Umbono weengqayi nezibetho ezisixhenxe
1Ndabona ezulwini omnye umqondiso omkhulu, ongummangaliso; izithunywa zezulu ezisixhenxe zinazo izibetho ezisixhenxe zokugqibela; ngokuba wazaliseka umsindo kaThixo ngazo.
2Ndabona ngathi lulwandle lwegilasi, luphithikezene nomlilo; nabó bavela beloyisile irhamncwa, nomfanekiselo walo, nophawu lwalo, nenani legama lalo, bemi ngaselwandle lwegilasi, beneehadi zikaThixo. 3Bayivuma ingoma kaMoses, umkhonzi kaThixo, nengoma yeMvana, besithi:
Mikhulu, ingummangaliso imisebenzi yakho,
Nkosi, Thixo Somandla;
Zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho,
Kumkani weentlanga.
4Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi,
Angalizukisi igama lakho?
Ngokuba inguwe wedwa ongcwele;
Ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho,
Ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe.
5Ndaza emva koko ndabona, nantso ivuliwe itempile yomnquba wobungqina emazulwini. 6Zaphuma ke etempileni izithunywa zosixhenxe, zinezibetho ezisixhenxe, zambethe ilinen emhlophe eqaqambileyo, ziyibhinqele ezifubeni imibhinqo yegolide. 7Yathi enye kuzo izinto eziphilileyo zoné, yazinika izithunywa ezisixhenxe iingqayi zegolide ezisixhenxe, zizele ngumsindo kaThixo, odla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni. 8Yazala itempile ngumsi ophuma ebuqaqawulini bukaThixo, nasemandleni akhe; kwaye kungekho namnye unako ukungena etempileni, zada zazaliseka izibetho zosixhenxe zezithunywa zosixhenxe.