Uthando lunamandla ngokokufa
1Akwaba ubunjengomnakwethu
Obesanya amabeke kama!
Bendingathi, ndíkufumene phandle, ndikwange,
Bangàndideli noko.
2Bendiya kukuqhuba, bendiya kukusa endlwini kama;
Ubuya kundifundisa.
Bendiya kukuseza iwayini eqholiweyo,
Nencindi yomrharnate wam.
3Isandla sayo sokhohlo besiya kuba phantsi kwentloko yam,
Esokunene sayo sindiwole.
4Zintombi zaseYerusalem, ndiyanifungisa,
Ningáthini na ukuluvusa, ningáthini na ukuluvuselela uthando,
Lude luthande?
5Ngubani na lo unyuka evela entlango,
Esayama intánda yakhe?
Ngaphantsi komapile lo ndákuvusa wena.
Khona apha waba nenimba ngawe unyoko,
Khona apha waba nenimba owakuzalayo.
6Ndíbeke njengomsesane wokutywina entliziyweni yakho, njengomsesane wokutywina engalweni yakho.
Ngokuba uthando lunjengokufa, ukuba nengcwangu,
Ubukhwele bunjengelabafileyo, ukuba lukhuni;
Amalangatye abo ngamalangatye omlilo,
Ngamadangatye kaYehova.
7Amanzi amaninzi akanakulucima uthando;
Imilambo ayinakuluntywilisela.
Ingafanelana indoda irhole bonke ubuncwane bendlu yayo ngenxa yothando,
Ingádelwa ideliwe.
8Sìnomsakwethu omncinane,
Akakabi namabele.
Siya kuthini na ngomsakwethu,
Mini aganelweyo?
9Ukuba uludonga yena,
Siya kwakha phezu kwalo uqoqo lwesilivere;
Ukuba ungumnyango,
Somrhaqa ngamaceba omsedare.•
10Ndaba ludonga mna, namabele am anjengenqaba;
Ndaza emehlweni ayo ndaba njengofumene uxolo.
11USolomon ubenesidiliya eBhahali-amon,
Isidiliya wasinikela kubagcini,
Ukuze elowo azise iwaka lesilivere ngesiqhamo saso.
12Isidiliya sam, esisesam, sona siselulawulweni lwam;
Iwaka elo lelakho, Solomon;
Amakhulu amabini ngawabagcini besiqhamo saso.
13Wena uhleliyo emiyezweni,
Amakholwane alibazela indlebe izwi lakho,
Ndívise.
14Dloba, ntánda yam,
Uxelise ibhadi namankonyana amaxhama
Ezintabeni zobulawu.