Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 137

Itekisi yeBhayibhile

IZAFOBE 14

1Umfazi onobulumko uyawakha umzi wakhe;

kanti ke yena ongenangqondo uyawuchitha ngezakhe izandla.

2Ohlonela uNdikhoyo uhamba ngokuthe tye;

ke yena omdelayo iindlela zakhe ziphambukile.

3Umntu onekratshi ukuthetha kwakhe kumhlisela ukohlwaywa;

ke wona amazwi esilumko ayasikhusela.

4Apho kungekho nkabi zankomo umkhombe wesitali uba zé;

ngamandla enkabi yenkomo kunokuzuzwa ingeniso eninzi.

5Ingqina elinyanisekileyo alibuthethi ubuxoki,

kodwa ke lona elixokayo liphuphuma lulwimi.

6Umgxeki ubufuna ancame ubulumko,

kanti ke yena umntu oqiqayo uluzuza lula ulwazi.

7Musa ukutshomana nomntu osisiyatha,

kuba awuyi kuzuza nto ibhadlileyo emlonyeni wakhe.

8Ubulumko bomntu onengqondo bumenza ayichane indlela yakhe;

ukumatha komntu osisityhakala kubanga inkohliso.

9Idini letyala elenziwa zizimathane yintlekisa,

kanti ke abathe ngqo baxhamla imvisiswano.

10Intliziyo nganye iyabazi obayo ubukrakra,

kanti akukho bani wahlulelana nayo ngovuyo lwayo.

11Umzi womntu okhohlakeleyo uya kutshatyalaliswa;

ke wona umzi womntu othe ngqo uyabalasela.

12Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emntwini,

kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.

13Nokuba ubani uyahleka usenokuba nomva-ndedwa,

nesiphelo soko kuchwayita sibe sisingqala.

14Umntu onganyanisekanga uvuna loo nto ayilimileyo,

kanti nomntu olungileyo utya isimilo sakhe.

15Umntu ongaqondiyo ukholelwa yinto yonke;

kanti ke yena oqiqayo uhlab' ekhangele.

16Umntu onengqondo uhlala egcisile, ayiphephe inkathazo;

ke sona isityhakala asikhathali, siyatyhuthuza.

17Umntu ocaphuka msinya wenza izinto zobudenge;

umntu onobuqhophololo uyathiywa.

18Umntu ongaqondiyo uvuna ubutyhakala;

ke yena onengqondo uthiwa jize ngolwazi.

19Abantu abagwenxa baya kuqubuda phambi kwabo balungileyo,

bakhahlele emasangweni amalungisa.

20Ihlwempu libukulwa nditsho nangummelwane;

kanti ke yena umntu omi kakuhle unezihlobo ezininzi.

21Umntu omdelelayo ummelwane wakhe uyona,

kambe ke olenzela ububele ihlwempu, hayi inyhweba yakhe!

22Abayi kulahleka na abo bayila ububi?

Inceba nenyaniso ikwabo baceba okulungileyo.

23Ekubulalekeni kukusebenza kukho umvuzo;

ke yena olibala kukuncokola wambathwa bubuhlwempu kuphela.

24Abantu abazizilumko bathiwa jize ngobutyebi;

ke bona ubutyhakala beziyatha buvelisa ubutyhakala.

25Ingqina elinyanisekileyo liyabasindisa abantu;

kodwa ke lona elixokayo liyakhohlisa.

26Umntu omhlonelayo uNdikhoyo unenqaba eluqilima;

nabantwana bakhe bazimela kuyo.

27Isiseko sobomi kukuthobela uNdikhoyo;

umntu kuyamphephisa kwizirhintyelo zokufa.

28Ubuhandiba bokumkani buxhomekeke kubuninzi babantu bakhe;

kambe bengekho abantu bokulawulwa itshawe alinto.

29Umntu onomonde uba nengqiqo;

kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge.

30Umntu ozolileyo uba nempilo;

ke lona ikhwele yimpehla emathanjeni.

31Umntu ocinezela ihlwempu ugxeka uMdali walo;

ke yena obalungiselelayo abahlelelekileyo udumisa uMdali.

32Umntu okhohlakeleyo ubhangiswa bububi bakhe;

kanti ke yena olilungisa unenqaba azimela ngayo nasekufeni.

33Ubulumko busekhaya kumntu obhadlileyo;

kanti buyazibika naphakathi kweziyatha.

34Ubulungisa buyasiphakamisa isizwe;

ke sona isono lihlazo nakwesiphi na isizwe.

35Ukumkani uyakholiswa liphakathi elilumkileyo,

kodwa umsindo wakhe uyavutha kowenza okuziintloni.

IZAFOBE 15

1Impendulo ethambileyo iyawuthibaza umsindo,

kanti ke wona amazwi akrwempayo ahlobisa igazi.

2Izilumko ziphokoza ulwazi xa zithethayo;

kanti ke zona izityhakala zithulula ubudenge.

3UNdikhoyo uyazibona zonke izinto ezenzekayo;

ubakhangele abenza okubi nokulungileyo.

4Amazwi axolelanisayo angumthi wobomi;

ke wona awenkohlakalo ayawaphula umoya.

5Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;

kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.

6Ubutyebi buyagcinakala emzini womntu olungileyo;

kanti ke yona ingeniso yesikhohlakali isiphathela inkathazo.

7Umlomo wesilumko usasaza ulwazi;

phofu ke akunjalo kwintliziyo yesityhakala.

8Amadini omntu okhohlakeleyo alisikizi kuNdikhoyo,

kambe ke uyayamkela imithandazo yabantu abathe ngqo.

9UNdikhoyo uyazicaphukela iindlela zabantu abakhohlakeleyo,

kodwa uyabathanda abo bathene mbende nezinto ezifanelekileyo.

10Umntu ophambukayo endleleni wohlwaywa qatha;

ke yena okuthiyileyo ukululekwa uya kufa.

11Ingcwaba nelabafileyo azifihlakalanga kuNdikhoyo;

zibeka phi ke ukungafihlakali iingcamango zomntu kuye?

12Abagxeki abafuni kucetyiswa,

bengafuni nokuya nakwizilumko.

13Umntu oxolileyo ukhangeleka enemihlali,

kanti ke yena oneenzingo uyanxuba.

14Umntu onengqondo usoloko elangazelela ukufunda;

kanti ke sona isidovela saneliswa kukumatha.

15Yonke imihla yomntu olusizana ngamabona-ndenzile,

kambe ke kumntu ochwayithileyo ubomi busoloko bufana netheko.

16Kubhetele ukuba lihlwempu elihlonela uNdikhoyo

kunokuba sisinhanha esiphethwe ngamaxhala.

17Xa ukho umoya wobudlelwana akunani nokuba utya imifuno,

ndaweni yokutya inyama yenkomo etyetyisiweyo ikhatshwa yintiyo.

18Umntu onephuku uphembelela uqhushululu;

kanti ke yena onomonde uyayiphelisa ingxabano.

19Indlela yevila soloko ibekelwe ameva;

phofu ke yona eyabathe ngqo iphangalele.

20Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise;

ke yena umntu osisiyatha uyamdela unina.

21Umntu ongabhadlanga engqondweni uvuyiswa bubi,

ke yena onengqondo ihambo yakhe ithe ngqo.

22Apho kungekho kucebisana izicwangciso ziyabhanga,

kanti ke apho kukho abacebisi abaninzi ziyaphumelela.

23Hayi ukuvuya komntu oyaziyo impendulo echanekileyo!

Ewe, ilizwi elithethwe ngexesha elililo lihle kunene.

24Indlela yomntu onengqondo isinga phezulu ebomini;

yena uyayiphepha indlela ehlayo eya kwelabafileyo.

25UNdikhoyo uyayidiliza imizi yabantu abanekratshi;

kanti ke uyawukhusela umhlaba womhlolokazi.

26UNdikhoyo uyazicaphukela iingcinga zabantu abagwenxa;

kanti ezabanyulu zamkelekile kuye.

27Umntu onyolukileyo uyihlisela inkathazo indlu yakhe;

ke yena okuthiyileyo ukunyotywa uya kudla ubomi.

28Umntu olilungisa uyacinga phambi kokuba aphendule;

ke wona umlomo womntu okhohlakeleyo uphuphuma ububi.

29UNdikhoyo ukude kubantu abakhohlakeleyo;

phofu ke uyayiphulaphula imithandazo yamalungisa.

30Imbonakalo echwayitileyo izisa ulonwabo entliziyweni;

ibe ke zona iindaba ezimnandi ziyahlaziya emathanjeni.

31Umntu ophulaphula ukucetyiswa uya kudla ubomi,

azive esekhaya phakathi kwezilumko.

32Umntu ongayifuniyo ingqeqesho uyazilimaza yena ngokwakhe:

kanti ke yena ovayo akululekwa uzuza ukuqonda.

33Ukuhlonela uNdikhoyo kufundisa ubulumko;

indlela eya ewongeni yintobeko.

IZAFOBE 16

1Umntu uyazenza izicwangciso,

kodwa lona ilizwi lokugqibela lelikaNdikhoyo.

2Zonke iindlela zomntu zilungile kwawakhe amehlo,

kodwa nguNdikhoyo ocikida iinjongo zazo.

3Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,

yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.

4UNdikhoyo unenjongo ngayo yonke into;

ewe, kwanomntu lo ukhohlakeleyo umenzele imini yobubi.

5UNdikhoyo umthiyile umntu ontliziyo inekratshi;

ngokuqinisekileyo ngekhe agwetyelwe.

6Ngako ukuthembeka nokunyaniseka isono siyacanyagushelwa;

ngokuhlonela uNdikhoyo umntu uyabucezela ububi.

7Ukuba uNdikhoyo uyakholiswa yihambo yomntu

neentshaba zakhe zitsho zihlalisane naye ngoxolo.

8Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyo

kunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama.

9Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,

kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.

10Ukuthetha kukakumkani kuba ludaba olundilisekileyo;

umlomo wakhe mawungabi naxanasi xa agwebayo.

11UNdikhoyo ufuna kusetyenziswe isilinganiso nesikali esingenagobe;

ubunzima bamatye okuveyisha mabube ngokwezigqibo zakhe.

12Ookumkani bayabucekisa ubugwenxa;

kaloku uburhulumente buzinziswa bubulungisa.

13Ookumkani bayakholiswa ngumntu onyanisekileyo;

ewe, bayamxabisa umntu othetha inyaniso.

14Umsindo kakumkani sisigidimi sokufa;

ke yena umntu olumkileyo uyamthomalalisa.

15Xa bukhululekile ubuso bukakumkani kudliwa ubomi;

ukwamkeleka kuye nqwa nemvula entlakohlaza.

16Kulungile ukuzuza ubulumko kunokufumana igolide;

kungcono ukukhetha ulwazi kunokwamkela isiliva.

17Umntu othe ngqo uhamba ngendlela ebucezelayo ububi;

ewe, oyalusayo indlela yakhe ulondoloza ubomi bakhe.

18Ikratshi lilandelwa yimbubho;

ke kona ukudelela kutshayelela ukuwa.

19Akunani kwaukugqush' eluthulini nabahlelelekileyo

kunokuxhaphaza amaxhoba nabakhukhumeleyo.

20Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;

ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.

21Isilumko esizinzileyo siduma ngengqondo;

ubuciko baso busenza silandelwe ngabantu.

22Ingqiqo ngumthombo wobomi kwabo banayo;

kambe ke imfundiso yeziyatha bubudenge.

23Isilumko siyawabala amazwi esiwathethayo;

intetho yaso isenza silandelwe ngabantu.

24Amazwi amyoli nqwa nobusi;

ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni.

25Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emehlweni abantu,

kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.

26Indlala imenza umntu ukuba asebenze;

ewe, iphango limtyhalela ekuxelengeni.

27Itshijolo lihlala liqingqa ububi;

kwa-amazwi nje alo agqatsa njengomlilo.

28Umntu onobugwenxa udala ingxabano;

umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.

29Indlavini iyamkhukulisa ummelwane,

imkhokelele kwimikhuba ephuthileyo.

30Omana ewancina amehlo uceba ubugwenxa;

ohlala eluma umlomo utyekele ebubini.

31Izimvi sisithsaba sobuhandiba;

zizuzwa ngabaphila ngobulungisa.

32Onomonde ulungile kunegorha;

olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko.

33Abantu basenokulenza *iqashiso,

kanti ke ngumnwe kaNdikhoyo ofezekisayo.

IZAFOBE 14:1-16:33XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-