Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 22

Itekisi yeBhayibhile

EYEMFUDUKO 22

Imithetho mayela nentlawulo

1“Xa umntu ebe inkomo okanye igusha, waza wayixhela okanye wayithengisa, makahlawule iinkomo ezintlanu ngenkomo enye, aze ahlawule iigusha ezine ngegusha enye.

2“Ukuba ngaba isela libhaqwe liqhekeza ebusuku, laza labulawa, akanatyala lowo ulibuleleyo. 3Kambe ke ukuba le nto yenzeke emini, woba netyala lokubulala lowo ulibuleleyo.

4“Into umntu ayibileyo makayihlawule. Ukuba kuthe kanti ungumntu ongenanto, makathengiswe abe likhoboka ukubuyekeza ubusela obo. Ukuba ke inkomo, idonki, okanye igusha, leyo ayibileyo, ifunyenwe kuye isaphila, wohlawula zibe mbini ngenye.

5“Ukuba umntu uthe ebhuqisa intsimi yakhe yaza impahla yaphumela kweyomnye, umonakalo lowo makawuhlawule ngemveliso yentsimi yakhe.

6“Xa umntu etshisa entsimini yakhe, waza umlilo lowo wanwenwela entsimini yomnye umntu, watshisa ukutya osekuvuniwe okanye okungekavunwa, loo monakalo mawuhlawulwe nguloo mntu uqale umlilo.

7“Xa umntu egcinise omnye impahla ethile okanye imali, yaza ke yebiwa apho kuye, xa libanjiwe isela eliyibileyo liya kuyihlawula ngokuphindiweyo; 8kanti ke xa lingafumaneki, umgciniswa lo uya kusiwa *esibingelelweni phambi kukaThixo, afunge ukuba ngenene le nto ibiweyo ayikho kuye.

9“Kuyo yonke imicimbi yembambano nokuba inxulumene neenkomo, iidonki, iigusha, impahla yokunxiba, okanye nantoni na elahlekileyo, abo babangisanayo mabasiwe esibingelelweni phambi kukaThixo. Lowo uthe wagwetywa ke nguThixo uya kumhlawula ngokuphindiweyo ogwetyelweyo.

10“Xa abantu ababini begcinisene iidonki, iinkomo, iigusha, okanye nasiphi na isilwanyana, saza safa okanye senzakala, kungenjalo sibiwe, kungabikho ngqina, 11umgciniswa lowo makaye kufunga esibingelelweni phambi kukaThixo ukuba umsulwa kule nyewe. Ukuba ke le mfuyo kubanjenwe ngayo ayibiwanga ngumgciniswa, umniniyo makaselexola, umgciniswa angayivusi. 12Kodwa ke ukuba imfuyo leyo ibiwe nguye, makayihlawule. 13Kambe ke ukuba kufumanisekile ukuba iqwengwe ngamarhamncwa, lo iqwengwe ikuye makezise ixhwayela, ibe bubungqina; xa kunjalo ke akayi kuyivusa.

14“Ukuba ababini babolekene ngemfuyo, yaza ke yenzakala okanye yafa engekho umniniyo, lo ubebolekiwe makayivuse. 15Kanti ke ukuba ebekho umniniyo, umbolekwa lowo akanakude ayihlawule. Phofu ke ukuba ibiqeshiwe kohlawulwa imali yengqesho yodwa.”

Imithetho yentlalo nonqulo

16“Xa umntu one intombi nto engekabonwa lisoka, makayilobole batshate. 17Ukanti ke xa uyise wayo engavumi ukuyendisela kuye, makakhuphe intlawulo elingana nekhazi lentombi.

18“Ke lona igqwirha malibulawe.

19“Umntu olala nesilwanyana makabulawe.

20“Umntu obingelela nakwisiphi na *isithixo ngaphandle *kukaNdikhoyo makagwetyelwe ukufa.

21“Ningaze nimphathe kakubi nimcinezele umntu obhacele kwelakowenu. Kaloku nani ngokwenu naningababhaceli kwelaseJiputa. 22Ningaze nimphathe kakubi umhlolokazi nenkedama. 23Ukuba niyenzile loo nto, mna Ndikhoyo ndiya kusiva isikhalo sabo, 24ndikhathazeke, nina ndiniyekele nife emfazweni, ukuze abafazi benu babe ngabahlolokazi, abantwana bona babe ziinkedama.

25“Xa uboleke omnye kubantu bam abahlelelekileyo imali, mayingabi ngathi ùngumbolekisi-mali; ngoko ke sukumbiza nzala. 26Ukuba ke umntu úbambise ngengubo yakhe kuwe, ze uyibuyisele kwakuye lingekatshoni ilanga, 27kuba kaloku yena kuphela kwesambatho anaso sokumfudumeza. Kakade ke ùthi úya kulala ngani? Ukuba ke úthe wakhala kum, ndiya kumphendula, kuba kaloku mna ndinovelwano.

28“UThixo ungaze umnyelise; ngokunjalo ungayithuki nenkokheli yesizwe sakho.

29“Ungathandabuzi ukuthatha kwisivuno nakwiwayini yakho, wenze ngazo umnikelo kum.

“Unyana wakho wamazibulo nikela ngaye kum. 30Namazibulo enkomo okanye igusha makabe ngumnikelo kum. Makahlale nonina iintsuku zibe sixhenxe qha, aze ngolwesibhozo anikelwe kum.

31“Ningabantu bam ncakasana; ke ngoko sanukuyitya inyama yemfuyo eqwengwe ngamarhamncwa asendle – ndaweni yaloo nto yinikeni izinja.”

EYEMFUDUKO 23

Ubulungisa

1“Ungaze uhlwayele iindaba zolwimi. Sukuncedisana netshijolo ngokulingqinela ngobuxoki. 2Sukuvuma ukona ngenxa yokukhukuliswa sisihlwele. Ungaze uyigqwethe inyaniso ngenxa yefuthe lesihlwele. 3Sukuba negobe ngakwihlwempu xa kuthethwa ityala lalo.

4“Xa ubhaqe inkomo okanye idonki yotshaba lwakho ilahleka, yithathe uyigoduse. 5Ukuba ubona umntu okuthiyileyo eqhuba idonki ebuthisayo isoyiswa ngumthwalo, sukumyekela; mncedise niyivuse.

6“Musa ukugqwetha umthetho xa kuthethwa ityala lehlwempu. 7Bucezele ubuqhophololo bokutyhola umntu ongenatyala, ungabi sisizekabani sokufa kwelungisa elimsulwa, kuba iqhophololo ndiyaligweba. 8Sukuvuma ukunyotywa, kuba unyobo luyamfamekisa, luwawexule amalungisa. 9Ungamcinezeli umbhaceli. Kaloku uyazi ukuba kunjani na ukuba ngumbhaceli, kuba wawukhe wangumbhaceli kwelaseJiputa.”

Unyaka wesixhenxe nosuku lwesixhenxe

10“Amasimi akho walime uwavune iminyaka ibe mithandathu. 11Ke ngowesixhenxe wayeke alale. Into evelayo kuwo yoba yeyamahlwempu; eseleyo ke ibe yeyeenyamakazi. Yoba seso nakwisidiliya nesinquma sakho.

12“Sebenza iintsuku zibe ntandathu, kodwa ngolwesixhenxe ungawuphathi umsebenzi, ukuze izicaka nababhaceli ngokunjalo nemfuyo yakho ifumane ikhefu ihlaziyeke.

13“Wanyamekele amazwi endiwathethileyo kuwe. Ungazinquli *izithixo, ungaze uzikhankanye nokuzikhankanya oku.”

Amatheko amathathu abalulekileyo

(Mfud 34:18-26; Hlaz 16:1-17)

14“Ndenzeleni itheko kathathu ngonyaka. 15Ngenyanga uAbhibhi enaphuma ngayo eJiputa, yenzani itheko lesonka sentlama engenagwele njengoko ndaniyalelayo. Kwithuba leentsuku ezisixhenxe zeli theko ze nitye sona sodwa.

“Sanukuza phambi kukaThixo ningaphathanga mnikelo.

16“Yenzani itheko lolibo ukuqala kwenu ukuvuna.

“Yenzani itheko lesivuno xa niqokelela iziqhamo zomsebenzi wenu emasimini. 17Minyaka le ngexesha lala matheko mathathu amadoda makeze kundinqula mna *Ndikhoyo iNkosi yenu.

18“Xa niphalaza igazi, nisenza idini, ze ninganikeli ngaxa-nye ngesonka sentlama enegwele. Ngala mathuba ke amanqatha edini elo makangabekwa mbeko.

19“Minyaka le zisa ulibo lwesivuno sakho endlwini kaNdikhoyo uThixo wakho.

“Uze ungaze ulipheke itakane lebhokhwe ngobisi lukanina.”

Izithembiso nemiyalelo

20“Uyabona ke, ndiya kukuthumela isithunywa sam, sikulondoloze endleleni yakho, sikuse kuloo ndawo ndikulungiselele yona. 21Uze usithobele, ungasivukeli, kuba simele mna; ibe ke asiyi kuba nalusini kulowo usivukelayo. 22Kambe ke ukuba uyayiphulaphula ngenyameko into ethethwa siso, wenze ngokomyalelo wam, iintshaba zakho ziya kuba zezam, ndibachase abakuchasayo. 23Isithunywa sam siya kukukhokela, sikuse kwilizwe lama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaKanana, amaHivi, namaJebhusi, ndize mna ndiwatshabalalise. 24Ungakhe ulinge uguqe unqule *izithixo zawo; ungazingeni neendlela zawo zonqulo. Ndaweni yaloo nto uzuzikhiqe izithixo zawo; uyiqhekeze uyiqethule imifanekiso yazo yamatye. 25Ukuba ke uthe wanqula mna *Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu. 26Kwelo lizwe lenu akukho mfazi uya kuphuma sisu, kungayi kubakho mfazi ungaphathiyo. Ewe, ndiya kunenza niphile nide nikhokhobe.

27“Ndiya kubenza barhwaqele bonke abantu abakuchasayo, ndizenze zidideke zonke izizwe olwa nazo. Ewe, ndiya kuba ngakuwe, utsho uziswantsulise zonke iintshaba zakho. 28Ndozithumela ngoonomeva iintshaba zakho, atsho asabe ungekafiki amaHivi, amaKanana, namaHiti. 29Andiyi kuwagxotha ngonyaka omnye, khon' ukuze kungabi senkangala kwelo lizwe, uthi wena ufika abe amarhamncwa selegunyile. 30Ndaweni yaloo nto ndiya kuthi chu ukuwafifinga oku, ude wena wande ngokwaneleyo, ube nako ukulithatha elo lizwe ulimé. 31Imida yakho iya kusuka kuLwandle oluBomvu, iye kuthi xhaxe kulwandle iMeditera; isuke kumlambo iEfrati, iye kuthi gaa ngentlango. Ndiya kubanikezela kuwe abemi belo zwe, ubagxothe phambi kwakho. 32Uze ungenzi mnqophiso nabo, okanye *nezithixo zabo. 33Uze ungabavumeli beme emhlabeni wakho, hleze bakulukuhle undivukele. Mhla wazinqula izithixo zabo, woba ungenile emgibeni.”

EYEMFUDUKO 24

Ukuzinziswa komnqophiso

1Ke kaloku *uNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Nyuka, wena noAron, uNadabhi noAbhihu, kunye namashumi asixhenxe amadoda amakhulu akwaSirayeli. Nothi ke nisemgama nikhahlele. 2Yoba nguwe Mosis wedwa ke oya kuza kufika kum; abanye ke abo basale; ke wona umndilili awuyi kunyuka nokunyuka entabeni.”

3UMosis ke wawugqithisela ebantwini loo mlomo kaNdikhoyo, ngokunjalo nemiyalelo. Ke amaSirayeli atsho ngazwi-nye athi: “Konke akuthethileyo uNdikhoyo siya kukwenza.” 4UMosis wayibhala yonke imiyalelo kaNdikhoyo. Kusasa ngengomso wakha iqonga lamadini emazantsi entaba, waza wamisa ishumi elinambini leentsika zamatye ngokwezindlu ezilishumi elinambini zikaSirayeli. 5Kamva ke wathuma abafana, baya kwenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo, babingelela ngeenkomo, benza amadini obudlelwana. 6UMosis wathatha isiqingatha segazi elo, waligalela ezityeni, waza isiqingatha wasifefa eqongeni lamadini. 7Ngoku ke wathatha umqulu ekubhalwe kuwo imiqathango yomnqophiso kaNdikhoyo, wafundela amaSirayeli. Ke wona aphendula athi: “Siya kumthobela uNdikhoyo, sikwenze konke asiyalele kona.”

8Ke kaloku uMosis wathatha elaa gazi lalisesityeni, wafefa ngalo abantu, esithi: “Eli gazi litywina umnqophiso awenze nani uNdikhoyo mhla waninika le miyalelo.”

9UMosis, uAron, uNadabhi, noAbhihu, kunye namashumi asixhenxe amadoda amakhulu, benyuka intaba, 10baza bambona uThixo kaSirayeli. Iinyawo zakhe zaziphezu komgangatho welitye elibuglasirha eliluhlaza okwesibhakabhaka. 11Kambe ke uThixo zange awase sandla la matshawe akwaSirayeli; bambona baza batya basela.

UMosis eSinayi

12*UNdikhoyo wabhekisa kuMosis, wathi: “Nyuka uze kum apha entabeni, uhlale; ndiza kukunika amacwecwe amatye endiyibhale kuwo imithetho nemiyalelo omawuyifundise amaSirayeli.” 13UMosis wanduluka ke nehlakani lakhe uYoshuwa; ke yena uMosis wenyuka intaba kaThixo. 14Wathi kumadoda amakhulu: “Lindani kule ndawo side sibuye. Nâba uAron noYuri; wonke umntu onomcimbi makawandlale phambi kwabo bawuphicothe.”

15Ngenene ke uMosis wenyuka intaba, laza lona ilifu layambathisa intaba leyo. 16-17Baza ke ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bahlala phezu kwentaba iSinayi. KumaSirayeli kwakungathi ngumlilo ovuthayo apho phezu kwentaba. Ilifu elo layifukama intaba leyo iintsuku zantandathu, waza ngolwesixhenxe uNdikhoyo wabiza uMosis esefini apho. 18Ke kaloku uMosis wenyuka intaba, waya kungena apho efini. Wahlala apho iintsuku ezimashumi mane.

EYEMFUDUKO 22:1-24:18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-