Ukuthandwa kukaSirayeli
1“USirayeli ndamthanda kwasebuncinaneni bakhe;
ndambiza ukuba aphume eJiputa unyana wam.
2Ndaba ngakhwaza ndimbiza uSirayeli,
suka waya ebhekela kum.
Baphikela ukunikela *kooBhali;
imifanekiso eqingqiweyo bayenzela iziqhumiso.
3Kodwa ndim ofundise uEfrayim ukucathula;
ndim owamthi chu ngengalo.
Kodwa abaqondi ukuba ndim obanyangileyo.
4Bona ndabakhokela ndinovelwano;
ewe, ndandiyimvuze-mvuze bububele.
Ndabathula idyokhwe ebatyabulayo,
ndaza ndathoba ndabafunzela.
5Kambe ke abayi kubuyela kwaseJiputa,
kodwa uAsiriya uya kubalawula.
Kaloku abavumi ukubuyela kum.
6Ezixekweni zabo komenyezel' ikrele.
Lowanqunqa amanqwanqwa amasango,
liwaphanzise namacebo abo.
7Abantu bam bazimisele ukundishiya.
Noba bangade bakhale kOphezu-konke
yena soze abaphakamise.
8“Kodwa ndingathini ukukulahla, Efrayim?
Ndingathini ukukuncama, Sirayeli?
Ndingathini ukukuphatha njengeAdama,
ndikwenze ufane neZebhoyim?
Intliziyo yam iguqukile ngakuni;
imfobe yam itsho yavuseleleka.
9Andiyi kubuphumeza ubushushu bomsindo wam;
andiyi kuphinda ndimbhubhise uEfrayim.
Kaloku andimntu, ndinguThixo,
uYedwa othe zwabha phakathi kwenu.
Andiyi kuza ndinobushushu bomsindo.
10Bosuka bamlandele *uNdikhoyo.
Yena wovungama njengengonyama.
Ke kaloku akubhavumla
usapho lwakhe loza lungcangcazela;
ewe, luya kuza ngasentshonalanga.
11Boza benkwantya okweentaka bevela eJiputa;
boba njengamahobe bevela eAsiriya.
Ndobabuyisela emakhayeni abo.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
Isono sikaSirayeli
12UEfrayim undijikeleza ngobuxoki;
indlu kaSirayeli indithe nca ngenkohliso.
UJuda yena uvukelana noThixo,
nditsho uYedwa lowo uthembekileyo.