Ukumanywa noKristu akuvumelani nesono
1Masithini na ngoko? Masihlale sihleli na esonweni, ukuze ubabalo lwande? 2Nankanye! Thina safayo nje kwisono, singáthini na ukuba sahlala kuso? 3Anazi na ukuba thina sonke, sàbhaptizelwayo kuKristu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?
4Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze, njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha. 5Kuba xa similiselwe kuye ngentsobi yokufa kwakhe, somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe; 6síkwazi nje oku, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono; 7kuba owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono.
8Ukuba ke safa kunye noKristu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye; 9sisazi ukuba uKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa; ukufa akusamphathi ngabukhosi. 10Kuba ukufa awakufayo, wakufa kwisono kwaba kanye; ubomi ke abudlayo, ubudlela kuThixo. 11Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu.
12Ngoko isono masingalawuli emzimbeni wenu onokufa, ukuze nisilulamele ngokwenza iinkanuko zawo. 13Kanjalo amalungu enu maningawanikeli kuso isono, ukuba abe ziintonga zentswelabulungisa; manizinikele ngokwenu kuThixo, ngokwabaphile babengabafileyo, niwanikele kuThixo amalungu enu, ukuba abe ziintonga zobulungisa. 14Kuba isono asiyi kuniphatha ngabukhosi; kuba aniphantsi komthetho, niphantsi kobabalo.
Ukuzekelisa ngobukhoboka
15Kuthiweni na ngoko? Sone na, kuba singephantsi kwamthetho, siphantsi kobabalo? 16Nakanye! Anazi na ukuba lowo nizinikela kuye ukuba ngabakhonzi bokumlulamela, ningabakhonzi ngoku kulowo nimlulamelayo: nokokuba ningabesono, nisingise ekufeni, nokokuba ningabolulamo, nisingise ebulungiseni? 17Makubulelwe ke kuThixo, ukuba nithe, beningabakhonzi besono, nawululamela ngokwentliziyo umfuziselo wemfundiso enanikelwayo kuwo; 18nathi, nákuba nikhululwe ke kuso isono, nakhonziswa kubo ubulungisa.
19Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba, njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho: ngokunjalo kalokunje, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke. 20Kuba, oko nibe ningabakhonzi besono, beningabakhululekileyo kubo ubulungisa. 21Naye ninasiqhamo sini na ke ngelo xesha, ngezi zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sazo kukufa. 22Kaloku ke, nikhululwe nje kuso isono, naza nakhonziswa kuThixo, nìnaso isiqhamo senu sokuba ningcwaliseke; isiphelo ke sibe bubomi obungunaphakade. 23Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.