Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 205

Itekisi yeBhayibhile

UJEREMIYA 28

UJeremiya nomshumayeli uHananiya

1Kwangaloo nyaka, ngenyanga yesihlanu, kunyaka wesine elawula uZedekiya ukumkani wakwaJuda, uHananiya unyana ka-Azure waseGibheyon wathi kum, sisendlwini *kaNdikhoyo, ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke: 2“Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe kakumkani waseBhabheli ephezu kwenu. 3Ngeminyaka emibini ndiza kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaNdikhoyo eyathathwa yasiwa eBhabheli ngukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare. 4Ndiza kubabuyisela apha ooJekoniya unyana kaJoyakim ukumkani wakwaJuda, nabo bonke abathinjwa bakwaJuda abasiwa eBhabheli.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. Ewe, uthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe yokumkani waseBhabheli ephezu kwenu.’ ”

5UJeremiya umshumayeli wamphendula umshumayeli uHananiya apho ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke ababelapho endlwini kaNdikhoyo, 6wenjenje: “Amen! Akwaba ngenene uNdikhoyo la mazwi entshumayelo yakho ebeya kuwafezekisa, ayibuyisele kule ndawo impahla yendlu yakhe, kunye nabo bonke abathinjwa abaseBhabheli! 7Kambe ke, khawuve le nto ndiza kuyithetha apha phambi kwakho nangaphambi kwabo bonke aba bantu. 8Abashumayeli bamandulo, ababekho ngaphambi kwethu, babeshumayela ngemfazwe nendlala nobhubhani, bethetha ngezizwe ezikude nezikumkani ezinamandla. 9Umshumayeli ke obevakalisa uxolo ebecaca ukuba ungothunywe nguNdikhoyo ngenene xa izinto azishumayelayo zisenzeka.”

10UHananiya wayixhiwula loo dyokhwe yayisentanyeni yomshumayeli uJeremiya, wayaphula, 11wathetha apho ngaphambi kwabantu, wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi yena uza kwenjenje ukuyaphula idyokhwe ukumkani uNebhukadenezare ayithwalise izizwe zonke. Iza kwenzeka kwiminyaka emibini loo nto.” Umshumayeli uJeremiya ke usuke wemka.

12Emva kokuba umshumayeli uHananiya eyaphule idyokhwe eyayisentanyeni yomshumayeli uJeremiya, lavakala ilizwi likaNdikhoyo kuJeremiya lisithi: 13“Hamba uye kuthi kuHananiya: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ewe, uyaphule idyokhwe eyenziwe ngomthi, kodwa uza kufakwa eyentsimbi.’ 14Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Zonke ezi zizwe ndiza kuzithwalisa idyokhwe yentsimbi, zaye ziza kuba zizicaka zikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Ewe, uza kuthotyelwa nazizilwanyana zasendle uNebhukadenezare.’ ”

15Emva koko umshumayeli uJeremiya wathi kumshumayeli uHananiya: “Jong' apha, Hananiya, akuthunywanga nguNdikhoyo konke wena, yaye aba bantu ubenza babambelele ebuxokini. 16Utsho ke kuwe uNdikhoyo ukuthi: ‘Uyabona, ndiza kukususa wena phezu komhlaba. Ungekapheli lo nyaka, uza kufa wena, kuba ufundisa abantu ukukreqa kuNdikhoyo.’ ”

17Wabhubha ngenyanga yesixhenxe kwakuloo nyaka umshumayeli uHananiya.

UJEREMIYA 29

Incwadi eya kubathinjwa

1Nantsi incwadi eyabhalwa ngumshumayeli uJeremiya eseJerusalem, ebhalela amasalela amadoda amakhulu afudusiweyo, nababingeleli, nabashumayeli, kunye nabantu bonke abathathwa ngukumkani uNebhukadenezare eJerusalem, baya kuba ngabathinjwa eBhabheli. 2Wayibhala emva kokuba ukumkani uJekoniya nonina, namaphakathi, kunye neziphathamandla zakwaJuda naseJerusalem, namagcisa nabasebenzi bentsimbi bakhona, basiwa ekuthinjweni. 3Wayinikela uElasa unyana kaShafan loo ncwadi, ekunye noGemariya unyana kaHilekiya, ababezizigidimi zikakumkani uZedekiya wakwaJuda awazithumayo eBhabheli kukumkani uNebhukadenezare. Wabhala wenjenje:

4*UNdikhoyo uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli, utsho kubo bonke abathinjwa awabasa eBhabheli, besuka eJerusalem, ukuthi: 5“Yakhani izindlu, nihlale kuzo; limani izitiya, nitye iziqhamo zazo. 6Thathani abafazi, nizale oonyana neentombi; oonyana benu nibafunele abafazi, nizendise neentombi zenu, ukuze nabo bazale oonyana neentombi – qhamani nande, ninganciphi. 7Zamelani ucwangco kwezo zixeko ndinithumele kuzo, nizithandazele kuNdikhoyo, kuba xa ziba nenkqubela, nani noxhamla kuloo ntlala-kahle.”

8Ewe, utsho uNdikhoyo, uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli ukuthi: “Sanukuvuma ukukhohliswa ngâbo bashumayeli noosiyazi abaphakathi kwenu, ningawathatheli ngqalelo naloo maphupha bawaphuphayo. 9Banishumayeza egameni lam bexoka; abathunywanga ndim konke.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

10Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Yakuba izalisekile kwiBhabheli iminyaka emashumi asixhenxe ndonikhumbulela, ndisifezekise isithembiso sokunibuyisela kule ndawo. 11Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 12“Nokhalela kum, nize kundithandaza, ndize mna ndiniphulaphule. 13Nondifuna nindifumane, xa nindifuna ngomxhelo wonke. 14Ewe, ndithi ndofumaneka, ndize ke mna ndikuphelise kuni ukuthinjwa.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ndoniqokelela phakathi kwezo ntlanga ndanichitha-chithela kuzo, ndinibuyisele kule ndawo apho ndanisusa khona.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

15Nithi nina: “UNdikhoyo wasinika abashumayeli eBhabheli.” 16Kodwa ngokuphathelele kukumkani osesihlalweni sikaDavide kwakunye nakubantu bonke besi sixeko, amawenu angazanga asiwa ekuthinjweni kunye nani, 17utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: “Bona ndiza kubahlisela ikrele, nendlala, nobhubhani. Ndobatsho bafane namakhiwane angenakutyiwa ngenxa yokuba mabi kwawo. 18Ndobasukela ngekrele nendlala nobhubhani, ndibatsho babe nezothe kuzo zonke iintlanga ehlabathini. Boba sisiqalekiso, izinto ezinezothe ezisisigculelo nesingcikivo naphi na apho ndobagxothela khona. 19Kaloku abawahoyanga amazwi endaphindelela ukuwathetha ngabashumayeli izicaka zam.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Kanti nina bathinjwa nani khange naphulaphula.

20“Nina ke endanifudusayo eJerusalem ndanenza naba ngabathinjwa eBhabheli, liveni ilizwi likaNdikhoyo. 21Ngokubhekiselele kuAhabhi unyana kaKolaya nakuZedekiya unyana kaMaseya abanishumayeza egameni lam bexoka utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Bona ndiza kubanikela esandleni sikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, ababulale apha ngaphambi kwenu. 22Bonke abantu abasiwa ekuthinjweni eBhabheli, befuduswe eJerusalem, bothi xa befuna ukuqalekisa: ‘UNdikhoyo makakufanise noZedekiya noAhabhi abafakwa emlilweni behleli ngukumkani waseBhabheli.’ 23Kaloku benze isikizi kwaSirayeli: bona bakrexeza nabafazi babamelwane, bathetha egameni lam bexoka, bengathunywangwa ndim. Ndiyayazi loo nto mna, yaye ndilingqina layo.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

Udaba oluya kuShemaya

24Yithi kuShemaya umNehelam: 25“Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, onguThixo kaSirayeli, ukuthi: Wena wathumela iincwadi egameni lakho kubo bonke abantu baseJerusalem, nakumbingeleli uZefaniya unyana kaMaseya, nakubo bonke abanye ababingeleli. Wabhalela uZefaniya wenjenje: 26‘UNdikhoyo ubeke wena waba ngumbingeleli esikhundleni sikaJoyada. Nguwe ke ngoku usomaqhuzu endlwini kaNdikhoyo. Ingumsebenzi wakho ke ukuba onke amageza azenza abashumayeli akhonkxwe iinyawo ngezikhuni, afakwe nentsimbi entanyeni. 27Uyekele ntoni kodwa ukwenjenjalo kuJeremiya waseAnatoti ozenza umshumayeli phakathi kwenu? 28Usanda kusibhalela incwadi apha eBhabheli, esithi abathinjwa abalapha baza kuhlala ixesha elide apha, ngoko ke mabazakhele izindlu, bahlale kuzo, balime izitiya, batye iziqhamo zazo.’ ”

29Umbingeleli uZefaniya wayifundela umshumayeli uJeremiya loo ncwadi, 30laza lavakala ilizwi likaNdikhoyo kuJeremiya lisithi: 31-32“Thumela kubantu abangabathinjwa uthi: ‘Nkokusingisele kuShemaya umNehelam uNdikhoyo utsho ukuthi: Ndiza kumohlwaya uShemaya kunye nenzala yakhe, kuba unishumayeza noxa engathunywanga ndim, wanenza nathemba ubuxoki. Ngenxa yoko utsho uNdikhoyo ukuthi: Niyabona, akayi kuba nanzala konke. Akasobe azibone izinto ezintle endiza kuzenzela abantu bam, kuba kaloku yena ubebafundisa abantu ukukreqa kuNdikhoyo. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ ”

UJEREMIYA 30

Ukubuyiswa kwamaSirayeli

1Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo, lisithi: 2“Utsho uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Wabhale encwadini onke amazwi endiwathethileyo kuwe. 3Kuba kaloku lifikile ixesha lokupheliswa kokuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaJuda. Ndiza kubabuyisela kumhlaba endawunika ooyise-mkhulu, babuye bawume kwakhona,’ utsho uNdikhoyo.”

4Wenjenje ukuthetha uNdikhoyo, ebhekisa kumaSirayeli nakumaJuda:

5“Utshilo uNdikhoyo ukuthi:

‘Kuvakala isikhalo esibangwa lixhala.

6Khawuthi xha, ukhe ucinge:

yakha yazala kanene indoda?

Kutheni ke le nto ndibona amadoda ebambe izinqe ngathi ngumfazi osikwa yinimba?

Kutheni ematshekile nje?

7Mawoo! Hayi ukuba nkulu kwaloo mini!

Ayikho eyakha yafana nayo.

Lixesha lembandezelo kwindlu kaYakobi,

kodwa noko yosinda kuyo.’

8“Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke:

‘Ngaloo mini ndoyaphula idyokhwe abaphantsi kwayo,

ndiziqhawule izitrophu ababotshwe ngazo,

bangabi saba ngamakhoboka abantu basemzini.

9Ndaweni yaloo nto baza kuba zizicaka zikaNdikhoyo uThixo wabo,

nezicaka zokumkani wabo uDavide endiya kubavelisela yena.’

10“ ‘Musa ukoyika ke, sicaka sam Yakobi;

nawe Sirayeli, mus' ukunkwantya.’

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

‘Ndiza kukuhlangula kwelo lizwe likude,

ndiyikhulule inzala yakho kumazwe engabathinjwa kuwo.

Ewe, uYakobi woxhamla inzolo nolonwabo,

kungabe kubekho bani umothusayo.

11Ndinawe ukuze ndikusindise.’

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

‘Zona iintlanga endikuchitha-chithe phakathi kwazo

ndozitshabalalisa mpela,

kodwa wena andiyi kukucima tu igama.

Nawe phofu uza kohlwaywa;

ndiza kukuqeqesha,

phofu ndingabi ngqongqo kuwe.’

12“Utsho uNdikhoyo ukuthi:

‘Inxeba lakho alinako nokubotshwa oku;

wenzakele kangangokuba ungabi nakunyangwa.

13Awunamthetheleli;

awunayeza lokuzinyanga izilonda,

ungenalo nethemba lokuphiliswa.

14Izithandwa zakho zikulibele zonke;

azisacingi nokucinga oku ngawe.

Ndikubethe oku kotshaba,

ndakuqeqesha ngqongqo ngenxa yezikreqo zakho ezikhulu,

nezono zakho ezininzi.

15Yini ukuba ukhale ngenxa yenxeba lakho,

nangenxa yeentlungu zakho ezingenakunyangeka?

Ndikwenzele konke oku ngenxa yobukhulu bezikreqo zakho

nobuninzi bezono zakho.

16“ ‘Kodwa ke bonke abaqwenga wena boqwengwa nabo;

bonke abakuchasayo baya kusiwa ekuthinjweni.

Bonke abakuphangayo nabo bophangwa;

nabo bakwenza amaxhoba bokwenziwa amaxhoba nabo.

17Ke wena ndiza kukubuyisela empilweni,

ndikupholise amanxeba,

nakuba kusithiwa ungumlahlwa, iZiyon engafunwa bani.’

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

18“Utsho uNdikhoyo ukuthi:

‘Izindlu zakwaYakobi ndiza kuzibuyisela kundalashe,

zidle ngendebe endala,

ndibe nemfesane kumzi ngamnye.

Amanxuwa aseJerusalem aza kuvuswa,

nebhotwe lime kwasendaweni yalo.

19Kovakala intsholo yemibongo apho,

nentswahla yemigcobo.

Ndobatsho bande, banganciphi;

babaluleke, bangadeleki.

20Inzala yabo yoba njengeyamandulo,

ibandla labo ndilizinzise,

ndibohlwaye bonke ababacinezelayo.

21Inkokheli yabo yovela kwakubo,

umlawuli aphume phakathi kwabo.

Uya kuvela ngokubizwa ndim,

asondele kufuphi nam,

kungekho bani nje ungade asondele kum ndingambizanga.’

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

22‘Ewe, niya kuba ngabantu bam,

mna ndibe nguThixo

wenu.’ ”

23Niyabona, kuphuma kuNdikhoyo ulophu,

nditsho isaqhwithi esoyikekayo

esivuthuza phezu kweentloko zabangendawo.

24Lo msindo kaNdikhoyo awuyi kujika ade abe ukufezekisile oko akucebileyo entliziyweni yakhe.

Kwimihla ezayo niya kuyiqonda kakuhle le ndawo.

UJEREMIYA 28:1-30:24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-