Izulu elitsha nomhlaba omtsha
1Ndabona izulu elitsha, nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule, nolwandle alusekho. 2Ndaza mna, Yohane, ndawubona umzi ongcwele, iYerusalem entsha, usihla uvela kuThixo, uphuma emazulwini, ulungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe. 3Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi:
Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu;
Uya kuhlala nabo emnqubeni,
Bona babe ngabantu bakhe,
Yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo;
4Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo,
Kungabi sabakho kufa,
Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu;
Ngokuba izinto zokuqala zigqithile.
5Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Ùyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Athi kum, Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo.
6Wathi kum, Kwenzekile; mna ndinguAlfa• no-Omega,• isiqalo nesiphelo; mna ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa. 7Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam. 8Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.
IYerusalem yasezulwini
9Kwaza kweza kum esinye sezithunywa zezulu ezisixhenxe, ezineengqayi ezisixhenxe, ezizele zizibetho zosixhenxe zokugqibela, sathetha nam sisithi, Yiza apha, ndikubonise umtshakazi, umfazi wayo iMvana. 10Sandísa ndikuMoya entabeni enkulu, ephakamileyo, sandibonisa umzi omkhulu, iYerusalem engcwele, usihla uphuma emazulwini, uvela kuThixo, 11unobuqaqawuli bukaThixo; isikhanyiso sawo sifana nelitye elinqabileyo kakhulu, langa lilitye leyaspisi• ebengezela njengekristale.•
12Kananjalo unodonga olukhulu oluphakamileyo. Unamasango alishumi elinamabini, phezu kwamasango unezithunywa zezulu ezilishumi elinazibini; kubhalwe kuwo amagama angawezizwe ezilishumi elinazibini zoonyana bakaSirayeli; 13ngasempumalanga ingamasango mathathu, ngasentla ingamasango mathathu, ngasezantsi ingamasango mathathu, ngasentshonalanga ingamasango mathathu. 14Udonga lomzi lunamatye eziseko alishumi elinamabini, kuwo ingamagama abapostile• abalishumi elinababini bayo iMvana.
15Lowo ubethetha nam wayenengcongolo yegolide, ukuba awulinganise umzi lowo, namasango awo, nodonga lwawo. 16Umzi lowo umbombo-né ukuma kwawo; ubude bawo bungangobubanzi bawo. Wawulinganisa umzi lowo ngengcongolo, wazitadiya• ezilishumi linazibini lamawaka; ubude nobubanzi nokuphakama kwawo kuyalingana. 17Walulinganisa nodonga lwawo, ikhulu elinamanci mané anesiné leekubhite,• ngokomlinganiso womntu, oko kukuthi, wesithunywa sezulu.
18Isakhiwo sodonga lwawo yiyaspisi; umzi yigolide engcwengekileyo, efana negilasi ebonakalelayo, 19Namatye eziseko zodonga lomzi ayevathiswe ngamatye onke anqabileyo. Elokuqala ilitye lesiseko yiyaspisi, elesibini yisafire,• elesithathu yikalikedo,• elesiné yismarado,• elesihlanu yisardonisi,• 20elesithandathu yisardiyo,• elesixhenxe yikrizolite,• elesibhozo yibherilo,• elesithoba yitopazi,• eleshumi yikrizoprazi,• eleshumi elinalinye yihakinto,• eleshumi elinambini yiametiste.• 21Namasango lawo alishumi elinamabini aziiperile• ezilishumi elinambini, lalelo isango ngalinye lenziwe ngaperile-nye; nesitrato somzi yigolide engcwengekileyo, njengegilasi ebonakalelayo.
22Andibonanga tempile kuwo, kuba iNkosi uThixo uSomandla nayo iMvana yitempile yawo. 23Umzi lowo awufuni langa, kwanayo inyanga, kuba ubuqaqawuli bukaThixo buwukhanyisela, nayo iMvana isisibane sawo. 24Iintlanga zabo basindiswáyo ziya kuhamba ekukhanyeni kwawo; ookumkani bomhlaba bazise kuwo uzuko nembeko yabo. 25Amasango awo akasayi kuvalwa mini (kuba ubusuku abuyi kubakho khona). 26Baya kuzisa uzuko nembeko yeentlanga ezo kuwo. 27Akusayi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, eyenza isikizi, nobuxoki; ábaya kungena ngabo bodwa babhalwe encwadini yobomi yeMvana.