisa ngokulungileyo umphefumlo olambileyo.
10Behleli emnyameni nasethunzini lokufa,
Bekhonkxwe yimbandezelo nasisinyithi,
11Ngokuba bephikise amazwi kaThixo,
Belitshitshisa icebo lOsenyangweni:
12Wayithoba intliziyo yabo ngokubasebenzisa kanzima;
Bakhubeka, akwabakho mncedi.
13Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo;
Wabasindisa ekucuthekeni kwabo.
14Wabakhupha emnyameni nasethunzini lokufa,
Waziqhawula iimbophelebo zabo.
15Mabayibulele kuYehova inceba yakhe,
Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
16Kuba ezaphule iingcango zobhedu,
Wayixakaxa imivalo yesinyithi.
17Abamathileyo, ngenxa yendlela yokukreqa kwabo,
Nangenxa yobugwenxa babo, bácinezelwa;
18Konke ukudla kwaba lisikizi kumphefumlo wabo,
Báfika emasangweni okufa.
19Bákhala ke kuYehova embandezelweni yabo,
Wabasindisa ekucuthekeni kwabo.
20Wathumela ilizwi lakhe, wabaphilisa,
Wabasiza ezihogweni zabo.
21Mabayibulele kuYehova inceba yakhe,
Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
22Mababingelele imibingelelo yombulelo,
Bancokole ngezenzo zakhe bememelela.
23Abaya elwandle ngeenqanawa,
Benze ishishini emanzini amaninzi,
24Bazibona bona izenzo zikaYehova,
Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo enzulwini.
25Watsho, wavusa umoya ovuthuzayo,
Waphakamisa amaza ayo.
26Banyuka basinga ezulwini, behla basinga emanzini enzonzobila;
Umphefumlo wabo uthe amandla bububi.
27Bathendeleka, bahexa njengenxila,
Butshone bonke ubulumko babo.
28Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo,
Wabakhupha ekucuthekeni kwabo.
29Ukumisile ukuvuthuza, kwathi cwaka,
Amaza ayo azola;
30Bavuya ke, kuba edambile;
Wabafikisa echwebeni abalilangazelelayo.
31Mabayibulele kuYehova inceba yakhe,
Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
32Mabamphakamise ebandleni labantu,
Bamdumise embuthweni yamadoda amakhulu.
33Úyenze imilambo yaba yintlango,
Namathende amanzi aba ngumhlaba onxaniweyo;
34Ilizwe elineziqhamo laba leletyuwa,
Ngenxa yezinto ezimbi zabemi balo.
35Úyenze intlango yaba lidike elinamanzi,
Ilizwe elingumqwebedu laba ngamathende amanzi.
36Wabahlalisa khona abalambileyo,
Bamisa umzi wokuhlala.
37Bahlwayela amasimi, batyala izidiliya,
Bavelisa iziqhamo, baba nongeniselo.
38Wabasikelela, banda kunene,
Iinkomo zabo akazinciphisa.
39Bancipha, basibekeka
Ngokukhanyangwa bububi nesingqala.
40Úwagalele ngendelo amanene,
Wawadingisa enyanyeni, kungekho ndlela.
41Walisa engxondeni ihlwempu, kùde nengcinezelo,
Walenzela imizalwana yanjengomhlambi.
42Baya kubona abathe tye, bavuye,
Bonke ubugqwetha buvale umlomo.
43Lowo ulumkileyo makazigcine ezi ndawo,
Azigqale iinceba zikaYehova.