Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 313

Itekisi yeBhayibhile

KWABASEROMA 4

Umzekelo ka-Abraham

1Sithini na ke ngobawo uAbraham esiyinzala yakhe? 2Ukuba ebenziwe ilungisa ngenxa yokufezekisa kwakhe umthetho, ebengaqhayisayo; kodwa ngoku akanandlela yakuqhayisa phambi koThixo. 3Zithini kanene *iziBhalo? Zithi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yoko wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.” 4Kaloku umntu osebenzayo wamkela umvuzo oyimfanelo yakhe, ungesiso isipho. 5Ke umntu ongathembelanga misebenzini yakhe, koko okholwa kuThixo ogwebela umoni, uba lilungisa phambi koThixo. 6Unoyolo ke umntu othe waba lilungisa phambi koThixo, engakusebenzelanga oko. Lolu yolo ke uDavide aluncomayo xa athi:

7“Hayi uyolo lwabaluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,

abazono zabo zingcwatyiweyo.

8Unoyolo lowo ithe iNkosi ayazibalela kuye izono zakhe.”

9Ngaba olu yolo lolwamaJuda kuphela? Hayi, lukwalolwazo neentlanga, kuba iziBhalo zithi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yoko wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.” 10Waba lilungisa nini? Kwakungaphambi kokwaluka kwakhe okanye emva kwako? Kwakungaphambi kokwaluka kwakhe. 11Kaloku wathi engekaluki uAbraham, ekholwa kodwa, wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo; waza waluka emva koko. Olu lwaluko ke lwaba luphawu olusisiqinisekiso sobulungisa bakhe. Ngale ndlela ke uAbraham nguyise wabo bonke abathe bakholwa kuThixo, baza benziwa amalungisa nguye nangona bangalukanga. 12Ukwanguyise wabalukileyo abanganelanga kwaluka nje, kodwa abathe ngokukholwa kuThixo bahamba ekhondweni lika-Abraham, owakholwa engekaluki.

Isithembiso sikaThixo kwabakholwayo

13UThixo wathembisa uAbraham nenzala yakhe ukuba ihlabathi baya kulima. Esi sithembiso asenziwanga ngakuba ethe wathobela umthetho kaMosis, kodwa wathenjiswa ngenxa yokuba wakholwa, waza wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo. 14Kaloku ukuba ilifa lifunyanwa kuphela ngâbo bawuthobelayo umthetho, ukukholwa koba kwenziwe into engento, nesithembiso eso singaba sitshitshisiwe. 15Ingqumbo kaThixo kaloku ibangwa kukwaphulwa komthetho wakhe; kodwa apho ungekhoyo umthetho akukho kwaphulwa kwamthetho.

16Ngoko ke ilifa lifunyanwa ngokukholwa, oko kukuthi ngesisa. Ngale ndlela isithembiso simiselwe yonke inzala ka-Abraham. Le nzala ke asingabo nje abo bawugcinayo umthetho, kodwa ikwangâbo bakholwayo njengaye. Kaloku uAbraham ngubawo wethu sonke, 17njengokuba zisitsho *iziBhalo ukuthi: “Ndikwenze uyise wezizwe ezininzi.” KuThixo ke uAbraham ngubawo wethu sonke; lo Thixo uAbraham athe wakholwa kuye; lo Thixo unika abafileyo ubomi; lo Thixo uthetha ngelizwi zitsho izinto ezingekabikho zibekho. 18UAbraham wakholwa, wathemba, naxa ithemba lalingekho. Wakholwa okokuba woba “nguyise wezizwe ezininzi,” njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Iya kuba ngako ke inzala yakho ukuba ninzi kwayo.” 19Wayemayela nekhulu leminyaka ezelwe, kodwa akatyhafanga elukholweni akucinga ngokwaluphala kwakhe nangobudlolo bukaSara. 20Hayi, akasithandabuzanga isithembiso sikaThixo ngokungakholwa; waya esomelela elukholweni, embonga uThixo, 21eqinisekile ukuba uThixo unako ukukwenza oko akuthembisileyo. 22Kungoko “wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.” 23La mazwi athi “wabalelwa ekubeni lilungisa” akabhekisi kuye yedwa. 24Hayi, abhekisa nakuthi, thina sasiza kuba ngamalungisa, thina sikholwayo kuThixo owamvusayo uYesu iNkosi yethu kwabafileyo, 25yena owanikelwa ekufeni ngenxa yezono zethu, waza wabuya wavuswa, ukuze thina sibe ngamalungisa.

KWABASEROMA 5

Abakholwayo baseluxolweni noThixo

1Njengoko sikholwa, sígwetyelwe nguThixo, sinoxolo naye ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu. 2Kaloku sibe nako ukungena ngoKrestu ngokukholwa kolu babalo sikulo. Siyaqhayisa ke sithembe ukuba nenxaxheba ebuqaqawulini bukaThixo. 3Ngaphezu koko, siqhayisa nangeembandezelo ezi, sisazi nje ukuba iimbandezelo zisiqhelisa ukunyamezela. 4Ke ukunyamezela kubonisa ukuba sicikidekile. Ukucikideka ke kudala ithemba. 5Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo. 6Kuba kaloku oko besisengama-athalala, uKrestu uthe ngexesha elimiswe nguThixo, wabafela abangamhloneliyo uThixo. 7Inqabile into yokuba umntu afele omnye, naxa mhlawumbi anokubhaqeka umntu onesibindi sokufela umntu olungileyo. 8Ke yena uThixo ukuqondakalisile ukusithanda kwakhe ngokuthi uKrestu asifele sisengaboni! 9Sigwetyelwe nje ngenxa yegazi lakhe, kokukhona siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo kaThixo. 10Kaloku besikade siziintshaba noThixo, saxolelaniswa naye ngokufa koNyana wakhe. Kobeka phi ke ukusindiswa kwethu ngokudla kwakhe ubomi! 11Ngaphezu koko ke, sineqhayiya novuyo ngaye uThixo, ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu, esithe ngayo saxolelaniswa noThixo.

Ukufa kuze ngoAdam, ubomi ngoKrestu

12Njengoko isono sangena ehlabathini ngenxa yomntu omnye, ukufa kwangena ngaso isono. Ngokunjalo ke nokufa kwalutyhutyha lonke uluntu, kuba bonke abantu bôna. 13Isono ke sabakho ehlabathini ungekabikho *umthetho kaMosis. Ke, apho kungekho mthetho, isono sokwaphula umthetho asinakubalelwa mntwini. 14Ke ukufa kwakutshatshele ukususela kuAdam kwada kwaya kuthi gaa kuMosis, nakwabo basono singafani nesika-Adam. Lo Adam ke wayengumfuziselo waloo Mntu wayeza kufika.

15Kodwa isono sika-Adam asinakulinganiswa nesisa sikaThixo. Kaloku naxa kwafa abantu abaninzi nje ngenxa yesono salowo mnye unguAdam, lona ubabalo lukaThixo esalufumana ngaloo mntu mnye unguKrestu, lwaphuphumela kubantu abaninzi ngakumbi. 16Kanti ke isiqhamo sesipho sikaThixo asinakulinganiswa nesiphumo sesono saloo mntu. Kaloku isiphumo sesono saloo mntu saba kukugwetywa, kodwa isiqhamo sesisa sikaThixo esabakho ngenxa yezono ezininzi, saba kukukhululwa kwabantu. 17Ukuba ukufa kwakutshatshele ngenxa yesono saloo mntu, abo balwamkelayo ubabalo oluphuphumayo kwanesipho sokwenziwa amalungisa, baya kudla ubomi ngokugqithisileyo ngaloo mntu mnye unguYesu Krestu.

18Ngako ke, njengokuba kwathi ngasono sinye, bonke abantu bagwetywa, ngokunjalo kuya kuthi nangesenzo esinye esilungileyo, bonke abantu bagwetyelwe, badle ubomi. 19Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva kwalowo mnye unguAdam, abaninzi bafumaneka bengaboni, ngokunjalo kuya kuthi nangokuthobela kwalowo mnye unguKrestu, abaninzi benziwe amalungisa.

20Ke kaloku wakungena umthetho kaMosis, isono sanda. Kodwa apho kwânda khona ukona, lwaphuphuma ngakumbi ubabalo asibabala ngalo uThixo. 21Njengokuba ke isono salawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lulawula ngokwenziwa kwethu amalungisa nguThixo. Lonu lusikhokelela ebomini obungonaphakade ngenxa kaYesu Krestu iNkosi yethu.

KWABASEROMA 6

Omanywe noKrestu ufile kuso isono

1Síthini na ke ngoko? Síhlale sihleli esonweni ukuze ubabalo lwande? 2Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona? 3Anazi na ukuba thina sonke sibhaptiziweyo samanywa noKrestu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe? 4Ngokunjalo ngokubhaptizwa sangcwatywa kunye noKrestu. Njengokuba ke uKrestu wavuswayo kwabafileyo ngamandla obungangamsha bukaYise, nathi ngokunjalo masiphile ubomi obutsha.

5Kaloku xa simanywe naye ekufeni kwakhe, simanywe naye nasekuvukeni kwakhe ekufeni. 6Siyazi ke ukuba isimo sethu esidala sabethelelwa emnqamlezweni noKrestu, khon' ukuze igunya lesono liphuthiswe nasemizimbeni yethu, size singabi salawulwa sisono. 7Kaloku umntu ofileyo ukhululekile esonweni. 8Ukuba ke safa kunye noKrestu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye. 9Siyazi ke ukuba uKrestu evusiwe nje kwabafileyo, akayi kuba safa – ukufa akusayi kuba nagunya kuye. 10Kuba wafa kwakanye, efela isono; kodwa ngoku udla ubomi, ephilela uThixo. 11Ngokunjalo nani zibaleleni ekubeni ningabafileyo okunene kuso isono, niphilela uThixo ngobomi enibudlayo, nimanywe noKrestu Yesu, iNkosi yethu.

12Ngoko ke isono masingayilawuli imizimba yenu efayo. Sanukuzivumela iinkanuko zemizimba yenu. 13Kananjalo imizimba yenu musani ukuyinikela esonweni, nize none ngamalungu ayo; koko zinikeleni nina ziqu kuThixo, ningabaphila bevuke ekufeni nje. Ngenxa yoko ke wanikeleni kuThixo amalungu emizimba yenu, ukuze nenze okulungileyo ngawo.

14Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.

Abalawulwa sisono nabalawulwa bubulungisa

15Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye! 16Kakade niyazi ukuba lowo nizinikela kuye ukuba anilawule, ngokwenyani niyamkhonza, nimthobele. Abalawulwa sisono ke baba sisisulu sokufa, kodwa abamthobeleyo uThixo ubenza amalungisa. 17Ke kaloku, makubulelwe kuThixo, kuba nanifudula nilawulwa sisono, kodwa ngoku niyithobela ngokupheleleyo imfundiso eniyifundisiweyo. 18Nakhululwa ke kuso isono, naba phantsi kobulungisa. 19Ngenxa yobuthathaka bemvelo yenu mandingantsonkothi. Njengoko nanizinikele ngokupheleleyo ukuba nenze ukungcola nokwaphula umthetho, nize nichasane nomthetho; ngokunjalo ke nangoku zinikeleni ngokupheleleyo ukuze nenze okulungileyo, khon' ukuze nahluke.

20Okuya nanilawulwa sisono naningekho phantsi kobulungisa. 21Ke, benizuza ntoni ngaloo nto? Andithi izinto enanizizuza zezi nineentloni ngazo ngoku, ezi zikhokelela ekufeni? 22Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo esibubungcwele. Le nto ke ikhokelela ebomini obungunaphakade. 23Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.

KWABASEROMA 7

Ukukhululwa emthethweni

1Mawethu, ndithetha nabantu abawaziyo umthetho welakowethu; niyazi ukuba umntu uphantsi kwegunya lomthetho kuphela ngeli xesha adla ubomi ngalo. 2Kaloku umfazi owendileyo ubotshelelwe ngumthetho endodeni yakhe, eli lixa idla ubomi; kodwa ukuba ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho ombophelela endodeni yakhe. 3Ngoko ke, ukuba umfazi uthe waba ngowenye indoda isaphila indoda yakhe, kothiwa ungumkrexezi. Kodwa ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile emthethweni, aze angabi ngumkrexezi ukuba uthe waba ngowenye indoda. 4Kukwanjalo ke nakuni, mawethu. Ngokumanywa nomzimba kaKrestu nani nafa ngokubhekiselele kumthetho kaMosis, ukuze nibe ngabomnye, ongulo Krestu ke owavuswa kwabafileyo. Le nto ke ibanga ukuba sibe nokumsebenzela uThixo. 5Kaloku ngokuya sasisidla ubomi, ngokweyethu intando, iinkanuko ezimbi ezivuselelwa ngumthetho zazilawula emizimbeni yethu, sisebenzela ukufa. 6Ke, ekubeni safayo nje ngokubhekiselele kwezo zinto zazisilawula, sikhululekile ngoku emthethweni. Ngenxa yoko asisakhonzi ngendlela endala yomthetho obhaliweyo, kodwa sikhonza ngendlela entsha yoMoya.

Umthetho nesono

7Ndithini ke xa nditshoyo? Ngaba ndithi umthetho usisono? Nakanye! Kodwa ke ngendingasazanga isono ukuba ubungekho umthetho. Kaloku nenkanuko ngendingayazanga ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi: “Uze unganqweneli...” 8Isono ke sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandivusela yonke inkanuko. Kaloku xa kungekho mthetho, isono sifile. 9Mna ke bendifudula ndiphila ungekho umthetho. Uthe ke wakufika umthetho, savuka isono, 10ndafa ke mna; waza umthetho owawumiselwe ukuzisa ubomi, wafumaneka inguwona undisa ekufeni. 11Kuba kaloku isono sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandilukuhla, sandibulala ngawo.

12Okunene umthetho ungcwele; nomyalelo ungcwele, unobulungisa, ulungile. 13Umthetho ulungile nje, ungaba kukufa kum? Nakanye! Sisono esaba kukufa kum. Sona sisebenzise into elungileyo ukundizisela ukufa, saza ke sacaca into esiyiyo, khon' ukuze ngomthetho isono sibonakale sisisono ngakumbi nangakumbi.

Ukukrutha-kruthana okusemntwini

14Siyazi ke ukuba umthetho ngowoMoya kaThixo, kodwa mna ndiyinyama negazi; ndiphantsi kwegunya lesono. 15Into endiyenzayo yinkohla kum, kuba kaloku into endithanda ukuyenza andiyenzi, ukanti ndiyayenza endiyithiyileyo. 16Xa ke ndisenza into endiyithiyileyo, kucacile ukuba ndiyavuma ukuthi umthetho ulungile. 17Ngoko ke ayisendim owenza loo nto ndingayithandiyo, koko sisono esihleli kum esenza loo nto. 18Ndiyazi ukuba akuhlali nto ilungileyo kum – nditsho kwisimo sam esonakeleyo – kuba kaloku umnqweno wokwenza into elungileyo ukho kum, kodwa ukwenza andinako. 19Into elungileyo endithanda ukuyenza, andiyenzi; kodwa into embi endingathandi kuyenza, ndiyayenza. 20Ukuba ke ndenza loo nto ndingayithandiyo, ayisendim oyenzayo, koko sisono esi sihleli kum esiyenzayo loo nto.

21Kambe ke ndibhaqa le nto apha kum: Kuthi xa ndifuna ukwenza into elungileyo, ndisuke ndonganyelwe kukwenza ububi. 22Ndiyawulangazelela umthetho kaThixo ngentliziyo, 23kodwa ndibhaqa nto yimbi kwalapha kum echasene nomthetho endiwaziyo entliziyweni yam, nto leyo indithimbela esonweni esihleli kum. 24Hayi usizana endilulo! Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba usisisulu sokufa? 25Ndiyambulela uThixo ngoYesu Krestu iNkosi yethu!

Nantsi ke imeko endikuyo: Ngokuphathelele kwendikwaziyo entliziyweni yam, okunene ndikhonza uThixo; kodwa ngokwesimo sam esonakeleyo, ndikhonza isono.

KWABASEROMA 4:1-7:25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-