Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 240

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 65

Umgwebo nosindiso

1*UNdikhoyo uthi:

“Ndaba ngazibonakalisa kwathi nya.

Kanti ndilindele abangandifuni nganto.

Ndandisithi bokhala kum;

kwathi kanti bona abakhw' apho.

Ndandikulungele ukuthi: ‘Yizani, ndim lo.’

Gxebe kanti sisizwe esingandinquliyo.

2Imini yonke ndahlala ndikhongozele.

Phi ke, ingunkanishe wesizwe nje,

esiphikelene neendlela ezigwenxa,

silandelana neengcamango zaso;

3uhlanga olungandihoye nganto,

olwasoloko luphikelene nokundicaphukisa

ngokwenza amadini *ezithixo emiyezweni,

lusenz' iziqhumiso kumaqonga ezitena;

4abantu ungafika behlel' emangcwabeni,

ebusuku bejikelezana nabangasekhoyo;

zizintw' ezity' inyam' ehagu,

ezithebeni lizothe lodwa;

5baze ke bathi:

‘Bhekelani, sanukusondela kuthi;

musan' ukusichukumisa; singcwele.’

Abantu abanjalo ke bayanditsarha;

ngumlilo ondiqhumisela imini yonke.”

6UNdikhoyo uthi:

“Uyabona ke, sendigqibe konke,

ibe ke andiyi kuthi cwaka;

isohlwayo sabo sesijinga phezu kwabo;

ngoko ndiya kubabuyekeza

7ngenxa yezabo nezono zooyise.

Kaloku bênza iziqhumiso ezindulini,

baza ke mna bandingcikiva.

Ngoko ke ndobabuyekeza kangangoko,

ndibohlwaye ngezono zabo.”

8UNdikhoyo uyathetha, uthi:

“Idiliya entle ayitshatyalaliswa kunye naleyo yonakeleyo, koko ngayo kwenziwa iwayini.

Nam ke ngenxa yazo izicaka zam andiyi kubatshabalalisa bonke.

9Ndosuka ndimvelisele inzala uYakobi;

abakwaJuda baya kuma kwilizwe lam,

iintaba zalo zibe lilifa labanyulwa bam –

ziya kuma kuzo izicaka zam.

10ISharon yoba lidlelo lempahla,

iinkomo ziphumle kwintili yeAkore;

ezo ke zezabantu abalangazelela intando yam.

11“Ke nina bamfulathelayo uNdikhoyo,

abangayikhathaleleyo intaba yam eyodwa iZiyon –

nina banqula uGadi noMeni, *izithixo zelaka nekamva –

12nina nimiselwe ikrele;

ewe, xa ninonke niya kutshatyalaliswa.

Kaloku anisabelanga ndakunibiza,

aniphulaphulanga naxa ndithetha;

suka nakhetha ukwenza ububi

ndaweni yokwenza oko ndikuthandayo.”

13Ngoko ke uMhlekazi uNdikhoyo uthi:

“Izicaka zam zona zothi zisitya zihlutha,

nibe ke nina nithe nca yindlala.

Izicaka zam aziyi kuswela manzi,

nibe ke nina nikhothekile lunxano.

Zothi zona zichulumacha yimincili,

nibe nina ninyoshoza ngamahlazo.

14Izicaka zam zomemelela zinemihlali,

ukanti nina nobhomboloza yintlungu,

nincwine nikhwiniswa yinkxwaleko.

15Ke lona igama lenu loba sisigculelo kubantu bam;

uMhlekazi uNdikhoyo uya kunitshabalalisa,

zona izicaka zakhe azinike igama elitsha.

16Kweli lizwe ke othamsanqelayo

uya kwenjenjalo ngegama likaThixo onguThembekile,

nofungayo uya kubiza uThixo onguThembekile.

Kaloku iinkathazo zamandulo zoba sezalityalwa;

ngenene, zoba zifihlakele ndingasazikhumbuli.”

Izulu elitsha nehlabathi elitsha

17*UNdikhoyo uthi:

“Ewe, ndiza kudala amazulu amatsha,

ngokunjalo nehlabathi elitsha.

Ke yona indalo yamandulo iya kulityalwa ingabi sakhunjulwa.

18Ngoko ke vuyani niqakathe ngenxa yale ndalo yam intsha;

iJerusalem ndoyitsho ibe liqhayiya,

nabantu bayo bavelise uchulumacho.

19Nam ndoba nemincili ngenxa yeJerusalem,

ndithatheke ndidlokove ngabantu bam.

Khona soze sibe saviwa isijwili;

ukufixiza nesilokozi ziya kuphela tu.

20“Nokufa kweentsana kuya kunqamka;

abantu bokhula bade bakhokhobe.

Umntu ofe enekhulu leminyaka

uya kunconywa ngokuf' emncinci;

kanti ke ongafikelelanga ekhulwini

yena kothiwa wambethwe lishwangusha.

21Imizi abayakhayo abantu boyima;

baya kutyala izidiliya, bazitye iziqhamo zazo.

22Imizi abayakhayo ayiyi kumiwa ngabanye,

nezinto abazilimileyo zingaxhatshazwa ngabanye.

Kwanjengobude bobomi bemithi yoba njalo nemihla yabantu bam;

ewe, abanyulwa bam baya kuwuxhamla ngenene umsebenzi wezandla zabo.

23Bona abasayi kusebenzela ilize,

bengasayi kuzalela isithwakumbe;

koko boba ngabantu abathamsanqelweyo nguNdikhoyo,

ngokunjalo nezizukulwana zabo.

24Mna ndosabela bengekakhali nokukhala;

ndobeva besathetha nje kuphela.

25Ingcuka netakane ziya kutya ndawonye,

ingonyama igramze ingca njengenkomo,

yona inyoka itye uthuli.

Inene akusayi kubakho owonayo notshabalalisayo

eZiyon intaba yam eyodwa.”

Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.

UISAYA 66

Umgwebo nenceba

1*UNdikhoyo ke uthethe wenjenje:

“Izulu lona likomkhulu lam;

ihlabathi ke lona ngamathânga am.

Ndluni ke leyo ningandakhela yona?

Yiyiphi indawo endingade ndiphumle kuyo?

2Kaloku zidalwe ndim zonke ezi zinto;

zikho nje ziphuma kwezi zandla.”

Ewe, utsho uNdikhoyo.

“Ke yena umntu ondikholisayo

ngulo uzithobayo nozohlwayayo –

nditsho ondihlonela ngentobeko.

3Kambe owenza intando yakhe,

noba uxhel' inkomo yedini,

nqwa nesibulala mntu;

noba wenza umnikelo ngegusha,

umatwa nowenz' idini ngenja;

noba wenza umnikelo weenkozo,

nqwa nobingelela ngegazi lehagu;

ewe, noba undenzela isiqhumiso,

ufana nonqula *umfanekiso.

Izinto ezimanyumnyezi zizo azilangazelelayo.

4Ke abenjenjalo ndiza kubazisela ishwangusha,

ndibathobele ezi zinto bazoyika gqitha,

kuba ndibe ngakhwaza abasabela,

ndaba ngathetha bona abaphulaphula,

suka benza izinto ezingamanyondololo,

bakhetha ezo zinto ndingazithandiyo.”

5Ke nina balihlonelayo ilizwi lakhe,

uNdikhoyo uthethe ngolu hlobo:

“Ngenxa yokunyaniseka kwenu kum

abanye kumawenu banithiyile.

Abasanifuni nganto;

ungafika beningcikiva besithi:

‘UNdikhoyo makabonakalise ubukhulu bakhe;

ewe, makanisindise sibone kaloku,

nathi khe sinibukele nonwabile.’

Kambe ke ngabo abaza kungena ehlazweni.

6Niyayiva loo ngxokolo esixekweni phaya,

loo ngxolo ivakala endlwini kaThixo?

NguNdikhoyo ngenkqu ke lowo,

iintshaba zakhe uziphakela impindezelo.

7“Suka isixeko sam safana nomfazi

osuke wabeleka engekalunywa;

ewe, engakhange eve nenimba le,

suka yena watsho ngenkwenkwe.

8Wakha wayiva phi ke into enjalo?

Sakhe sabonwa phi isimanga esinjalo?

Sisizwe saphi esivela ngamini-nye?

Sizwe sini esiqingqwa ngomzuzwana nje?

Ewe, akuyi kuba kudala iZiyon ilunywa,

ingasivelisanga isizwe,

ingambelekanga lo mntwana.

9Njengoko indim umseki wenimba,

ikwandim umbelekisi.”

Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.

10Vuyisanani nigcobe neJerusalem,

nonke nina basithandayo esi sixeko.

Qakathani nivuyisane naso kaloku,

nonke nina bebekade besililela.

11Kaloku niza kuncanca nimfimfithe nanele;

nozifikisela ngolonwabo kwindyebo yaso,

nifane nosana luthuthuzelekile esifubeni sikanina.

12Kaloku yena uNdikhoyo uthi:

“Mna ndiza kunithululela inkqubela nenzolo

impompoze njengomlambo,

ubutyebi bezizwe buphuphume njengentlambo.

Noba njengosana luncanca lusingathiwe;

ewe, niya kuthuthuzelwa ngemfobe.

13Njengonina embambazela usana lwakhe

ndiya kwenjenjalo ukunithuthuzela,

nitsho nithuthuzeleke eJerusalem.”

14Notsho nivuye xa isenzeka le nto;

nosuka nihlume nihlaziyeke njengengca.

Ngenene niya kutsho niqonde ukuba uNdikhoyo uyabanceda abamthobelayo,

nokuba ingqumbo yakhe iphezu kweentshaba zakhe.

15Nanko uNdikhoyo esiza, edangazela njengomlilo;

iinqwelo zakhe zilatyuza njengesaqhwithi.

Umsindo wakhe uza kwenza iziqwenga,

akhalime ngamalangatye omlilo.

16UNdikhoyo uza kugweba ngomlilo olenyayo,

uluntu aluhlasele ngomkhonto wakhe;

ewe, baninzi aya kubatshabalalisa.

17*UNdikhoyo uthi: “Abo bazikhethayo bazihlambulule, abo benze imingcelele emiyezweni, abatya oozinyama zeehagu, iimpuku, nazo zonke izidlo ezingàtyiwayo ngabantu bam, baya kufa kunye. 18Ndiyazazi iingcinga nezenzo zabo. Ngoko ke ndiyeza; ndiza kuziqokelela zonke izizwe. Zakufika ke ziya kuwabona amandla am.

19“Kambe ke ndomisa umqondiso phakathi kwazo, ndibasindise abanye bazo, ndibathumele kwiintlanga ezikude, ezo zingazange zive ngodumo lwam, zingawabonanga amandla nobungangamsha bam: eTashishe, eLibhiya, naseLidiya – kwezo ncutshe zeentolo – eTubhali, nakwelamaGrike. Phakathi kwezi ntlanga ke bobubhengeza ubungangamsha bam. 20Kwezi ntlanga ke bobuya nawo amawenu abe njengomnikelo kum. Bobuya nawo beze nawo entabeni yam eyodwa eJerusalem. Baya kuza behamba ngamahashe neemeyile neenkamela, bekhwele ezinqwelweni nasezikhotshini, oku kwamaSirayeli esizisa umnikelo weenkozo endlwini kaThixo, ewuphethe ngezitya ezifanelekileyo. 21Abanye bazo ke ndobenza ababingeleli nabaLevi,” utsho uNdikhoyo.

22“Kwanjengokuba amazulu amatsha nehlabathi elitsha

nditsho la ndiza kuwadala –

aya kuhlala ehleli phambi kwam,

koba njalo kwigama lakho nakwizizukulwana zakho.

23Ngayo yonke imibhiyozo yokuthwasa kwenyanga –

nditsho nangaleyo *yoMhla woPhumlo –

izizwe zonke ziya kuza zigxalathelana,

zize kundinqula.”

Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.

24“Ke bona baya kuyibona imizimba yâbo bantu bafe ngenxa yokuvukelana nam. Ezo mpethu ziyimemethayo azisoze zife, kanti nomlilo obatshisayo soze ucime. Lowo ke yoba ngumbono omanyumnyezi kulo lonke uluntu.”

UISAYA 65:1-66:24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-