Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 250

Itekisi yeBhayibhile

UJOWELI 1

Isingeniso

1Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafika kuJoweli unyana kaPetuweli.

Uhlaselo lweenkumbi

2Hoyina, zingwevu zakowethu!

Yivani, nonke bemi beli lizwe!

Nikhonje nakha nayibona into enje?

Khona kwimihla yamanyange yakhe yakho phi?

3Ke, yixeleni kubantwana benu;

nabo ze bayixelele abantwana babo,

ukuze nabo bayixelele isizukulwana esizayo.

4Oko kushiywe ngumqikela kudliwe yinkumbi;

okushiywe yinkumbi kudliwe ngumkhothululi;

ukanti okushiywe ngumkhothululi kudliwe ngumnqunquthi!

5Vukani, nitshw' esofelweyo, manxila;

lilani nonke nigixe, baseli bewayini.

Ewe, bhombolozani ngenxa yewayini entsha –

kaloku sobe nibe saphinda niyirhabule.

6Kaloku eli lizwe lihlaselwe ngumkhosi;

ewe, ziingwanyalala eziyinyambalala.

Ngenene zizinto ezimazinyo angxavula okwengonyama.

Ngonyamakazi yakwabani emabamba anje?

7Isidiliya sam usibhuqe bhuqiyane,

imithi yam yomkhiwane wayitshabalalisa.

Ewe, uyixoze wada wayixobula,

wageqa noomaxolo ejuba phaya.

Ewe, iziphunzi zasala zimhlophe wee.

8Ngoko ke hlahlambani nixel' umfazana ozilayo

eswelekelwe ngumyeni wakhe.

9Okokwayo iminikelo yeenkozo,

ngokunjalo neminikelo yewayini,

inqamkile endlwini *kaNdikhoyo.

Ngoko ke ababingeleli bayagixa;

nditsho abo bangabalungiseleli bakaNdikhoyo.

10Kaloku nanko amasimi eze,

nomhlaba ngokwawo uyabhomboloza.

Kaloku ingqolowa itshabalele,

newayini yembala inqamkile.

Asisathethi ke ngamafutha omnquma.

11Ewe, ncamani, nina balimi,

nihlahlambe, batyali bomdiliya,

nangenxa yengqolowa nerhasi.

Ngenene isivuno samasimi sitshatyalalisiwe.

12Umdiliya usuke woma khwahla;

kanti wona umkhiwane uswamile.

Oomirharnati, isundu, nom-apile,

suka yabharha yonk' imithi.

Nasebantwini imivuyo iphelile.

Ukuzisola nenguquko

13Ke nina, babingeleli, fakan' ezokufelwa nizile;

bhombolozani, balungiseleli baseqongeni.

Yambathani ezokuzila nasebusuku,

nditsho nina, balungiseleli bakaThixo wam,

ngenxa yeminikelo yeenkozo nethululwayo.

Kaloku yona inqamkile endlwini yoThixo wenu.

14Bhengezani ithuba lokuzila;

ewe, miselani imbizo eyodwa.

Waqokeleleni amadod' amakhulu;

xa bebonke abemi beli lizwe

mabeze endlwini kaNdikhoyo uThixo wenu,

bakhale kuye.

15Hay' ukoyikeka kwaloo mini!

Ewe, imini kaNdikhoyo isemnyango!

Yogaleleka ipheth' intshabalalo evela kuSomandla.

16Kaloku kona ukutya suka kwanqanyulwa phambi kwamehlo ethu.

Asisathethi ke ngemivuyo nolonwabo –

alusekho nasendlwini kaThixo wethu.

17Imbewu isuka ingunde phantsi kwamagade.

Udladla ngokwalo seludlakadlaka,

noozisele ngokwazo zidibekile.

Kaloku ingqolowa itshile.

18Nâzo izilwanyana zigxwala,

imihlambi yeenkomo ikhohliwe.

Kaloku amadlelo azo akaphethe nto,

ukanti ke neegusha zixhwithekile.

19Ewe, Ndikhoyo, ndibhenela kuwe.

Kaloku amadlelo ethu atshile;

nemithi yonke irhawuke yaphela,

kwanga ilenywa lidangatye.

20Abhenele kuwe amarhamncwa nezilwanyana.

Kaloku imithombo yamanzi itshe qoko;

ewe, amadlelo asuke abharha.

UJOWELI 2

Umkhosi weenkumbi

1Hlokomisan' ixilongo eZiyon;

hlaban' umkhosi kwintaba yam engcwele.

Mabankwantye bonke abemi beli lizwe.

Kaloku imini kaNdikhoyo isemnyango;

ayifikanga, koko igalelekile.

2Ngumhla othi thsu, imini yesithokothoko;

lusuku olurhuqis' amafu, nditsho amafu amnyama,

imini enjengongcwalazi phezu kwentaba.

Nank' umkhosi omkhulu owomeleleyo!

Nowamanyange awuzange ube nje;

nowezizukulwana awusoze ube njalo.

3Phambi kwawo kulenyez' umlilo;

ngasemva kudangazel' idangatye.

Phambili phaya umhlaba ngathi ngumyezo we-Eden,

kodwa emkhondweni wawo yinkangala.

Ubetha kungasindi nto konke-konke.

4Mbonakalo yawo ngathi ngamahashe;

ewe, uphala oku kwawomkhosi.

5Nanko utsiba-tsiba ezintabeni.

Yingxokolo engathi kukugaxaza kweenqwelo zokulwa,

ngathi kukunqanqaza komququ otshiswa ngumlilo.

Unqwa nomkhosi oqulele imfazwe.

6Ewe, wona nguvela-barhwaqele;

phambi kwawo ubuso bezizwe buyambatsha.

7Uhlasela okwamagorha;

ugwencel' iindonga okwamajoni;

ungqala phambili ungajika-jiki.

8Ewe, awugxalathelani, uhlala uthe mbo;

nokuba sewubulawa loo nto ayiwuthibazi.

9Usuka uphoseke phakath' esixekweni,

uqakathe phezu kwezo ndonga.

Usuka utsho phakathi ezindlwini

nangeefestile ngathi ngamasela.

10Wakuvela suka kunyikim' umhlaba;

ke sona isibhakabhaka singcangcazele,

ilanga nenyanga zijike zibe mnyama,

ke zona iinkwenkwezi zitsho zifiphale.

11UNdikhoyo uzongomisa ngelo lizwi,

endolosa phambi komkhosi wakhe.

Awakhe amabutho yinkungu nelanga;

ewe, yena uthotyelwa ngamagorha.

Hay' ubukhulu bemini kaNdikhoyo!

Awu, hay' ukoyikeka kwayo!

Yaz'ba ngubani na onokumelana nayo?

Guqukani

12Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo,

yena uthi: “Qalisani kwangoku.

Buyelani kum ngamxhelo mnye

ngokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.”

13Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,

koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.

Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;

kaloku yena unesisa kwanemfobe,

uza kade umsindo,

yimvuze-mvuze ngobubele;

ewe, unebuyambo, akananqala.

14Ngubani ke owaziyo?

Noko mhlawumbi angabuya asivele,

asithululele iintsikelelo –

umnikelo weenkozo kunye nothululwayo

uziswe kuNdikhoyo uThixo wakho.

15Khanihlokomise ixilongo eZiyon.

Bhengezani umhla owodwa wokuzila;

ewe, qokelelan' ibandla ibe yimbizo.

16Bahlanganiseni abantu,

niyihlambulule loo ntlangano.

Waqokeleleni amadoda amakhulu;

kananjalo qokelelani nabantwana,

nize naye nalowo usebeleni.

Nomyeni makalishiye igumbi lakhe,

aze nomtshakazi aphume entangeni.

17Ababingeleli abalungiselela kwaNdikhoyo mabantywizise;

ewe, mabalile phakathi kwegumbi lokungena neqonga,

bathi: “Khawube nebuyambo, Ndikhoyo!

Abantu abalilifa lakho mabangabi sisigculelo.

Mabangabi ngundaba-mlonyeni wezizwe.

Abantu mabangathethi ngabo besithi:

‘Ud' abe phi na lo Thixo wabo?’ ”

Ibuyambo

18*UNdikhoyo woba nekhwele ngelizwe lakhe,

abenzele inceba abantu bakhe.

19UNdikhoyo wobaphendula athi:

“Ewe, ndiza kuninika ingqolowa,

newayini entsha, namafutha omnquma.

Ngenene niya kutya nihluthe,

ndingaze ndiphinde ndinenze intlekisa phakathi kwezizwe.

20Ndosigxotha isibetho esivela ngasentla,

ndisidudulele kwinkangala yentlango.

Amabutho aphambili ndiwase kulwandle lwasempuma,

asemva wona ndiwase kolwasentshonalanga.

Hayi ke ukubopha kwevumba lazo!

Kuba kambe iziphakamisile ngokwenza izinto ezinkulu.

21Musa ukoyika, mhlabandini;

ewe, yiba nemihlali wonwabe

ngenxa yemisebenzi emikhulu ayenzayo uNdikhoyo.

22Sanukoyika nani, zilwanyana zasendle.

Kaloku amadlelo asentlango ayahluma,

imithi nayo ithwala iziqhamo zayo,

ngokunjalo umkhiwane nomdiliya uyavuza zizo.

23Vuyani nani, bemi baseZiyon.

Yonwabani kuNdikhoyo uThixo wenu,

kuba uninike ngobulungisa imvula yasekwindla,

wanithululela izandyondyo zomvimbi ekwindla nasentlakohlaza,

natsho nadla ngendeb' endala.

24Izanda ziya kuzala yingqolowa,

iifatyi ziphuphume yiwayini entsha namafutha omnquma.

25Mna ndiya kunibuyekeza ngelahleko yeminyaka yeenkumbi –

nditsho umkhothululi, nomqikela, nomnqunquthi,

loo mkhosi wam omkhulu ndanithumela ngawo.

26Niya kutya nizibethe zibe bomvu,

nitsho nilidumise igama likaNdikhoyo uThixo wenu

onenzele imimangaliso engaka.

Soze baphinde badeleke abantu bam nanini na.

27Niya kuqonda ukuba ndinaye uSirayeli,

nazi ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wenu,

niqonde ukuba akukho wumbi.

Ewe, soze baphinde badeleke abantu bam nanini na.”

Imini kaNdikhoyo

28“Kothi ke emva koko ndithulule uMoya wam kulo lonke uluntu,

bashumayele oonyana neentombi zenu,

amaxhego aphuphe amaphupha,

abafana babone imibono.

29Ewe, nezicaka nezicakazana

ndiya kuzigalela ngoMoya wam ngaloo mihla.

30Ndiya kwenza imiqondiso esibhakabhakeni nasemhlabeni,

kube ligazi, umlilo, nentshinyela yomsi.

31Ilanga liya kujika libe bubumnyama,

inyanga ibe bomvu njengegazi,

phambi kokufika kwaloo mhla mkhulu woyikekayo kaNdikhoyo.

32Kananjalo nabani na othe wabiza igama likaNdikhoyo uya kusindiswa,

kuba kaloku kwintaba iZiyon naseJerusalem kuya kubakho ukuhlangulwa,

njengoko atshiloyo uNdikhoyo –

nditsho ukuhlangulwa kwâbo babiziweyo nguNdikhoyo.”

UJOWELI 3

Ukugwetywa kwezizwe

1“Ke kaloku ngaloo mihla,

ngalo kanye elo xesha,

ekuyibuyiseleni kwam iJerusalem noJuda

kwimeko yayo yangaphambili,

2ndoziqokelela zonke izizwe,

ndizithobele kwintili kaYoshafati,

apho ke ndozigweba khona

ngenxa yelifa lam abantu bam amaSirayeli.

Kaloku bawasarhaze aziimbacu ezizweni,

bawahlula-hlula umhlaba wam.

3Benze *amaqashiso ngabantu bam;

ngenxa yamahenyukazi bathengisa ngamakhwenkwe,

ngenxa yewayini bathengisa ngamantombazana,

khon' ukuze babe nento yokusela.

4“Kambe ke niya kundenza ntoni na, nina Tire neSidon nemimandla yaseFilistiya? Ngaba nizama ukuphindisa ngenxa yesenzo sam? Xa kunjalo ke mna ndokhawuleza ndinibuyekeze kwangoko. 5Kaloku nayithimba isiliva negolide yam, nabuthatha nobona buncwane bobutyebi bam, nabuthimba nabusa ezindlwini zoothixo benu. 6AbakwaJuda nabaseJerusalem nithengise ngabo kumaGrike, nabasa kude lé kwelakowabo. 7Ngoku ke ndiza kubaphuthuma kwezo ndawo wabathengisa kuzo, ndiphindise ngenxa yezinto owazenza kubo. 8Oonyana neentombi zenu ndobathengisa kumaJuda; aze wona abathengise kwisizwe esikude, amaShebha.” Lawo ke ngamazwi kaNdikhoyo.

9Le nto yivakaliseni ezizweni.

Ndithi hlaban' umkhosi.

Ewe, waxhokonkxeni amajoni.

Onke amadoda emfazwe makasondele ahlasele.

10Amakhuba wajikeni abe ngamakrele,

izitshetshe zokuthena imithi zibe yimikhonto.

Negwala malithi: “Ndilikroti.”

11Phuthumani, yizani nonke, zizwe ezijikelezileyo;

yizani niqokelelane apho.

Thoba umkhosi wakho, Ndikhoyo.

12“Ke zona izizwe mazishukunyiswe

zingene kwintili kaJoshafati.

Ke mna ndohlala khona,

ndizigwebe iintlanga ezijikelezileyo.

13Ewe, khawufake irhengqe;

kaloku isivuno sivuthiwe ngoku.

Ngena uxovule iidiliya;

sona isixovulelo sizele,

kananjalo nemiphanda iyaphuphuma.

Kaloku inkohlakalo yabo inkulu.”

14Nâbo beyinyambalala yesihlwele phaya kwintili yesigqibo.

Kaloku imini kaNdikhoyo isemnyango;

ewe, iyifikele intili yesigqibo.

15Loba mnyama ilanga nenyanga;

iinkwenkwezi zosuka zifiphale.

16UNdikhoyo wobhavuma eZiyon,

izwi lakhe lizongome eJerusalem,

umhlaba nesibhakabhaka utsho ungcangcazele.

Ke abakhe bazimela ngaye uNdikhoyo;

ewe, yena ulixhadi labantu bakhe amaSirayeli.

Intsikelelo yabantu bakaThixo

17“Ke kaloku nina notsho niqonde

ukuba mna *Ndikhoyo ndinguThixo wenu.

Ndaye ke ndihlala eZiyon,

ndawo leyo iyintaba yam engcwele.

IJerusalem yoba sisixeko esingcwele,

ingaze iphinde yoyiswe ziintlanga.

18“Ngaloo mihla iintaba zovuz' iwayini entsha,

ke zona iinduli ziphalale ubisi,

iintlambo zonke zakwaJuda zimpompoze amanzi.

Kwindlu kaNdikhoyo kogqabhuk' umthombo,

kunkcenkceshelwe intili yaseShitim.

19IJiputa yojika ibe yintlango,

iEdom ibe yinkangala ebharhileyo,

kuba zisuke zamgonyamela uJuda,

ezweni lakhe zaphalaza igazi elingenatyala.

20UJuda uya kumiwa naphakade,

iJerusalem imiwe zizizukulwana ngezizukulwana.

21Ityala labo legazi endilibambileyo mna ndiya kulixolela.”

Kaloku uNdikhoyo umi eZiyon.

UJOWELI 1:1-3:21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-