Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 201

Itekisi yeBhayibhile

UJEREMIYA 16

Isilumkiso sikaNdikhoyo

1Lavakala kum ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Uze ungakhe uzeke mfazi, uzale oonyana neentombi kule ndawo. 3Ngokusingisele koonyana neentombi zalapha, kunye noonina nooyise babo, utsho uNdikhoyo ukuthi: 4‘Baza kufa zizifo ezibulalayo, bangazilelwa, bangangcwatywa nokungcwatywa. Izidumbu zabo ziya kudunduluza emadlelweni okwamalongwe. Baza kufa likrele okanye yindlala, baxholwe ziintaka, badliwe nangamarhamncwa.’ ”

5Ewe, utsho uNdikhoyo kum ukuthi: “Ungaze ungene kumzi apho kuqhutywa isiko lokuzila. Ungazileli okanye ukhuze namnye umntu. Kaloku ndilususile kwaba bantu uxolo lwam; andisayi kuba nanceba nabubele kubo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 6“Abaphakamileyo nabaphantsi baza kufa ngokufanayo. Abayi kulilelwa, bengazi kungcwatywa nokungcwatywa. Akukho mntu uya kuziqaphula noya kucheba intloko ngenxa yabo. 7Akukho bani oya kumnika ukutya evelana naye oswelekelweyo, nditsho nokuba selebhujelwe ngunina okanye uyise. Ewe, akayi kusezwa nethontsi eli.

8“Uze ungangeni kumzi onesidlo, ungahlali phantsi utye usele kunye nabo.” 9Kaloku utsho uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: “Ndiza kuyiphelisa loo ntswahla yemigcobo neziyolo, nditsho ilizwi lomtshakazi nelomyeni. Oko nokubona ngawenu amehlo kule mihla yenu.

10“Wakuba uwavakalisile onke la mazwi, abantu baza kubhekisa kuwe besithi: ‘Kungani na ukuba uNdikhoyo asimisele intlekele engaka? Buyini na ubugwenxa bethu? Siyini na isono sethu esimone ngaso uNdikhoyo uThixo wethu?’ 11Uze wena ubaphendule uthi: ‘Kungenxa yokuba ooyihlo-mkhulu bandishiya, balandela oothixo basemzini, babakhonza, baqubuda kubo. Mna bandifulathela, abawuthobela umyalelo wam.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 12‘Kodwa nina niziphethe kakubi nabadlula ookhokho benu: nako elowo elandela ukuqaqadeka kwentliziyo yakhe ekhohlakeleyo endaweni yokuba andiphulaphule mna. 13Ndiza kunikhupha kulo mhlaba, ndinise kwilizwe eningalaziyo nina kunye nooyihlo. Apho nonqula *thixo bambi imini nobusuku, kuba andiyi kunisizela konke mna.’ ”

Ukubuya ekuthinjweni

14Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Inene, iyeza imihla ekungayi kuba safungwa kuthiwe: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli eJiputa.’ 15Koko baza kuthi: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli kumhlaba wangasentla nakwamanye amazwe awayewagxothele kuwo.’ Ndiza kuwabuyisela kowawo umhlaba endawunika ooyise-mkhulu.”

Isohlwayo

16Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Niyabona, ndiza kuthumela abalobi beentlanzi abaninzi, baze kubambisa aba bantu, emva koko ndithumele abazingeli abaninzi babazingele kuzo zonke iinduli nakuzo zonke iintaba, nasezimfanteni zamawa. 17Ndiyayibona into abayenzayo; akukho nto isitheleyo kum; ndiyabubona bonke ubugwenxa babo. 18Kuqala ndobabuyekeza ngokuphinda-phindiweyo ngenxa yobugwenxa babo nesono sabo, kuba baxabhele umhlaba olilifa lam ngoonomgogwana bezithixo zabo ezingamasikizi alizothe.”

Ithemba likaJeremiya

19*Ndikhoyo, mandla am, nqaba yam,

mkhuseli wam ngamaxesha eembandezelo,

ziya kuza kuwe iintlanga,

zivela eziphelweni zehlabathi,

zifike zithi:

“Inene, oobawo babebambelele kwizinto zobuxoki,

bekhonza oothixo abangamampunge, abangancedi lutho.”

20Kakade umntu angazenzela uthixo?

Hayi bo! Into enjalo ayinakuze ibe nguThixo.

21Ke ngoko uNdikhoyo uthi:

“Niyabona, ngesi sihlandlo ndiza kubafundisa,

ndibazise amandla am nokomelela kwam,

bandazi ukuba ndinguNdikhoyo igama lam.”

UJEREMIYA 17

Isono sikaJuda

1*UNdikhoyo uthi:

“Isono sakho, Juda, sikrolwe ngepensile yentsimbi,

saqoqwa ngencam yelitye lenyengane ecwecweni lentliziyo yakho,

nasezikoneni zamaqonga akho.

2Esi sono sisakhunjulwa ngoonyana bakho.

Bayawakhumbula amaqonga esithixokazi uAshera

nemifanekiso yakhe emiswe ngakwimithi enamagqabi ezindulini.

3Intaba yam phaya endle,

kunye nobutyebi bakho nendyebo yakho,

ndizinikele zibe lixhoba ngenxa yesono sakho

osenze kulo lonke elakowenu,

unqula kwizibingelelo ezingezizo.

4Uza kulahlekelwa lilifa lakho olinikwe ndim,

ndikwenze ukhonze iintshaba zakho ezweni obukade ungalazi,

kuba umsindo wam uvutha njengomlilo,

waye awusobe ucinywe.”

Ilishwa lokuthembela emntwini

5Utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Hayi ilishwa lomntu obek' ithemba emntwini,

akholose ngamandla ento eyinyama negazi,

abe entliziyweni enxaxhile kuNdikhoyo.

6Loo mntu unjengetyholo lasentlango;

akanakuze abe nempumelelo.

Uya kuma ezinkqantosini, kumhlaba ongumqwebedu,

umhlaba onetyuwa, apho kungahlali mntu.

7Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,

lowo ukholosa ngaye!

8Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,

ongcambu zinabela emanzini.

Awoyiki naxa ilanga lishushu;

amagqabi awo ahlala eluhlaza.

Ngexesha lembalela awunaxhala;

uhlala uvelisa iziqhamo.

9“Intliziyo yomntu inenkohliso ngaphezu kweento zonke.

Akukho nto inokuyinyanga,

kungekho bani uyiqondayo.

10Ndim, mna Ndikhoyo, umgocagoci weentliziyo zabantu,

nomvavanyi weengcinga zabo.

Ulowo ndimvuza ngokuziphatha kwakhe,

ndimdlise iziqhamo zezenzo zakhe.”

11Lowo uzuza ubutyebi ngobuqhetseba

ufana nesakhwatsha esiqandusela amaqanda angengawo awaso.

Uya kulahlekwa bobo butyebi eselula ngeminyaka,

ekugqibeleni abe sisityhamtyham, esingento.

12Indawo yethu yokunqula libhotwe eliqaqambileyo,

elathi zinzi phezulu kwantlandlolo.

13Nguwe, Ndikhoyo, ithemba lamaSirayeli.

Bonke abo bakushiyayo bohlazeka.

Bothi shwaka oku kwamagama abhalwe eluthulwini,

xa beshiya wena, Ndikhoyo.

Kaloku wena ungumthombo wamanzi obomi.

UJeremiya ucela uncedo kuNdikhoyo

14Ndiphilise, *Ndikhoyo, ndiphile qete.

Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.

Kaloku nguwe udumo lwam.

15Abantu basoloko besithi:

“Liphi na ke ilizwi likaNdikhoyo?

Masilibone kaloku lizaliseka.”

16Kanti ke, Ndikhoyo,

andizange ndale ukuba ngumalusi phantsi kwakho,

ndingazange abantu ndabanqwenelela umhla weshwangusha.

Kaloku, Ndikhoyo, uyayazi into endayithethayo,

kuba ndayithetha ebusweni bakho.

17Musa ukuba sisoyikiso kum.

Kaloku nguwe umkhuseli wam ndakuhlelwa yintlekele.

18Mabadane abo bandisukelayo, mna ndingadani.

Mabankwantye luloyiko bona, mna ndingoyiki.

Bazisele imini yentlekele,

ubohlwaye ngesohlwayo esiphindiweyo.

UMhla wokuPhumla

19*UNdikhoyo wathi kum: “Hamba uye kuma ngakwiSango laBantu apho ookumkani bakwaJuda baphuma bengena khona esixekweni. Uze udlulele nakuwo onke amanye amasango aseJerusalem. 20Uze uthi kubo: ‘Liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina kumkani bakwaJuda, nani bantu bakwaJuda xa ninonke, nabani na ongummi waseJerusalem ongenayo ngala masango. 21Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ze ningathwali mthwalo *ngoMhla wokuPhumla, ningangeni ngasango eJerusalem nithwele nto ngoMhla wokuPhumla. Ngokwenjenjalo noba nibeka ubomi benu esichengeni. 22Ewe, ze ningaphumi nokuphuma ezindlwini zenu nithwele umthwalo, ningasebenzi konke ngoMhla wokuPhumla, koko ze niwugcine ube ngumhla owodwa, njengoko ndanditshilo kooyihlo-mkhulu. 23Abazange bandive ooyihlo-mkhulu; abazange bafune kundihoya. Basuka baba neenkani, abafuna kufunda nto kum, abafuna nokundiphulaphula.”

24“ ‘Kambe ke nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ndiphulaphuleni ningangenisi mthwalo ngamasango esi sixeko ngoMhla wokuPhumla, koko niwuhlonele, ningenzi msebenzi ngawo konke. 25Xa kunjalo ke ookumkani benu abasesikhundleni sikakumkani uDavide, namaphakathi abo, bekunye nabantu bakwaJuda nabaseJerusalem, bongena eJerusalem bekhwele iinqwelo namahashe, basime eso sixeko ngokungenasiphelo. 26Abantu baya kuza bevela kwizixeko zakwaJuda, nakwiilali ezijikeleze iJerusalem, nakummandla wakwaBhenjamin, nakwelangaselwandle, nakweleentaba, nakumazantsi akwaJuda. Baya kuza endlwini kaNdikhoyo bephethe izinto zokwenza amadini atshiswayo, namanye amadini, neminikelo yeenkozo, nesiqhumiso, kunye namadini ombulelo.

27“ ‘ “Kodwa kufuneka nindithobele, niwuhlonele uMhla wokuPhumla, ube yimini eyodwa. Ngaloo mini ze ningangeni ngamasango aseJerusalem nithwele imithwalo. Ukuba aniwuthobeli lo myalelo, loo masango ndowantumeka umlilo – iinqaba zaseJerusalem ziya kuvutha ngumlilo, ungabi nakucinywa bani.” ’ ”

UJEREMIYA 18

UJeremiya emzini wombumbi

1Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Phakama uye emzini wombumbi; apho ndokwazisa udaba lwam.” 3Ndaya emzini wombumbi, ndafika esebenza elityeni lakhe. 4Kwakuthi yakungabumbeki kakuhle imbiza yodongwe, abuye aluthathe olo dongwe, enze ngalo mbiza yimbi ngokubona kwakhe.

5Lavakala ke kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 6“Ke, bantu bakwaSirayeli, niba mna andinako ukwenza kuni njengokuba umbumbi esenza njalo ngodongwe?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nani nisezandleni zam, njengodongwe olusezandleni zombumbi. 7Nanini na xa ndithe ubukumkani okanye uhlanga oluthile ndolunyothula, ndiludilize, ndilutshabalalise, 8ze lona olo hlanga luguquke, luyiyeke loo nkohlakalo ebendiluxelele yona, andiyi kukwenza oko bendithe ndokwenza. 9Kanti ke nanini xa bendithe ubukumkani okanye uhlanga oluthile ndolwakha ndilumilisele, 10ze lona lungandithobeli, lwenze ububi, andiyi kukwenza oko kulungileyo bendizimisele ukukwenza.

11“Ngoku ke baxelele abantu bakwaJuda nabemi baseJerusalem, uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Niyabona, ndiniqulunqele ububi, ndanicingela icebo. Guqukani elowo kwimikhwa yakhe emibi, nilungise ihambo yenu nezenzo zenu.’ 12Bona ke baza kuthi: ‘Unotshe! Siza kuhamba ngokubona kwethu, elowo kuthi enze ngokuqaqadeka kwentliziyo yakhe ekhohlakeleyo.’ ”

Abantu babukula uNdikhoyo

13Ke ngoko utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Khanibuzise kwezinye iintlanga

ukuba yakha yehla phi na into enje ngaphambili.

Intombi enguSirayeli yenze ihlazo elimanyumnyezi!

14Likhe linyibilike liphele ikhephu ezincotsheni zeLebhanon?

Yona imisinga epholileyo evela kwimithombo yakude yakha yoma nini?

15Kodwa bona abantu bam bandilibele.

Bênzela izinto ezingamampunge isiqhumiso,

zabakhubekisa kwiindlela zabo,

nditsho umendo wamandulo.

Baphambukile kwindlela eyiyo,

bahamba ngeendledlana ezingalungiswanga.

16Lo mhlaba bawutsho wayintw' ekhwankqisayo,

intw' eya kuhlala ingumbono ongajongekiyo.

Bonke abahamba ngendlela baya kothuka kakhulu,

badlule behlunguzela iintloko bethe khumnqa.

17Njengomoya wasempumalanga ndokwenjenjalo ukubathi saa phambi kweentshaba zabo,

ndibanike umhlana, ingabi bubuso, mhla bafikelwa lishwangusha.”

UJeremiya wenzelwa iyelenqe

18Bathetha-thethana bathi ngam: “Masimbonele icebo uJeremiya lo. Soze siyiswele imfundiso yababingeleli, namacebo ezilumko, kunye namazwi abashumayeli. Ngoko ke masimgxibhe ngamazwi ethu, singakusi so konke akuthethayo.”

19Ke mna ndathi:

“*Ndikhoyo, ndiphulaphule;

zive iintetho zabamangaleli bam!

20Bakha babuyekezwa phi ubuhle ngobubi?

Nâbo ke bendimbela umgodi.

Khumbula mhla ndisiza kuwe,

ndize kubacengela ukuba ungabi namsindo.

21Ngoku ke mabafe yindlala abantwana babo;

bayeke baye kufa likrele.

Mababe ngamadlolo nabahlolokazi abafazi babo;

amadoda abo atshabalale,

noonyana babo babulawe emfazweni.

22Makube sisijwili emizini yabo

xa befike ngebhaqo abaphangi abathunywe nguwe.

Bandembele umngxuma, ukuze ndeyele kuwo;

bandibekele izabatha zokubambisa iinyawo zam.

23Uyawazi, wena Ndikhoyo, onke amayelenqe abo okundibulala.

Uze ungabuxoleli ubugwenxa babo,

nesono sabo ungasicimi sithi shwaka emehlweni akho.

Mabakhubeke bawe phantsi phambi kwakho,

ubohlwaye usesemsindweni.”

UJEREMIYA 16:1-18:23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-