Ukucela ukhuselo
Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide.
1*Ndikhoyo, ndihlangule kubantu abagwenxa;
ndilondoloze ndingenzakaliswa zizijama-nkungwini,
2kwabasoloko beyila amayelenqe,
behamba bephemba uchuku,
3abalwimi zilenca njengezeenyoka,
abamilomo inobuhlungu obunjengoberhamba.
4Ndikhoyo, ndaluse ndingabi lixhoba lezikhohlakali;
ndilondoloze ndingawi ezandleni zezijama-nkungwini
ezifutha amacebo okunditshabalalisa.
5Izibhoxi zindimbela umhadi,
zona ziyandithiyisela zindigcayisele;
ewe, zindibekela izabatha endleleni.
6Hoyina! Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo; ndithi:
“Wena unguThixo wam.”
Ndive, ndiyatarhuzisa, Mhlekazi.
7Athi ke wena, Ndikhoyo, Nkosi yam,
Mandlandini andisindisayo,
wena ulixhadi lam mhla ngedabi.
8Mayingafezeki iminqweno yezikhohlakali, Ndikhoyo;
mazibuye nembande yesikhova kumayelenqe azo.
9Abo bandirhawulayo bayabhobhoza;
izisongelo zabo mazenzakalise kwabona.
10Akwaba bebengabuxulwa ngamalahle avuthayo,
bahalakatsheke enzonzobileni, bangaze babuye.
11Abaphixanisi mabangaze bahlume;
izijama-nkungwini mazonganyelwe bububi, zitshabalale.
12Ndiyazi ukuba wena uyabalungiselela abacinezelweyo;
ewe, Ndikhoyo, uyababonelela abo bagqush' eluthulini.
13Ngenene amalungisa aya kukudumisa;
ewe, kaloku wona aya kuhlala nawe.