Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 170

Itekisi yeBhayibhile

UHOSIYA 5

USirayeli uyagwetywa

1“Bekan' iindlebe nive, babingeleli!

Khaniphulaphule, ndlundini kaSirayeli!

Qwalaselani niqiqe nani, makomkhulu,

kuba kaloku ngoku zidla kuni.

Kaloku nibe sisirhintyelo eMizpa,

suka nina nangumgibe eTabhore,

2suka nemba umhadi eShitim.

Ukanti ke ndiza kunohlwaya xa ninonke.

3Kaloku ndiyanazi, ndlundini kaEfrayim;

ewe, Sirayeli, awufihlakalanga apha kum.

Wena Efrayim, usahenyuza nangoku!

Mh-mh-mh! Urhono-rhono, Sirayeli!

4“Izenzo zabo zisuke zaxaba,

zayivala indlela yokubuyela kuThixo wabo.

Kaloku bathiwe fithi luhenyuzo;

abamkhathalele nganto *uNdikhoyo!

5Ikratshi likaSirayeli liyamjikela;

uSirayeli noEfrayim baza kukhubeka bawe ngenxa yobugwenxa babo,

kwanoJuda atsho akhubeke awe kunye nabo.

6Baxhakazela behamba nemihlambi yabo,

befuna uNdikhoyo ngamadini,

kodwa soze bamfumane;

kaloku yena urhoxile kubo.

7Kaloku bona bayamphamba uNdikhoyo;

ewe, bade bazale nemigqakhwe.

Ke amatheko abo okuthwasa kwenyanga

obaqwenga kunye namasimi abo.

8“Hlokomisan' isigodlo eGibheya,

nihlab' umkhosi ngexilongo eRama.

Ze niwuvakalise naseBhetaven.

Phakath' emsini, wena Bhenjamin!

9Yeka ke ngomhla wesohlwayo:

uEfrayim yena ndomvuthulula.

Nonke nina zindlu zikaSirayeli,

yazini, kuba oku kuqinisekile.

10Kaloku wona amatshawe akwaJuda

selefana nâbo bahlehlisa umlimandlela.

Ndosuka ndibagalele ngomsindo wam,

babe ngathi bafikelwe ziimpuphuma.

11Ewe, uEfrayim ubandezelekile;

suka wamvikiva umgwebo,

kuba yena usukelana nezithixo ezingento yanto.

12Ndoba njengenundu kumaEfrayim,

ndibe njengombolisa kwaJuda.

13UEfrayim wasibona isifo sakhe,

noJuda wazibona iinduma zakhe.

Suka uEfrayim wabhenel' eAsiriya,

wazibika apho kukumkani uYarebhi;

kodwa yena nkqi ukunyanga,

soze aziphozise ezo nduma.

14Ke kuEfrayim ndoba njengengonyama;

ewe, ndibe lirhamncwa kwindlu kaJuda.

Ndobaqwenga-qwenga ndibashiye,

ndibafuduse bangahlangulwa bani;

15ndize ke ndibuyele endaweni yam,

bade basivume isono sabo,

banqwenele ukububona ubuso bam.

Ewe, bondizingela bendifuna

ngenxa yokuminxwa ziimbandezelo.”

UHOSIYA 6

Ukuqaqadeka kukaSirayeli

1“Yizani kaloku, sibuyele *kuNdikhoyo.

Ewe, yena usidlakazile,

kodwa usenako ukubuya asinyange.

Ngenene yena usenzakalisile,

ukanti ke angabuya asibophe.

2Emva kweentsuku ezimbini wosidlisa ubomi,

ngolwesithathu ke asivuse,

sitsho siphile phambi kwakhe.

3Hayi ke, masimvume uNdikhoyo;

ewe, masikuxunele ukumazi.

Ukubonakala kwakhe kuqiniseke njengokuphuma kwelanga.

Uya kusifikela njengemvula yasebusika –

njengeemvula zentlakohlaza ezinyakamisa umhlaba.”

4“Mandikuthini na kodwa, Efrayim?

Mandenze ntoni na ngawe, Juda?

Uthando lwenu lunjengenkungu yakusasa,

nqwa nombethe othi shwaka kwangoko.

5Ngoko ke ndaninqunqa ngabashumayeli bam;

ewe, ndinixhelile ngamazwi am,

isigwebo silenya njengombane phezu kwenu.

6Kaloku ndithanda inceba,

andithandi minikelo.

Ndinonelele ukwazi uThixo

ngaphezu kwamadini atshiswayo.

7EAdam bawaphula umnqophiso;

ewe, khona basuka baqhankqalaza.

8IGiliyadi sisixeko sabenza ububi,

umzila weenyawo zayo umtyibilizi ligazi.

9Njengezihange ezilalel' umntu

nababingeleli sisigqubu esikwanjalo,

nasendleleni eya eShekem kulapho bagwinta khona.

Ewe, benza izinto ezimanyumnyezi.

10Kwindlu kaSirayeli ndibone into enkwantyisayo;

kulapho ahenyuza khona uEfrayim.

Awu, yeka ukuxabheleka kukaSirayeli!

11Nakuwe kambe, ndlundini kaJuda, uyeza umhla wesivuno.

“Ndakuba ndizimisele ukubabuyisela kundalashe abantu bam,

UHOSIYA 7

1xa ndandifuna ukumnyanga uSirayeli,

suka badandalaza ubugwenxa bukaEfrayim,

batyhileka ububi beSamariya.

Kaloku bahleli ngobuqhophololo.

Ngamasela aqhekezayo ebe;

basisigqubu sezikrelemnqa esiphanga phandle.

2Ewe, bona abaqondi tu,

kanti izenzo zabo zithe thaa kum.

Ngoku bajikelezwe zizenzo zabo;

ziluzenge-zenge oluphambi kwam.

3“Inkohlakalo yabo iyamvuyisa ukumkani;

inkohliso yabo iyawavuyisa namaphakathi.

4Bakrexeza bonke bephela;

batshisa njengomlilo wokubhaka

oyekwayo ungakhwezelwa ngumbhaki

ukusukela ekuxovuleni kwakhe

de inyuke intlama.

5Ngomhla wetheko lokumkani

suka amaphakathi ashushu yiwayini,

naye wabambana izandla nabahlekisi.

6Kaloku iintliziyo zabo zinjengeziko;

ewe, zona zivutha ngamayelenqe.

Ingcwangu yabo ilala ubusuku bonke,

kusasa idangazele njengomlilo.

7Bonke banobushushu oku kweziko lokubhaka,

abalawuli babo babathi lenye.

Iikumkani zikhahleleka phantsi,

kungekho bani ubhenela kum.

8“UEfrayim uxubana neentlanga;

ewe, yena ufana nesonka esingaguqulwanga.

9Abasemzini bawaxhaphazile amandla akhe;

ke kuye kurhidiwe, akaqondi.

Kaloku yena ngoku iinwele zakhe zixubile,

ibe ke phofu engaqondi.

10Ikratshi likaSirayeli liyamkhonkotha,

kodwa nkqi kubo ukubuya beze kuNdikhoyo uThixo wabo;

ewe, abazidubi nangokumfuna.

11“UEfrayim ukhamisile, nqwa nehobe;

yena usisimathane esingaqondiyo.

Uphatha kubhenela eJiputa,

maxa wambi abalekele eAsiriya.

12Ndobabekela umgibe endleleni, ndibanqakule njengeentaka.

Xa ndibeva bexhontelana ndobabambisa.

13Mawoo, ngokuba banxaxhile kum!

Yintshabalalo kubo,

ngokuba bemkile bandishiya!

Mna ndiyafuna ukubahlangula,

koko suka baxoka ngam.

14Xa bekhala abatsho ngomxhelo wabo;

basuka bazibhuqa-bhuqe emandlalweni.

Baqokelelana ngenxa yokutya newayini,

kodwa mna bandichasile.

15Ndabaqeqesha ndabomeleza,

kodwa ngoku bandijikeleza ngobubi.

16Ababuyeli kuPhezukonke;

bafana nesaphetha esinenkohliso.

Iinkokheli zabo zohlatyaniselwa likrele,

kuba imilomo yazo iphokoza ububi.

Ewe, boba sisigculelo kwilizwe laseJiputa.”

UHOSIYA 8

USirayeli ugxekwa ngezithixo

1“Yitsho ngomtyangampo wesigodlo!

Nal' ixhalanga lirhiwula abantu *bakaNdikhoyo.

Kaloku bawaphule umnqophiso wam,

suka bawuvukela umthetho wam.

2Ewe, ngoku uSirayeli uyazibika kum;

uyandivuma esithi: ‘Thixo wam endimaziyo!’

3Ngokutshikilela kwakhe okulungileyo

uSirayeli wathiwa mbende lutshaba.

4Bazikhethele ookumkani ngaphandle kwam,

bamisa namaphakathi ndingakwazi oko.

Ngesiliva negolide yabo bazenzele izithixo;

nto leyo iyintshabalalo kubo.

5Mh-mh-mh, ndiyalenyanya ithole laseSamariya!

Ingqumbo yam iyavutha ngakubo;

koda kube nini benyhuku-nyhuku?

6Tholendini lenziwe yingcibi yakwaSirayeli!

Hayi, asiThixo le nto iyenzileyo.

Ngenene elo thole laseSamariya liya kuntlekeka libe ziingceba.

7“Bona bahlwayela umoya,

kanti bavuna isaqhwithi.

Ingqolowa ziziphunzi ezingathwalanga;

ngoko ke tu isivuno.

Enoba besingade sifumaneke

bezingafikayo iintlanga zizenzele.

8USirayeli uthiwe bimbilili.

Utshone phakathi kwezizwe;

unjengesitya ekungekho yaso mpela.

9Usuke wanyukela eAsiriya,

wanjengeqwarha elibhadulayo;

uEfrayim uzithengisile kwizithandwa zakhe.

10Angade aziqeshise, nditsho nakwiintlanga,

kodwa ndosuka ndimqokelele.

Phofu ke uya kuncipha,

ingcinezelo yokumkani imthi nca.

11KwaEfrayim andisiwe amaqonga –

nditsho awokungxengxezela isono.

Ngoku angamaqonga okwenza isono.

12Ndaba ngababhalela imithetho,

nayo ke ingembalwa iyintaphane,

suka nayo leyo bayikhaba,

bayithatha njengento yasemzini.

13Ewe, bona amadini bayandenzela;

inyama yona bajika bayitye.

*UNdikhoyo ke akanelisekanga ngabo,

engabulibalanga nobugwenxa babo.

Ewe, yena uza kubohlwaya;

baza kuphindela kwaseJiputa.

14USirayeli umlibele umenzi wakhe,

suka wazakhela amabhotwe.

UJuda wazandisa izixeko ezinqatyisiweyo –

zixeko ezo ndozithumela ngomlilo,

ulenye konke, nditsho nezo nqaba.”

UHOSIYA 9

Ukugwetywa kukaSirayeli

1Musa ukonwaba, Sirayeli;

ewe, sukuvuya njengezinye izizwe.

Kaloku wena umphambile uThixo wakho;

wena usuke wamfulathela.

Uthe phithi yimali yokuzithengisa

kuzo zonke izanda zokubhula.

2Izanda nezixovulelo aziyi kuvelisa nto,

newayini entsha yosuka inqongophale.

3Awuzukuhlala kulo mhlaba *kaNdikhoyo.

Ewe, úza kuphindela eJiputa uEfrayim;

uya kutya ukutya okunomlaza eAsiriya.

4Ewe, uNdikhoyo abayi kumenzela iminikelo yewayini;

ayiyi kumanelisa iminikelo yabo.

Kubo lo mnikelo wofana nesonka sabazili –

abawutyileyo baya kuba nomlaza.

Ukutya kwabo kolungela bona kuphela –

akuyi kunikelwa kwindlu kaNdikhoyo.

5Hee, niya kwenza ntoni ke ngemihla yemibhiyozo emisiweyo,

ngomhla wetheko likaNdikhoyo?

6Xa bangasindiyo ekutshatyalalisweni

iJiputa yofika yona ibaqokelele,

ke yena uMemfisi abangcwabe.

Ubutyebi besiliva buya kukhulelwa lukhula,

imizi yabo ibhijelwe yimithana enameva.

7Iyeza imihla yesohlwayo

nditsho imihla yembuyekezo –

noSirayeli ke uza kuqonda.

Umshumayeli ngumlindi

Ngenxa yokwanda kobugwenxa benu,

nobunzulu bentiyo yenu,

*umshumayeli nithi sisityhakala,

umntu onefuthe likaMoya uphambene.

8Umshumayeli ngumlindi kaEfrayim,

bantu abo bangaboThixo wam,

kodwa ubekelwa izabatha,

kuliwe naye endlwini yoThixo wakhe.

9Ewe, bonakele ngokungathethekiyo;

kunjengaloo mihla yaseGibheya.

UThixo akabulibalanga ubugwenxa babo,

yaye ke uza kubohlwaya

ngenxa yezono zabo.

UHOSIYA 5:1-9:9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-