Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 116

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 90

Amandla kaThixo nobulwelwe bomntu

Umthandazo kaMosis, isicaka sikaThixo.

1Usoloko ulikhaya lethu, wena Nkosi,

izizukulwana ngezizukulwana.

2Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi,

ubusel' ukade unguThixo wena kwanini-nini.

3Umbuyisela kwaseluthulini umntu, usithi:

“Buyela apho ubuvela khona, mntundini!”

4Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,

lona liyafana nemini yezolo,

lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.

5Uphephetheka njengephepha umntu;

uphela okobuthongo, abune njengengca,

6yona iba luhlaza kusasa,

ithi kwakuhlwa ibe selintshwenyile.

7Siyaphela kaloku yingqumbo yakho,

uyasigqiba umsindo wakho.

8Izono zethu zaziwa nguwe,

nezifihliweyo zisekuhleni kuwe.

9Uyinqumle imihla yethu ngenxa yomsindo,

yadlula ngathi kukuqhwanyaza.

10Iminyaka yomntu iba ngamashum' asixhenxe,

xa ngaba womelele ibe ngamashum' asibhozo;

kodwa iza neenkxwaleko neentsizi,

imihla yethu ithi tshe iphele.

11Ngubani owaziyo umsindo wakho;

ingubani oluqondayo unkwantyo oluza nengqumbo yakho?

12Sifundise ukuyiqingqa imihla yethu,

ukuze sizuze ubulumko.

13Yiba nebuyambo, *Ndikhoyo;

koda kube nini usifulathele?

Yiba nenceba kuthi zicaka zakho.

14Sithululele izibele zakho kwangentseni,

size sonwabe, simemelele yonke imihla yobomi bethu.

15Sithuthuzele kaloku wakuba usohlwayile;

sonwabe kangangoko ubusibandezele.

16Bubonakalise ububele bakho kuthi zicaka zakho,

ukuze nesizukulwana sethu sisazi isihomo sakho.

17Nkosi, Thixo, sithamsanqelise!

Siphumelelise kuyo yonke imizamo yethu;

ewe, yiphumelelise yonke imizamo yethu.

IINDUMISO 91

UThixo umkhuseli wethu

1Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,

uhlala esemthunzini kaSomandla.

2Yena uya kuthi: “*Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;

uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”

3Kuba nguye okuhlangula emgibeni wabakugcayiseleyo

nakubhubhani wesifo,

4akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,

kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe.

5Akuyi koyika zingozi zasebusuku,

nakuhlaselwa ngequbuliso emini,

6nabhubhani wangobusuku,

nasifo sigqugqisayo emini emaqanda.

7Nokuba kungawa iwaka ecaleni kwakho,

neshumi lamawaka liwe likungqonge,

akusayi kuchukunyiswa nto wena.

8Uya kuqwalasela ukubone ngamehlo akho

ukohlwaywa kwawo amatshijolo.

9Ngenxa yokuba uthembele ngoNdikhoyo,

wamenza umkhuseli wakho uPhezukonke,

10akuyi kuhlelwa bubi;

akuyi kusondela nasibetho emzini wakho.

11Kaloku woziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe

wokuba zikugcine endleleni yakho,

12zikufunqule hleze ukhubeke elityeni.

13Wonyathela phezu kweengonyama neenyoka,

unyhashe amathol' eengonyama noogqoloma.

14Ngenxa yokuba endithanda, ndomhlangula;

ndimphakamise, kuba elazi igama lam.

15Akuzibika kum, ndiya kumva;

ndiya kuba naye ezimbandezelweni,

ndimhlangule, ndimbek' ezimbekweni,

16ndimvuze ngobomi obude,

ndimbonise ukuba ndiyasindisa.

IINDUMISO 92

Ingoma yombulelo

Umbongo *waNgomhla woPhumlo.

1Yinto entle ukumbulela *uNdikhoyo;

yinto entle ukubonga igama loPhezukonke.

2Kulungil' ukubalisa ngezibele zakhe kusasa,

nangokunyaniseka kwakhe ngokuhlwa,

3kuvakala uncuthu lwengoma yeentambula,

nehapu itsho ngesongo sengom' emyoli.

4Kub' undivuyisile, Ndikhoyo, ngezinto ondenzele zona;

ndokubonga ndinemincili ngenxa yemisebenzi yakho.

5Hay' ukubaluleka kwemisebenzi yakho, Ndikhoyo!

Hay' ukuba nzulu kweengcamango zakho!

6Isidenge asinakuyazi loo nto,

nesiyatha asinako ukukuqiqa:

7le yokuba amatshijolo aya kubhangiswa,

nokuba selede amila njengokhula,

nokuba selede aphumelela.

8Kaloku wena, Ndikhoyo, unguPhezukonke;

wena unguye nanini-nanini.

9Iintshaba zakho, Ndikhoyo, zotshabalala kuphele,

kananjalo abhangiswe onke amatshijolo.

10Undomeleze ndanga ndiyinyathi;

undithe jize ngombhiyozo nolonwabo.

11Ndikubone ngala wam amehlo ukuwa kweentshaba zam;

ndiyive ngezi zam iindlebe intshabalalo yâbo bandizungulayo.

12Amalungisa achuma njengesundu,

akhula njengemisedare yaseLibhanon.

13Amilile emzini kaNdikhoyo;

ayakhula endlwini kaThixo.

14Avelisa iziqhamo naxa selaluphele,

aqhelezele omelele.

15Kutheth' ukuthi ke uNdikhoyo ulilungisa,

yena ngumkhuseli wam, akukho khwiniba kuye.

IINDUMISO 93

UThixo ukumkani

1*UNdikhoyo ungukumkani;

uthe wambu isihomo nesithozela namandla.

Ewe, ulimise zinzi ihlabathi, aligungqi.

2Isihlalo sakho, Ndikhoyo,

sasekwa kwantlandlolo;

wena wawukho kwanini-nini.

3Iyagquma imilambo, Ndikhoyo,

ivakalisa isandi sayo;

iyavakala imigqumo yayo.

4UNdikhoyo yingangalala yaphezulu;

unamandla kunamaza alephuzayo,

nangaphezu kwamaza agqumayo.

5Imiqondiso yakho ayiguquki, Ndikhoyo;

iyingcwele ngenene indlu yakho, Ndikhoyo,

kuya kuda kube nini-nini.

IINDUMISO 94

UThixo umgwebi woluntu

1*Ndikhoyo, Thixo ongumgwebi,

wena Thixo ophindezelayo, zibonakalise.

2Lamla, wena mgwebi woluntu;

babuyekeze kwangezitya zabo abantw' abazingcayo!

3Koda kube nini na, Ndikhoyo,

koda kube nini kakade esivuyelela amatshijolo?

4Koda kube nini eqhayisa;

koda kube nini ezidla ngokungcola kwawo?

5Ayababulala abantu bakho, Ndikhoyo;

ayawucinezela umzi wakho amatshijolo.

6abandezele abahlolokazi neenkedama,

abulale nabantu basemzini.

7Ade athi: “Akaboni nto uNdikhoyo;

akaqondi konke uThixo kaYakobi.”

8Lumkani, bantundini bazizidenge!

Noda niqiqe nini, zityhifilindini?

9Nithini? Nithi uThixo owadala iindlebe akeva?

Nithi lo wenza amehlo enu akaboni?

10Lo ulawula zonk' iintlanga nithi akanakuzohlwaya?

Lo ufundise abantu nithi akazi nto?

11Ulogocagoca iingcinga zabantu,

uyazi ukuba zibubuvuvu nje bodwa.

12Unoyolo lowo uyalwa nguwe, Ndikhoyo;

nditsho ofundiswa nguwe umyalelo wakho.

13Umnika inzolo ngemihla yobubi,

lo gama amatshijolo ombelwa umhadi.

14Kaloku akayi kubafulathela abantu bakhe uNdikhoyo;

akasoze ayilahle indlu yakhe.

15Kobakho ubulungisa ezinkundleni,

abulandele onke amalungisa.

16Azi, ngubani owondilwela kumatshijolo?

Yoba ngubani na ongakum?

17Ukuba bendingancedwanga nguNdikhoyo,

ngesele ndikwantsonga-nyawana.

18Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,

wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo.

19Xa ndandinxubile, ndixhalabile,

wandithuthuzela, wandonwabisa wena.

20Akunabudlelana nabalawuli abakhohlakeleyo,

bona bayenza umthetho intswela-bulungisa.

21Bayalihlanganyela ilungisa bona,

bamgwebele ukufa umnt' engenatyala.

22Kodwa ngumkhuseli wam yena uThixo;

yinqaba endizimela ngayo.

23UNdikhoyo wobohlwaya ngenxa yenkohlakalo yabo,

batshabalalele kobo bugwenxa babo;

wobabhangisa kuphele tu uThixo.

IINDUMISO 95

Ingoma yokubonga

1Yizani sombelele *uNdikhoyo,

simculele sigcobile umkhuseli nomsindisi wethu!

2Masiye kuye sinombulelo,

simombelele iingoma zokubonga.

3Kaloku uNdikhoyo nguThixo onamandla,

ngukumkani omkhulu *kwizithixo zonke.

4Lisesandleni sakhe ihlabathi liphela;

iinzulu neencopho zilawulwa nguye.

5Ulawula ulwandle kuba walwenza;

nomhlaba wawudala ngezandla zakhe.

6Yizani siqubude simnqule,

siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu,

7kuba yena nguThixo wethu.

Thina singumhlambi awalusayo,

iigusha ezondliwa nguye.

Namhla liveni ilizwi lakhe elithi:

8“Musan' ukuba neenkani, njengookhokho benu eMeribha,

njengemihla yaseMasa entlango,

9apho bandilingayo,

naxa babezibona izinto endandibenzela zona.

10Iminyaka emashumi mane bandikruqula,

ndada ndathi: ‘Hay' ukungeva kwabo;

abayithobeli imiyalelo yam.’

11Ngoko ke ndafunga ngomsindo, ndathi:

‘Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”

IINDUMISO 96

IKumkani yeekumkani

1Mombeleleni ingoma entsha *uNdikhoyo!

Mombelel' uNdikhoyo, hlabathi lonke!

2Mombelelen' uNdikhoyo, nibonge igama lakhe;

zivakaliseni mihla le iindaba zakhe zosindiso.

3Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga;

zixeleleni ngemimangaliso ayenzileyo zonke izizwe.

4Kaloku yingangalala uNdikhoyo, ufanelwe yimbeko enkulu;

ufanelwe kukoyikwa ngaphezu *kwezithixo zonke,

5kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,

kodwa yena uNdikhoyo wadal' oomazulu.

6Yena unobungangamsha nesithozela;

kukho isihomo nendili apho akhoyo.

7Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;

mbongeni kuba unewonga namagunya.

8Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;

sondezani amadini, ningene endlwini yakhe.

9Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela;

malingcangcazele lonk' ihlabathi phambi kwakhe.

10Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani;

nguye olizinzisayo ihlabathi, aliyi kugungqa;

nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.

11Gcobani, mazulu, lichwayite ihlabathi;

gquma, wena lwandle, nako konke okwakho;

12makayeyezele amadlelo nezinto ezikuwo;

mayombele imithi emahlathini;

13kuba uyeza uNdikhoyo;

uza kuligweba ihlabathi,

alilawule ngobulungisa,

azigwebe ngokomthetho izizwe.

IINDUMISO 90:1-96:13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-