Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 214

Itekisi yeBhayibhile

UJEREMIYA 52

Ukuwa kweJerusalem

1Ukuqala kwakhe ukulawula uZedekiya wayeneminyaka emashumi mabini ananye, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Unina yayinguHamutali intombi kaJeremiya waseLibhena. 2KwanjengoJoyakim naye wenza ububi emehlweni *kaNdikhoyo. 3Kungenxa yengqumbo kaNdikhoyo ukuba uJuda neJerusalem bahlelwe yile ntlekele, bade ekugqibeleni ke bagxothwa phambi kwakhe.

UZedekiya ke wavukelana nokumkani waseBhabheli.

4Ngoko ke kwathi kunyaka wethoba wolawulo lukaZedekiya, ngomhla weshumi wenyanga yeshumi, ukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare wagaleleka eJerusalem nomkhosi wakhe uphela. Bamisa ngaphandle kwesixeko, basakhela iindonga zokuhlasela. 5Sahlala singqingiwe njalo ke isixeko eso yada yangunyaka weshumi elinanye kakumkani uZedekiya.

6Kwathi ngomhla wethoba kwinyanga yesine yabe indlala iqatsele apho esixekweni, kangangokuba abantu baphelelwa kukutya. 7Ke kaloku amaKaledi alugqobhoza udonga lwesixeko, waza umkhosi wonke waseJerusalem wasaba ngobusuku, wemka ngendlela edlula ngasemyezweni kakumkani, waphuma ngesango eliphahlwe ziindonga, wabalekela entilini yeJordan. Ngelo xesha amaKaledi ayesasingqingile isixeko. 8Kambe ke umkhosi wamaKaledi wasukelisa, waza wamfumana uZedekiya nomkhosi wakhe wonke xa wayesesentilini yaseJeriko. Wahlukaniswa nomkhosi lowo, wona wasarhaka, 9waza yena wabanjwa. Wathathwa wasiwa kukumkani waseBhabheli eRibhela ezweni laseHamati, owathi yena walithetha ityala lakhe wamgweba. 10Apho eRibhela ukumkani waseBhabheli wababulala oonyana bakaZedekiya ekhangele, wazibulala nazo zonke iziphathamandla zakwaJuda. 11Yena uZedekiya wamtyhaphaza amehlo, waza wamkhonkxa ngamatyathanga obhedu, ukuze asiwe eBhabheli, wamfaka entolongweni kwada kwayimini yokufa kwakhe.

Ukubhukuqwa kweJerusalem

12Ke kaloku kwathi, ngomhla weshumi wenyanga yesihlanu kunyaka weshumi elinethoba kakumkani waseBhabheli uNebhukadenezare, ingqwayi-ngqwayi yabalindi uNebhuzaradan, eyayiliphakathi likakumkani waseBhabheli, yagaleleka eJerusalem. 13Indlu *kaNdikhoyo wayintumeka umlilo, yatsha kunye nebhotwe ngokwalo, nazo zonke izindlu zaseJerusalem. Zonke izakhiwo ezibalulekileyo wazitshisa. 14Wonke loo mkhosi waseBhabheli phantsi kwaloo ngqwayi-ngqwayi yabalindi basebhotwe wazidiliza zonke iindonga ezazijikeleze iJerusalem. 15UNebhuzaradan lowo wababamba wabathimba abathile kubantu abangamahlwempu nabantu ababengamasalela apho esixekweni, ndawonye namagcisa kwakunye nâbo babesebezinikezele kumaBhabheli. 16Kambe ke ingqwayi-ngqwayi leyo yabashiya abanye abantu abangamahlwempu, ukuze basebenze amasimi nezidiliya.

17AmaBhabheli azaphula iintsika zobhedu, kwakunye neenqwelana, nechibi lobhedu, zinto ezo zazisendlwini kaNdikhoyo, aza aluthatha lona ubhedu olo, aya nalo eBhabheli. 18Azithatha neembiza, iifotsholo, izikhwezeli-zibane, nezitya zokufefa, namacephe, nazo zonke izinto ezenziwe ngobhedu ezazisetyenziswa apho endlwini kaThixo. 19Ewe, ingqwayi-ngqwayi leyo yazithatha iingcedevu, neepani zesiqhumiso, nezitya zokufefa, neembiza, neziphatho zezibane, namacephe, namathunga asetyenziswa kwiminikelo ethululwayo, kwakunye nayo yonke into eyayenziwe ngegolide engcwengekileyo okanye isiliva engcwengekileyo.

20Ubhedu olwafumaneka kwezo ntsika zimbini, kwelo chibi, kuloo mifanekiso ilishumi elinambini leenkunzi zeenkomo elalimi phezu kwazo, nakwezo nqwelo – zinto ezo ezazenzelwe indlu kaNdikhoyo nguSolomon – lwalungenamlinganiso ngenxa yobuninzi. 21Intsika nganye kwezo zimbini zobhedu yayiziimitha ezisibhozo ukuphakama, iziimitha ezintlanu ezinesiqingatha ukuyithandela. Yayakhiwe ngobhedu oluyiminwe emine ububanzi, iliholoholo. 22Intloko nganye elubhedu ibiziimitha ezimbini ezinesithathu ukuphakama. Yayihonjiswe jikelele ngomnatha wobhedu nangeerharnati zobhedu. Ewe, zombini zazifana, nditsho kwaneerharnati ezo. 23Bekukho iirharnati ezingamashumi alithoba anesithandathu emacaleni. Ke lona inani leerharnati eziphezu komnatha othandelweyo bezilikhulu zizonke.

Abantu bakwaJuda basiwa eBhabheli

24Loo ngqwayi-ngqwayi yabalindi yamthimba umbingeleli omkhulu uSeraya, kunye nombingeleli onganeno kwakhe uZefaniya, nabagcini-mnyango abathathu. 25Kwabaseleyo apho esixekweni yathatha injengele yomkhosi kunye nesixhenxe samaphakathi akomkhulu abhaqwe esixekweni. Yamthatha nonobhala wenjengele yomkhosi owayeligosa eliyintloko elalatha abomkhosi, kunye nabantu abangamashumi amathandathu ababeselapho esixekweni. 26Bonke ke uNebhuzaradan wabathatha waya nabo kukumkani waseBhabheli eRibhela. 27Khona apho eRibhela kwelaseHamati ukumkani lowo wathi mababulawe.

Ngaloo ndlela ke amaJuda afuduselwa ekuthinjweni, ahlukana nelizwe lakowawo.

28Nali ke inani labantu wabafudusayo uNebhukadenezare:

    Kunyaka wesixhenxe: amaJuda angamawaka amathathu anamashumi amabini anantathu;
    29kunyaka weshumi elinesibhozo elawula uNebhukadenezare: abantu abangamakhulu asibhozo anamashumi amathathu anambini ababephuma eJerusalem;
    30kunyaka wakhe wamashumi amabini anantathu: amaJuda angamakhulu asixhenxe anamashumi amane anantlanu athinjwe nguNebhuzaradan ingqwayi-ngqwayi yabalindi bakomkhulu.

Yayingabantu abangamawaka amane anamakhulu amathandathu bebonke.

Ukukhululwa kukaJoyakin

31Ke kaloku kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe wathinjwayo uJoyakin ukumkani wakwaJuda, nyaka lowo waqala ngawo ukulawula uEvili-merodaki ukumkani waseBhabheli, wasuka wamkhulula uJoyakin entolongweni. Loo nto ke yenzeka ngomhla wamashumi mabini anesihlanu kwinyanga yeshumi elinambini. 32Wathetha naye ngobulali, wamnika isihlalo sembeko esingaphezu kwezo zabanye ookumkani awayenabo apho eBhabheli. 33Ngoko ke uJoyakin wazikhulula iimpahla zasentolongweni, waza wasoloko esesithebeni sokumkani lonke ithuba lobomi bakhe. 34Ukumkani lowo ke wathi rhoqo ukumnika umxhesho uJoyakin, loo nto eyenza imihla ngemihla ngabo bonke ubomi bukaJoyakin.

UJEREMIYA 52:1-34XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHABHAKUKI 1

Isingeniso

1Nalu udaba olundilisekileyo olwatyhilelwa *umshumayeli uHabhakuki.

Isikhalazo sikaHabhakuki

2Koda kube nini na, *Ndikhoyo,

ndidanduluka ndisithi: “Nceda!”

ube wena uthe cwaka?

Koda kube nini na ndizibika kuwe ndisithi: “Ugonyamelo!”

ube wena ungahlanguli?

3Yini na ukuba undibonise inkohlakalo?

Ngani ukuba ujongane nobugwenxa?

Naku sendiphahlwe yimbubho nogonyamelo;

imbambano nesidube-dube zixananazile.

4Okwakungumthetho sekuyingxwelerha;

ke bona ubulungisa abuvakali ndawo.

Izikhohlakali zidobelel' amalungisa;

ke bona ubulungisa buyagqwethwa.

Impendulo kaNdikhoyo

5“Khanizikhangele izizwe nibukele:

ewe, nosuka nikhwankqiswe,

kuba kuyo le mihla yenu ndiza kwenza isimanga,

into eningasoze niyikholelwe noba ningade niyibaliselwe.

6Kaloku ndiza kuvusa amaKaledi,

uhlanga olugenalusini noluzizityhuthu-tyhuthu,

izinto ezilityhutyha ngobubanzi balo ilizwe,

zithimbe imizi engeyoyazo.

7Hayi kambe ukoyikeka kweso sizwe!

Zizinto ezenza unothanda;

ewe, aphuhlisa isidima sawo.

8Ziintw' ezimahashe ashiy' ihlosi;

oyikeka ngaphezu kweengcuka zamarhatya.

Iinkweli-mahashe zawo zifunz' emsini;

ewe, ngabafo abaphuma ekudeni.

Ziintw' ezirhiwula ngathi lukhozi,

9zifike zizele lugonyamelo;

izinto ezizilahlela mpela kwinjongo yazo,

ziqokelel' intimbo ngathi yintlabathi.

10Iikumkani ahlekisa ngazo;

bona abalawuli ayabagcolodela.

Ke zona iinqaba awazazele nto;

enza iinduli zokuhlasela azithimbe.

11Asisitshu esigqotsa njengomoya;

ngoonomatyala abanqula amandla abo.”

UHabhakuki uyakhala kwakhona

12Akunguye na owamandulo, *Ndikhoyo,

Thixo wam, wena Yedwa wam?

Ke thina asiyi kufa.

Ndikhoyo, amaKaledi uwamisele ukuze usigwebe ngawo;

Ngxondorha yam, wena uwabekele ukusohlwaya ngawo.

13Kaloku amehlo akho amsulwa,

akangede ajongane nobubi,

ungenako nokunyamezela ubugwenxa.

Ngani ukuba ubabukele abakreqi?

Kutheni wathi cwaka xa kunje,

xa izikhohlakali ziginya abantu abangamalungisa kunazo?

14Kutheni abantu ubafanisa neentlanzi?

Ngani kuwe babe njengezinambuzane ezingenamlawuli?

15Kaloku xa bebonke amaKaledi abatsala ngehaki;

ewe, ababambisa ngomnatha.

Nango ebaqokelela ebarhuqa,

nto leyo iwavuyisa ngochulumacho.

16Loo mnatha ke awenzela amadini,

umnatha otsalwayo awenzele isiqhumiso.

Kaloku ethe gcobho nje, ngulo mnatha;

ngenxa yawo atya ooni nooni.

17Ngaba ohlala eqongqotha umnatha,

etshabalalisa izizwe engenalusini?

UHABHAKUKI 2

UNdikhoyo uphendula uHabhakuki

1Ndophuma ndime emboniselweni yam,

ndothi ngxishi phaya enqabeni,

ndibonisele ndive oko akuthethayo kum,

nempendulo yakhe kwisimangalo sam.

2*UNdikhoyo undiphendule esithi:

“Wubhale lo mbono –

wukrole ngokucacileyo emacwecweni,

ube nokufundwa nangogqitha ebaleka.

3Lo mbono ubhekiselele kwixesha elimisiweyo,

kwaye uxhinele ixesha lesiphelo,

ibe ke awuyi kuphosisa.

Noba ngathi uyalibazisa, wulindele;

ewe, uya kufika ngokuqinisekileyo ungenakuthintelwa nto.

4“Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;

ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe.

5Yona iwayini iyakhohlisa;

umntu imenza azidle angazinzi.

Sisinyolu-nyolu esikhamise njengengcwaba,

nqwa nokufa soze ahluthe,

nokuba uzihlanganisela kuye zonke iintlanga,

azibuthele kuye izizwe zonke.

6“Abazi kuphoxisa ngaye kodwa,

bahlekise ngaye bemenza isigculelo,

besithi: ‘Mawoo ke, maqokelel' okungekuko okwakho,

wena ozityebisa ngokuphanga impahla ekubanjiswe ngayo!

Yaz'ba koda kube nini na kunje?’

7Abanamatyala kuwe bosuka bakuvukele ngequbuliso;

bokujikela bakutsho ungcangcazele,

ibe nguwe kanye lowo uphangwayo.

8Kaloku uxhaphaze izizwe ezininzi;

wena ke woxhatshazwa ngamasalela azo.

Kaloku uliphalazile igazi lomntu;

ewe, uyitshabalisile imihlaba,

wabhuq' iidolophu nabemi bazo.

9“Mawoo kowakha umzi ngenzuzo yobuqhophololo,

ayimise indlu yakhe kwiindawo eziphezulu

ukuze asinde nakweyiphi inkxwaleko.

10Uzifuthele imbubho izizwe ezininzi,

nkqu nendlu yakho wayigalela ngehlazo,

wabeka ubomi bakho esichengeni.

11Amatye odonga osuka abhomboloze,

imiqadi yophahla ithelele.

12“Mawoo kowakha isixeko ngokuphalaza igazi,

kulowo useka iidolophu ngobugwenxa!

13Akatshongo na uNdikhoyo uSomandla

ukuthi imigudu yeentlanga lilifa lomlilo?

Nezizwe ke zifumana zibulaleka.

14Ke wona umhlaba uya kuphuphuma kukubuqonda ubungangamsha bukaNdikhoyo,

okwamanzi agubungele ulwandle.

15“Mawoo ububi bomntu oseza ummelwane wakhe,

lowo umkhelela utywala kumphanda wakhe,

amseze ade ayayatheke kukunxila,

aze ke abukele ihlazo lobuze bakhe.

16Uya kugutyungelwa lihlazo, ingebubo ubungangamsha.

Nawe sela unxile ugxadazele.

Iyahamba ibhekile yomgwebo kaNdikhoyo;

yofika nakuwe,

ubungangamsha bakho bugutyungelwe lihlazo.

17Ugonyamelo olwenze eLebhanon lokufikela;

uya kunkwantya yimbubho oyenzele izilwanyana.

Kaloku uliphalazile igazi labantu;

ewe, uyitshabalalisile imihlaba,

wabhuq' iidolophu nabemi bazo.

18“Unaxabiso lini umfanekiso,

into eqingqwe yingcibi?

Sinceda ntoni isithixo esifundisa inkohliso?

Umenzi waso uqamela ngobuchule,

aze enze into engathethiyo.

19Mawoo kothi emthini: ‘Vuka!’

othetha nelitye elifileyo, athi: ‘Phakama!’

Ungakufundisa ntoni umfanekiso,

into etyatyekwa ngegolide nesiliva?

Hayi, ayinamphefumlo tu!

20Ke yena uNdikhoyo usendlwini yakhe engcwele;

malithi cwaka phambi kwakhe lonke ihlabathi.”

UHABHAKUKI 3

Umthandazo womshumayeli uHabhakuki

1Nanku umthandazo *womshumayeli uHabhakuki; uvunywa okwesililo.

2*Ndikhoyo, ndiluvile udaba olungawe;

ewe, ndithe khamnqa zizenzo zakho.

Nakule mihla yethu khawuhlaziye loo misebenzi yakho yamandulo;

ewe, ukusebenza kwakho

makubonakale nakule yethu iminyaka.

Nokuba unomsindo, mus' ukuyilibala inceba yakho.

3UThixo uyeza ephuma eTeman;

uYedwa uvela kwintaba iParan.

Ubuqaqawuli bakhe bambathisa amazulu;

ihlabathi lizele ludumo lwakhe.

4Ukuqaqamba kwakhe kunjengokukhanya;

isandla sakhe siphanjwa yimitha;

azimel' apho amandla akhe.

5Yaba sisibetho phambi kwakhe;

emkhondweni wakhe wee chu ubhubhani.

6Uthi angema lishukum' ihlabathi,

azijonge zitsho zinkwantye izizwe.

Iintaba zamandulo ziyaqhaqhamba;

iinduli zakudala zona ziyatshona.

Ewe, le yindlela yakhe yasephakadeni.

7Ndibona iintente zakwaKushan zisenkathazweni,

izikhuselo zelizwe lakwaMidiyan zingcangcazela.

8Ucatshukiswa yimilambo na, Ndikhoyo?

Ngaba uqunjiswa ziintlambo na?

Ngaba wenziwa umsindo lulwandle na,

le nto uqhuba amahashe akho nje,

ukhwele kwiinqwelo zakho zoloyiso?

9Wena utyhila isaphetha sakho,

uziqinise ngeziqalekiso iintolo zakho,

ihlabathi uliphambe ngemilambo.

10Iintaba zithi zingakubona zibhinyalaze,

imisinga yamanzi iqukuqele.

Ke zona iinzonzobila ziyagquma;

amaza ayalatyuza okwezandla eziphakanyisiweyo.

11Zithi zakumenyez' iintolo zakho ezikhawulezayo,

wakuba umkhonto wakho umenye-menyeza,

suka lingabonakali ilanga nenyanga esibhakabhakeni.

12Ihlabathi ulicanda unengqumbo,

nezizwe uzinyhasha unomsindo.

13Uphuma uye kubahlangula abantu bakho,

ukuze usindise umthanjiswa wakho.

Uyaludiliza uphahla lomzi wabakhohlakeleyo,

kutyhileke iindonga kuye kutsho kwilitye lesiseko.

14Uyigwaza ngomkhonto wayo inkokheli,

bakuba abomkhosi wayo bephume okoqhwithela beze kusisarhaza,

bezidla ngathi bobaqwenga ngasese abahlelelekileyo.

15Ugxampuza elwandle ngamahashe akho,

aze ayaluzele amanzi amaninzi.

16Ndithe ndakuva satsho saxuxuzela isisu sam,

imilebe yatsho yabebezela;

amathambo atsho angenelwa yimpehla,

nemilenze yam yasuka yagevezela.

Kambe ke ndowulinda ngomonde umhla wenkxwaleko;

nditsho umhla oya kufikela olu hlanga lusihlaselayo.

17Noba ungade ungadubuli umkhiwane,

umdiliya ungabi nazo neziqhamo,

nokuba awungevelisi nto umnquma,

namasimi ngokwawo angabi nasivuno,

zingade zingabikho iigusha esibayeni,

nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,

18ewe, khona kungade kube njalo,

kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,

ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.

19Amandla am nguMhlekazi uNdikhoyo;

uzenza iinyawo zam zibe njengezenxala;

ngaye ndihamba kweziphezulu iindawo.

Kumbhexeshi-kwayala; ngezikhalisi ezineentambo.

UHABHAKUKI 1:1-3:19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-