Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 103

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 18

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. UDavide isicaka *sikaNdikhoyo wawubhekisa lo mhobe kuNdikhoyo mhla wamkhulula kwiintshaba zakhe nakuSawule, wathi:

1Ndiyakuthanda, Ndikhoyo, mandla am.

2NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam.

Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.

Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele.

3Ndithi ndakukhala kuNdikhoyo,

asuke andithi hlasi kwiintshaba zam.

Ngenene, makabongwe uNdikhoyo!

4Bendirhintyelwe ziintambo zokufa,

amaza arhaxayo endigubungele.

5Ukufa bekundirhangqile,

ingcwaba selivuleke lithe ng'aa.

6Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo,

ndalucela uncedo kuThixo wam.

Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe,

savakala kuye isikhalo sam.

7Suka wagungqa wanyikima umhlaba,

nditsho neziseko zeentaba zashukuma,

kuba uThixo wayenomsindo.

8Kwathi phoko umsi emathatheni akhe,

walephuza amadangatye ngomlomo,

kuliqika amalahle avuthayo.

9Wasikrazula isibhakabhaka, wehla,

ethe zukuva phezu kwelifu elimnyama.

10Wandanda ngenqwelo *yezithunyw' ezimaphiko

itshebeleza ngesantya emoyeni.

11Wayethiwe gqume sisithokothoko, kumnyama thsu;

engqingwe ziingqimba zamafu anemvula.

12Kwaw' isichotho namalahl' avuthayo,

ziphuma kumban' ongaphambi kwakhe,

zagqobhoza kuloo ntshinyela yamafu.

13Wazongoma esibhakabhakeni uNdikhoyo,

lavakal' ilizwi loPhezukonke,

satsho isichotho nemibane.

14Wadubula ngeentolo zakhe, zee qhu saa iintshaba,

eziswantsulisa ngokugqekreza kwemibane.

15Ewe, watsho zoma qoko iilwandle,

kwatsho kwavela neziseko zelizwe,

wakukhalima, wena Ndikhoyo,

ugragramela iintshaba unomsindo.

16Wehla, wandithi hlasi uNdikhoyo,

wandihlangula kumanzi enzonzobila.

17Wandihlangula kwiintshaba zam

nakwabo bandichasayo, bendivuyelela.

18Bandihlasela ndisengxingweni,

wandikhusela yena uNdikhoyo.

19Wandihlangula ndisengozini,

wandisindisa kuba ekholisekile ndim.

20Wandivuza uNdikhoyo, kuba ndandilungisa;

wandithamsanqela, kuba ndimsulwa.

21Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;

andimfulathelanga uThixo wam.

22Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;

andiyaphulanga imithetho yakhe.

23Uyandazi ukuba andonanga;

ndiyazilumla ekwenzeni ububi.

24Ngoko ke uyandivuza, kuba ndisenza okulungileyo;

uyandivuza, kuba akukho sikhwa kum.

25Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;

ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.

26Umsulwa kwabo bamsulwa;

uchasene nabo bangamatshijolo.

27Ungumsindisi wabathobekileyo;

uyabathoba abo banekratshi.

28Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;

undigxothela ubumnyama, wena Thixo.

29Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,

ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.

30Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!

Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!

Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

31NguNdikhoyo yedwa uThixo;

nguye kuphela osikhuselayo.

32Ewe, nguThixo ondinika amandla;

nguye oyenza iphumelele indlela yam.

33Undicondobisa kuhle njengenxala,

ndichankcathe emaweni ndingatyibiliki.

34Undiqhelisa ukulwa edabini,

andifundise ukugoba isaphetha esomeleleyo.

35Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,

wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;

undibonelele ndatsho ndazimaseka.

36Undimise endaweni ephangaleleyo;

azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.

37Ndizisukela ndizifumane iintshaba zam;

andijiki ndide ndizitshabalalise.

38Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,

ziqungquluze apho phambi kwam.

39Undinika amandla edabini,

undoyisele iintshaba zam.

40Ziyandoyika iintshaba zam;

abandithiyileyo ndibatshabalalisile.

41Ziba ngafuna uncedo, zingancedwa bani;

ziba ngazibika kuNdikhoyo, angaphenduli.

42Mna ndizicumza zibe njengothuli luphetshethwa ngumoya,

ndizinyhashe okodaka endleleni.

43Wandihlangula kubavukeli,

walimisa igunya lam ezizweni,

ndada ndaphatha nabo bendingabazi.

44Bayandithobela bakuwuva umthetho wam;

ndikhahlelwe nangabasemzini abantu,

45bephuma kwiinqaba zabo begubha,

bephelelwe sisibindi xa bebonke.

46Huntshu! Khul' ud' ukhokhobe, Ndikhoyo!

Mawubongwe, wena mkhuseli wam,

Thixo ongumhlanguli wam!

47Wena undoyisela iintshaba zam;

wena ugoba iintlanga zitsho zindikhahlele;

48wena undihlangula kwabandichasayo!

Ewe, undoyisele iintshaba zam,

wandikhusela kubaphalazi-gazi.

49Ngoko ke ndiya kukubonga phakathi kwezizwe,

ndityibele ndivuma umbongo wakho, Ndikhoyo.

50NguThixo omnika uloyiso ukumkani,

omenzele izibele umthanjiswa wakhe,

uDavide nayo yonke inzala yakhe kude kuse ephakadeni.

IINDUMISO 19

Indalo nomyalelo kaThixo

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1Amazulu abalisa ngobungangamsha bukaThixo,

nesibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.

2Imini ixelela imin' elandelayo,

nobusuku bubikela ubusuk' obulandelayo.

3Akukho ntetho namazwi nasandi sivakalayo;

4kodwa kukho intlokoma kulo lonk' elimiweyo,

nebali lazo liwugqibe wonk' umhlaba.

UThixo ulakhele esibhakabhakeni ilanga.

5Liphuma linyalasa njengomyen' ephum' entangeni,

nanjengembalek' engxamel' ukubalek' elugqatsweni.

6Liphum' emaphethelwen' esibhakabhaka,

liye kutshw' emaphethelweni kwelinye icala;

akukho nto inokusinda kwingqatsini yalo.

7Ugqibelele won' umyalelo *kaNdikhoyo:

uhlaziya amandla.

Uthembekile wona,

kub' unik' isiyatha

ubulumko.

8Imimiselo kaNdikhoyo ilungile: ivuyis' intliziyo.

Imithetho kaNdikhoyo inyulu: ikhanyisel' amehl' indlela.

9Kulungil' ukunqul' uNdikhoyo; koba njalo nanini-nini.

Ziyinyanis' izigqibo zakhe, yaye zilunge kwaphela.

10Zinqweneleka ngaphezu kwegolide,

nditheth' igolid' engcwengileyo;

zimnandi ngaphezu kobusi,

ewe, ndixel' ikhephelele lenqatha lobusi.

11Ngaphezu koko ziyasilulek' isicaka sakho,

yaye ngumvuz' omkhulu ukukuthobela.

12Kambe ke ngubani oziqiqayo iziphoso zakhe?

Ndikhulul' ezonweni endingaziqondiyo.

13Ndikhusel' ezonwen' ezibangwa likratshi,

hleze zindongamele.

Ndiyakwandul' ukuba msulwa

ndakuba ndikhululekil' ezonweni ezoyikekayo.

14Ngamana angamkeleka kuwe, Ndikhoyo,

amazwi am neengcamango zentliziyo yam,

wena mkhuseli wam nomkhululi wam.

IINDUMISO 20

Umthandazo woloyiso

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1Wanga *uNdikhoyo angakuphulaphula ngemini yeembandezelo!

Wanga angakukhusela uThixo kaYakobi!

2Wanga angakuthumela uncedo luvel' ebhotwe lakhe,

akuxhase esentabeni yeZiyon.

3Wanga angayamkela iminikelo yakho uThixo,

akholiseke ngamadini omenzela wona.

4Wanga angakunika umnqweno wentliziyo yakho,

aziphumelelise zonk' iinquleqhu zakho.

5Sokwandul' ukuba nemincili ngoloyiso lwakho,

siphakamis' izindwe, simbong' uThixo.

Wang' uNdikhoyo angaziva izicelo zakho!

6Kaloku ndiyaz' ukuba uNdikhoyo uyamnceda umthanjiswa wakhe,

uyamva ekwibhotwe lakhe elilodwa ezulwini,

umnik' uloyiso ngamandla akhe.

7Baqhayisa ngeenqwelo zokulwa abanye, abanye ngamahashe;

thina siqhayisa ngoNdikhoyo uThixo wethu.

8Bona babhukuqwa bawe;

thina sisuka sime ngxishi.

9Ndikhoyo, mnike amandla oloyiso ukumkani;

sive naxa sizibika kuwe!

IINDUMISO 21

Umbongo woloyiso

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1Uyavuya ukumkani ngenxa yamandla akho, *Ndikhoyo,

uyachulumacha kuba umnike uloyiso.

2Umnikile umnqweno wentliziyo yakhe;

usivile isicelo sakhe.

3Umhlangabeze ngeentsikelelo ezingathethekiyo,

wamthi jize ngesithsaba segolid' entloko.

4Wacela ubomi kuwe;

wampha ubom' obude obuhlala buhleli.

5Ufumene imbeko enkulu ngenxa yoncedo lwakho;

umnike udumo nobungangamela.

6Ewe, umnike uyolo olungapheliyo;

kwanobukho bakho buyamchwayitisa.

7Kaloku ukumkani uthembele ngoPhezukonke,

yaye ngenxa yenceba kaNdikhoyo uya kuhlal' engukumkani.

8Zonk' iintshaba zakho uya kuzibhaqa;

uya kubafumana bonk' abakuthiyileyo.

9Úya kubatshisa ngesihogo somlil' akufika;

uNdikhoyo wobatshabalalisa ngomsindo, abaqwele ngomlilo.

10Uya kuyiphelisa inzala yabo ehlabathini,

bangabikho abantwana babo phakathi kwabantu.

11Nokuba bayila ububi ngawe,

nokuba benza iyelenqe,

abanakuphumelela.

12Kaloku úya kubadubula ebusweni ngeentolo zakhe,

abachithe babe ziintsalu.

13Mawubongwe, Ndikhoyo, ngenxa yobugorha bakho;

thina sokubonga sikudumise ngenxa yamandla akho.

IINDUMISO 18:1-21:13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.25.3
SIFUMANE KU-