Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 362

Itekisi yeBhayibhile

ISITYHILELO 4

Umbono wezulu

1Emva koko ndabona izulu livulekile phambi kwam. Ndeva eliya lizwi bendilive lithetha nam, lihlokoma okwexilongo lisithi kum: “Yiza ngapha ndikubonise izinto ezimelwe kukwenzeka emva kwezi.” 2Ngoko nangoko ndaba semandleni kaMoya. Ndabona apho ezulwini kukho isihlalo sobukhosi. 3Kwakuhleli kuso ingangalala ekhazimla okwamatye exabiso, akudidi loozidayimani ngokumenyezela, ekuthiwa yijaspa nekorneli ukubizwa kwawo. Isihlalo eso sasinesangqa somnyama owawubengezela nawo oku kwelitye lexabiso eliluhlaza ekuthiwa yiemeraldi ukubizwa kwalo. 4Kwakukho nezinye izihlalo zithe thande, zingqonge isihlalo sobukhosi, zingamashumi mabini anesine; kukho namadoda amakhulu angamashumi mabini anesine awayethe nqwadalala kwezo zihlalo. Ayethe wambu ezimhlophe iingubo, ethwele izithsaba zegolide. 5Apho esihlalweni sobukhosi kwakutshawuza imibane, kugragrama iindudumo. Kwakukho nezibane ezisixhenxe ezivuthayo phambi kwaso, ezingooMoya abasixhenxe bakaThixo. 6Kwakukho nento eyayingathi lulwandle lweglasi, ithe thebelele apho ngasesihlalweni, icwenge ngathi ngumkhenkce.

Esazulwini apho, kanye ngasesihlalweni, kwakuhleli izilwanyana ezine zinamehlo macala onke, zingqonge isihlalo eso kanye. 7Isilwanyana sokuqala sasifana nengonyama. Esesibini sasinjengenkomo. Esesithathu sasifana nomntu, esesine sinjengokhozi luphaphazela. 8Isilwanyana ngasinye sasinamaphiko amathandathu, sinamehlo ngapha nangapha. Zazidumisa zingayeki emini nasebusuku, zisithi:

“Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele,

Nkosi Thixo Somandla,

wena ubukade ukho,

wena ukhoyo, uya kuhlala ukho!”

9Lo gama izilwanyana ezine zibongayo, zidumisa, zibulela kulowo unguSonini-nanini uhleli esihlalweni sokulawula, 10wona amadoda amakhulu angamashumi amabini anesine ayekhahlela, enqula kulowo uhleli esihlalweni, unguSonini-nanini. Ayedanduluka, atsho azibeke nezithsaba zawo phambi kwengangalala, athi:

11“Ufanelwe, Nkosi, Thixo, ngumbongo;

imbeko negunya zezakho!

Kaloku iinto zonke zadalwa nguwe;

zabakho, zanobomi ngokuthanda kwakho.”

ISITYHILELO 5

IXhwane livula incwadi

1Ke kaloku ndabona kukho ohleli esihlalweni sokulawula, esandleni sakhe sokunene ephethe incwadi. Yona ke yayibhalwe macala, futhi iyincwadi enamacandelo asixhenxe. Icandelo ngalinye lalinophawu olugunyazisa ukuba yovulwa ngonelungelo kuphela. 2Kananjalo ndabona ingwanyalala yesithunywa sezulu esakhwaza sabuza sathi: “Ngaba ngubani ofanelekileyo onokuluqhaqha uphawu, ayivule le ncwadi?” 3Kambe ke zange afumaneke onako ukuyivula ayifunde, nditsho nasezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba. 4Kuthe kwakungafumaneki bani ukufaneleyo ukuyivula ayifunde incwadi leyo, zehl' iinyembezi kum. 5Kodwa ke enye yamadoda amakhulu yandikhalimela yathi: “Musa ukulila. Kaloku iNgonyama yesizwe sikaJuda, umnombo kaDavide, igqwesile, ikufanele ukuluqhaqha uphawu ngalunye, iyivule incwadi.”

6Ndaza ke ndabona iXhwane limi bhuxe esazulwini sebhotwe. Lalingqongwe zizilwanyana ezine, ngokunjalo nangamadoda amakhulu. IXhwane eli lalibonakala ngathi lagwintwa. Lalineempondo ezisixhenxe, namehlo asixhenxe, angooMoya abasixhenxe bakaThixo abathunyelwe ehlabathini liphela. 7IXhwane eli laya kulowo wayehleli esihlalweni sokulawula, lafika layithatha incwadi leyo esandleni sakhe sokunene. 8Lithe iXhwane lakuyithatha incwadi leyo, izilwanyana ezine ndawonye namashumi amabini anesine amadoda amakhulu, asuka ee guqaqa phambi kwalo. Indoda nganye yayinehapu nesitya segolide esizele ziziqhumiso eziyimithandazo yosapho lukaThixo. 9Ayevuma ingoma entsha, esithi:

“Ukufanele wena ukuyithatha incwadi;

ukufanele wena ukuluqhaqha uphawu lwayo.

Ewe, kaloku wena wabulawa;

ngegazi lakho waluthengela uThixo uluntu

kuzo zonke iintlanga neelwimi,

kubantu ngabantu nezizwe ngezizwe.

10Ubenze ababingeleli basebhotwe,

ukuze bakhonze uThixo wethu.

Ewe, baya kulilawula nehlabathi.”

11Kwakhona ndakhangela, ndabona izigidi ngezigidi namawaka-waka ezithunywa zezulu! Zazingqonge ibhotwe, nezilwanyana ezine, ngokunjalo namadoda amakhulu. 12Zazidanduluka zicula zisithi:

“IXhwane elabulawayo likufanele

ukuba namandla, ubutyebi, nolwazi,

ukomelela, isithozela, ubungangamsha, nodumo!”

13Ke kaloku ndaziva izidalwa nayo yonke indalo, ezulwini nasemhlabeni, phantsi komhlaba naselwandle, zidanduluka zisithi:

“Kulowo uhleli esihlalweni sokulawula, nakulo iXhwane,

mayibekho indumiso nesithozela, ubungangamsha namandla,

ngonaphakade kanaphakade!”

14Zavakala izilwanyana zozine zisithi: “*Amen!” Wona amadoda amakhulu athi guqaqa, akhahlela.

ISITYHILELO 6

Amacandelo encwadi amathandathu

1Ndalibona ke iXhwane liqhaqha uphawu lokuqala lwaloo macandelo asixhenxe. Ngokunjalo ndasiva esinye sezilwanyana ezine sithetha ngelizwi elizongomayo, sisithi: “Yiz' apha!” 2Kwaza kwathi gqi ihashe elimhlophe, ophezu kwalo ephethe utolo. Ke kaloku wathiwa jize ngesithsaba. Waphuma noloyiso, wahamba esenza iziqwenga, kuj' ubugodo konke apho ahamba khona.

3Lithe iXhwane lakuqhaqha uphawu lwesibini, ndeva isilwanyana sesibini sisithi: “Yiz' apha!” 4Kwathi gqi elinye ihashe, libomvu ngebala. Lowo wayephezu kwalo wanikwa ilungelo lokugxobha-gxobha inzolo ehlabathini liphela, khon' ukuze abantu bagebengane. Yena ke wanikwa ingxavula yekrele.

5IXhwane lithe lisakuluqhaqha uphawu lwesithathu, ndeva isilwanyana sesithathu sisithi: “Yiz' apha!” Ndithe ndakukhangela ndabona ihashe elimnyama. Lowo wayekhwele kulo wayephethe isikali sokulinganisa, ngesandla. 6Kananjalo ndeva isandi esingathi lilizwi, siphuma kweziya zilwanyana zine. Lathetha lathi: “Isitya sengqolowa singangomvuzo wemini enye; izitya ezithathu zamazimba zingangomvuzo wemini enye; kambe ke uze ungadlalisi ngawo amafutha ndawonye newayini.”

7Kwakhona iXhwane laqhaqha uphawu lwesine, ndaza ndeva isilwanyana sesine sisithi: “Yiz' apha!” 8Ndakukhangela ndabona elinye ihashe; lona lalimbatshile. Igama lalowo wayehleli phezu kwalo lalinguKufa, kanti ke ezinyaweni zakhe kwakulandela uLabafileyo. Banikwa amagunya phezu kwesiqingatha sesine sehlabathi, ukuze bageqe ngekrele, ngembalela, isibetho, nangamarhamncwa.

9Ngokunjalo iXhwane laluqhaqha nolwesihlanu uphawu. Ngaphantsi kweqonga lamadini ndababona abo babebulewe ngenxa yokushumayela ilizwi likaThixo, nangenxa yokungqina. 10Babhomboloza bathi: “Kakade ke, Nkosi, Somandla oyiNgcwele kanye, koda kube nini ungasiphindezeli ulibuyekeze igazi lethu elaphalazwa ngabantu beli hlabathi?” 11Elowo nalowo kubo wathiwa wambu ngomnweba omhlophe. Ngokunjalo kwathiwa mabakhe balinde okwethutyana, bade baphelele abalingane namawabo asaza kubulawa kwanjengabo.

12Ndalibona ke ngoku iXhwane liqhaqha uphawu lwesithandathu. Suka yazama-zamisa inyikima, ilanga lafaka ezokuzila lathi thsu, inyanga yona yajika yaligazi. 13Iinkwenkwezi zona zavuthulukela emhlabeni, zaxel' amakhiwane egeqwa sisaqhwithi. 14Sona isibhakabhaka saphel' emehlweni, kwaba ngathi kusongwa umqulu, zonke iintaba neziqithi zanqukrulwa. 15Zasuka ke izikumkani zehlabathi, abasemagunyeni neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, oozityebi nezinxiba-mxhaka, nalo lonke uluntu, oozicaka nabakhululekileyo, baya kuzímela emiqolombeni nasemiqhokrweni ezintabeni. 16Badanduluka bebhekisa ezintabeni nasemaweni, bathi: “Siweleni, ukuze sifihlakale kulowo uhleli esihlalweni sokulawula nakwingqumbo yeXhwane! 17Ewe, kaloku iMini yabo yokuphindezela igalelekile. Yaz'ba ngubani na ke onokusinda kuyo?”

ISITYHILELO 7

AmaSirayeli aphawulwayo

1Emva koko ndabona izithunywa ezine zimi kwiikona zone zomhlaba. Zazivalele imimoya yomhlaba yomine apho, ukuze kungabikho nampunde yamoya uvela elwandle, okanye ucande emhlabeni, ungabhudli namnye umthi. 2Ndabona nesinye isithunywa sisithi gqi ngasempumalanga, siphethe uphawu lukaThixo ohlala ehleli. Samemeza sibhekisa kweziya zithunywa zine bezinikwe igunya lokonakalisa umhlaba nolwandle, sisithi: 3“Khanikhe nime ngokonakalisa umhlaba nolwandle nemithi! Maside sigqibe ukubeka uphawu lukaThixo kumabunzi ezicaka zakhe!” 4Ndaliva lixelwa nenani labo baphawulwayo. Kwaphawulwa ikhulu elinamashumi mane anesine amawaka kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli. 5Kwisizwe sakwaJuda kwaphawulwa ishumi elinambini lamawaka, kwesakwaRubhen yaba lishumi elinambini lamawaka, kwaGadi yalishumi elinambini lamawaka, 6kwesakwa-Ashere yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwa-Nafetali yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwaManase yalishumi elinambini lamawaka, 7kwesakwa-Simon yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwaLevi yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwaIsakare yalishumi elinambini lamawaka, 8kwesakwaZebhulon yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwaJosefu yalishumi elinambini lamawaka, kwaza nakwesakwaBhenjamin yalishumi elinambini lamawaka.

Ihlokondiba labantu beentlanga ngeentlanga

9Emva koko ndabona kusithi thu ihlokondiba elalingenakubalwa bani. Abo yayingabantu beentlanga ngeentlanga, izizwe ngezizwe, neelwimi ngeelwimi. Babemi phambi kwesihlalo sokulawula naphambi kweXhwane. Babevathe ezimhlophe, bephethe amasundu, 10bedanduluka besithi: “Huntshu! Usoyisele uThixo ohleli esihlalweni sakhe sokulawula, nalo iXhwane!” 11Izithunywa zonke zazimi zingqonge isihlalo eso sokulawula namadoda amakhulu kwakunye nezilwanyana ezine, zathi qubudu phambi kukaThixo osesihlalweni sakhe, zanqula 12zisithi:

“*Amen! Umbongo, udumo, nolwazi,

umbulelo, isithozela, igunya, namandla,

mazinikwe uThixo

kude kube ngunaphakade kanaphakade! Amen!”

13Enye inkonde yathi kum: “Aba bantu bambethe iingubo ezimhlophe ngoobani, bevela phi?”

Ndaphendula ndathi: 14“Mhlekazi, kwazi wena.”

Yona yathi: “Aba bantu ngabo baphume kwiinkxwaleko zengcinezelo. Bazihlambile zamhlophe iingubo zabo ngamandla egazi leXhwane. 15Yiyo loo nto bemi phambi kukaThixo bemnqula imini nobusuku endlwini yakhe. Lowo uhleli kwisihlalo sakhe sokulawula wobafukamela. 16Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayi kugqatswa lilanga, bengayi kuva bushushu. 17Kaloku iXhwane elimi esazulwini sebhotwe liza kubalúsa, libaqhubele kwimithombo yamanzi aphilisayo. Wobasul' iinyembezi uThixo.

ISITYHILELO 8

Ukuqhaqhwa kophawu lwecandelo lesixhenxe

1Ke kaloku iXhwane laluqhaqha uphawu lwesixhenxe. Kwathi nzwanga ezulwini isithuba esingangecala leawara enye. 2Emva koko ndabona izithunywa ezisixhenxe ezima phambi koThixo, zinikwa amaxilongo asixhenxe.

3Esinye isithunywa esasiphethe isitya sokuqhumisa segolide seza kuma ngaseqongeni lesiqhumiso. Sanikwa isiqhumiso esininzi, ukuze sisinikele kunye nemithandazo yayo yonke imilowo phezu kweqonga legolide elaliphambi kwesihlalo sokulawula. 4Umsi wenyukela kuThixo kunye nemithandazo yemilowo, isithunywa simenzela isiqhumiso. 5Isithunywa ke sithathe isitya sesiqhumiso sasizalisa ngomlilo esasiwuthathe eqongeni apho, sasiphosa ezantsi emhlabeni. Ngoko nangoko kwabakho ukugqekreza kweendudumo nokutshawuza kombane, wanyikima umhlaba.

Ukuvuthelwa kwamaxilongo

6Izithunywa ezisixhenxe ezaziphethe amaxilongo asixhenxe, ngoku zalungela ukuwavuthela.

7Salivuthela esokuqala isithunywa ixilongo laso. Kwawa isichotho nomlilo, zixutywe negazi. Satsha nqu isiqingatha sesithathu somhlaba. Isiqingatha sesithathu seendidi zonke zemithi, nalo lonke uhlobo lwengca lwatsha lwaphela.

8Salivuthela ixilongo laso nesesibini isithunywa. Kwaba ngathi intabakazi enkulu iphoswe elwandle ivutha; sathi isiqingatha sesithathu solwandle saba ligazi. 9Kwafa isiqingatha sesithathu sazo zonke iindidi zezinto ezihlala elwandle. Kwatshabalala isiqingatha sesithathu sazo zonke iinqanawa.

10Nesesithathu salivuthela elaso ixilongo. Kwathi qithi into enkulu yenkwenkwezi ezulwini, ivutha ililahle. Yawela phezu kwesiqingatha sesithathu semilambo nemithombo. 11Le nkwenkwezi kwakusithiwa ukubizwa kwayo nguKrakrayo. Saza ke isiqingatha sesithathu sawo onke amanzi saba krakra njengokrakrayo, kwafa inyambalala yabantu ngokuwasela.

12Salivuthela nesesine isithunywa ixilongo laso. Kwabakho ukugqabhuka kwesiqingatha sesithathu selanga nenyanga neenkwenkwezi, isiqingatha sesithathu sazo asabi nakukhanya. Sathi ke nesiqingatha semini asabi nakukhanya, kwaba njalo nasebusuku.

13Kuthe kusenjalo ndabona ukhozi luphaphazela phezu kwam. Ndaluva lukhala lusithi: “Yhoo! Yhoo! Yhoo, abantu bomhlaba! Yazi boba yini na zakuvakala izandi zamanye amaxilongo amathathu xa ziwavuthela izithunywa ezithathu!”

ISITYHILELO 4:1-8:13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-