Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 80

Itekisi yeBhayibhile

1 KASAMWELI 8

AmaSirayeli afuna ikumkani

1Ke kaloku uthe uSamweli akwaluphala wamisela oonyana bakhe baba ziinkokheli zamaSirayeli. 2Unyana omkhulu wayenguJoweli, omncinci inguAbhiya. Babeziinkokheli eBheshebha. 3Kambe ke bona babengamfuzanga uyise; bona babesemva kwenzuzo ngobuqhetseba, bengamathanda-kunyotywa, belamla ngesheyi.

4Amadoda amakhulu ke akwaSirayeli aqokelelana, aya kutsho eRama kuSamweli, 5afika athi kuye: “Sewaluphele wena ngoku, yaye noonyana bakho abakufuzanga mpela. Ngoko ke sityumbele ukumkani, khon' ukuze nathi sifane nezinye izizwe, sibe nokumkani osilawulayo.

6Samngena kakubi uSamweli isicelo sabo sokufuna ukumkani. Wabhenela *kuNdikhoyo, 7waza wathi kuye uNdikhoyo: “Bek' iindlebe uyiphulaphule into abayithethayo aba bantu. Ababukuli wena; ndim lo bangamfuniyo ukuba abalawule. 8Okoko ndaphuma nabo eJiputa, kude kube namhlanje, basoloko bendifulathela bekhonza thixo bambi; nangoku basayenza loo nto! 9Siphulaphule isicelo sabo, kodwa uze ubaqononondise ibacacele impatho abaya kuyifumana kwabo kumkani babafunayo.”

10USamweli wawaxelela ke amaSirayeli awayefuna ukumkani konke okwathethwa nguNdikhoyo, 11wathi: “Ukumkani oya kunilawula uya kwenjenje: Woseka umkhosi ngoonyana benu. Abanye wobenza umkhosi weenqwelo, abanye babe ngumkhosi okhwela amahashe, abanye bagijime ngaphambi kwenqwelo yakhe. 12Abanye boba ngabaphathi-mabutho, abanye babe ngabaphathi-maqela, abanye balime amasimi akhe, bavune nokuvuna, kubekho nabo baxhonkxa izikhali zokulwa kunye nezixhobo zeenqwelo zakhe. 13Iintombi zenu wozenza zibe ngabaqholi nabapheki nababhaki bakhe. 14Awona mahle amasimi enu, izidiliya, namabhoma eminquma, ukumkani wowahlutha awanike amaphakathi akhe. 15Wobiza isahlulo sesishumi sengqolowa nediliya yenu, ayinike amagosa akhe. 16Izicaka nezicakakazi zenu, neenkabi zenu, ezona zintle, kwakunye needonki zenu, wozithimba zisebenzele yena. 17Isishumi semihlambi yenu wofuna siye kuye; lilonke niya kuba zizicaka zakhe. 18Nakuba nimfumene kwanina niya kumkhalazela loo kumkani nimtyumbileyo. Ke yena uNdikhoyo akayi kuba saniphulaphula.”

19AmaSirayeli akazange amphulaphule uSamweli, suka athi: “Hayi, sifuna ukulawulwa ngukumkani thina. 20Xa kunjalo sofana nazo zonke ezinye iintlanga, sibe nokumkani osikhokelayo nasemfazweni.”

21Wayiphulaphula yonke loo ntetho yabo uSamweli, waza waya kuyithetha ezindlebeni zikaNdikhoyo. 22UNdikhoyo waphendula wenjenje: “Kulungile ke, banike ukumkani.”

USamweli ke uthe kumaSirayeli: “Makhe nigoduke, madoda.”

1 KASAMWELI 9

USawule udibana noSamweli

1Ke kaloku kwakukho indwalutho yakwaBhenjamin eyayinguKishe igama, unyana ka-Abhiyeli, kaZerore, kaBhekorati, ka-Afiya. 2UKishe wayenonyana ogama linguSawule, igatyana lenzwana yomfana. Lo mfana wayesukile egadeni evela kuwo onke amaSirayeli.

3Ke kaloku kwalahleka iidonki zikaKishe uyise kaSawule. UKishe wabiza uSawule, wathi kuye: “Hamba kunye nesinye isicaka, uye kufuna iidonki zam, mfo wam.” 4Banduluka ke abafana, bacanda kwaEfrayim kweleenduli, bawutyhutyha nommandla waseShalisha, abazifumana noko. Bajika baya kucanda nakummandla waseShalim, nalapho abazibona. Babuya bawutyhutyha ummandla wakwaBhenjamin, kodwa nalapho azabikho.

5Bathe bakufika kummandla waseZufi, uSawule wathi kwisicaka awayehamba naso: “Mfondini, ndithi mna masigoduke ngoku. Ngahle ubawo akasacingi ngazidonki ngoku, selenexhala ngathi.”

6Sithe isicaka: “Khawume! Apha kule dolophu kukho umfo wakwaThixo ohlonitshwe kakhulu nothi akuzithetha izinto zibe njengoko atshiloyo. Makhe siye kuye; mhlawumbi ke nathi angasibeka emkhondweni.”

7USawule uthe: “Mfondini, uthi siya kumnika ntoni? Asisenamphako nasezingxoweni; asinanto sinayo konke esingamnikayo umfo wakwaThixo lo. Ngaba sinento esinayo na?”

8Sithe isicaka ukuphendula: “Ndinabumalana apha kum endingamnika bona ukuze asibeke emkhondweni.”

9-11Uthe uSamweli: “Ngxatsho ke! Utsho endodeni; masiye!” Baya ke kuloo dolophu kwakuhlala kuyo lo mfo wakwaThixo. Bathi besanyuka induli bejonge edolophini, bahlangana negqiza leentombi ezaziya kukha amanzi. Babuza kuzo bathi: “Ngaba imboni ikho na edolophini?” (Kaloku ngaloo maxesha *abashumayeli kwakusithiwa ziimboni.)

12Zathi ezo ntombi: “Ewe, ikhona. Yandulela nina. Khawulezani. Isandul' ukufika namhlanje apha edolophini. Ize kulaa msebenzi wokwenza idini phaya endulini. 13Ukuba niyasukela, noyifumana ingekanyuki phaya kulaa nduli ukuya kutya. Akusayi kutya bani ingekafiki yona. Kaloku kufuneka idini lisikelelwe yiyo kuqala, bandule abamenyiweyo ukutya. Sukelani ke, ningaphozisi maseko; noyifumana.”

14Basukela ooSamweli nesicaka ukusinga edolophini. Bathe bakungena baqubisana noSamweli esendleleni eya endulini.

15Kwangomhla ongaphambi kwalowo *uNdikhoyo wayeseletyhilele uSamweli esithi: 16“Malunga neli xesha kanye ngomso ndiza kuthumela kuwe umfana ovela kwelakwaBhenjamin. Uze umthambise abe ngumlawuli wabantu bam amaSirayeli. Iza kuba nguye oya kubakhulula kumaFilistiya. Ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam, ndasiva nesikhalo sabo.”

17Wathi uSamweli akumthi ntla uSawule, uNdikhoyo wathi kuye: “Nguloo mfana ke lowo bendithetha ngaye. Nguye oza kulawula abantu bam.”

18Wasuka uSawule waya kuSamweli owayesesangweni, wafika wathi: “Khawutsho, bawo, singayifumana phi imboni apha?”

19Uphendule ngelithi uSamweli: “Ndim loo mboni. Hambani apha phambi kwam, siye phaya kulaa ndawo kunqulelwa kuyo, nidle kunye nam namhlanje. Loo nto nize ngayo ndoyichaza ngomso, ndinikhulule ke, nihambe. 20Musani kuba sazikhathaza ngeedonki eziyâ bezilahlekile izolo elinye; sezifunyenwe. Ngubani na oza kuzuza elona wonga kwaSirayeli? Asinguwe na nomzi kayihlo uphela?”

21USawule uthe ukuphendula: “Mna ndingowakwaBhenjamin, esona sizwe sincinane kwaSirayeli, yaye nabesiduko sakowethu ngowona mzi uphantsi kweso sizwe. Kungani na ukuba uthethe nam ngolu hlobo?”

22USamweli wabangenisa ooSawule nesicaka sakhe egumbini elikhulu, wabahlalisa ezihlalweni zabona bahloniphekileyo phambi kwezinye iindwendwe ezimenyiweyo ezazimalunga namashumi amathathu. 23Wabhekisa kumpheki uSamweli, wathi: “Yiza nalaa nyama bendikunike yona ndathi yibeke bucala.”

24Waza ke umpheki weza nomlenze nokuhamba nawo, wawubeka phambi koSawule. Uthe ke uSamweli: “Nantso ke inyama obuyibekelwe. Yitye. Bendiyigcinele wena, ukuze uyitye kwesi sidlo kunye nabo bamenyiweyo.”

USawule ke waba lundwendwe lukaSamweli ngaloo mini. 25Bathe ukubuya kulaa ndawo yokunqula, uSamweli wancokola noSawule endaweni eyakhiweyo phezu kwendlu. Walala apho ngobo busuku.

USamweli uthambisa uSawule

26Kuthe ekuseni uSamweli waya kuvusa uSawule kulaa ndawo wayelele kuyo, wathi: “Vuka ngoku, ndikukhulule uhambe.” Wavuka uSawule. Baphuma kunye noSamweli.

27Bathe xa bengasekuphumeni kwedolophu, wathi uSamweli kuSawule: “Yithi kwesi sicaka sakho masikhe sibe sihamba phambili.” Sahamba ke isicaka, waza ke uSamweli waqhuba wathi: “Khawuthi xha nje kancinci khe ndikuxelele udaba oluvela kuThixo.”

1 KASAMWELI 10

1Ke kaloku uSamweli urhole iqhaga elalinamafutha omnquma, wawagalela entloko kaSawule, wamanga, wathi: “Uyakuthambisa *uNdikhoyo ukuze ulawule abantu bakhe. 2Ukwahlukana kwethu namhlanje uya kuhlangana namadoda amabini phaya ngakwingcwaba likaRakeli eZeleza kumda wakwaBhenjamin. Aya kuthi kuwe: ‘Eziya donki ubuye kuzikhangela zifumanekile, yaye noyihlo akasazidubi ngazo ngoku, seleziduba ngawe. Selesithi: “Yaz'ba ndiza kuyithini na into yokungabuyi konyana wam?” ’

3“Ùya kudlula apho, uye kutsho eTabhore kumthi wom-oki, apho wohlangana khona namadoda amathathu esendleleni eya eBhetele ukuya kukhonza uThixo. Enye indoda yoba ithwele amatakane ebhokhwe amathathu, enye iphethe izonka ezithathu, enye ixwaye imvaba yewayini. 4Loo madoda aya kukubulisa, akunike izonka ezibini, oya kuthi wena uzithathe. 5Emva koko uya kufika kulaa nduli kaThixo iseGibheya, apho amaFilistiya anekampu yamajoni. Ekungeneni kwakho edolophini apho wohlangana nomgcelele *wabashumayeli, bevela endulini apho, behamba bebetha iihapu, amagubu, iimpempe, neekatala, beshumayela besemoyeni. 6Nawe ke uya kungenwa nguMoya kaNdikhoyo ngamandla, utsho ungenelele kuloo ntshumayelo nakuloo ntsholo yabo, ube mntu wumbi. 7Yakuba le miqondiso izalisekile uze wenze oko kusemandleni akho, kuba uThixo unawe. 8Uya kundandulela ukuya eGiligali. Nakanjani ndiya kufika, senzele khona uNdikhoyo amadini atshiswayo nawobudlelane. Uze undilinde apho iintsuku ezisixhenxe, ndide ndifike, ndikuyalele into omawuyenze.”

USawule phakathi kwabashumayeli

9Uthe uSawule xa ejika enika uSamweli umva, uThixo wamnika mo yimbi uSawule. Yaye yonke loo miqondiso yayithethwe nguSamweli yazalisekiswa kwangaloo mini. 10Ukufika kukaSawule nesicaka eGibheya wahlangatyezwa ngumgcelele wabashumayeli. UMoya kaThixo wamngena ngamandla, waza naye wangenelela washumayela. 11Bathi bakumbona esenza loo nto abantu ababekade bemazi, babuzana besithi: “Yeha ke! Nithi ungenwe yini na unyana kaKishe? Nithi noSawule selewaba ngomnye *wabashumayeli na?”

12“Bangoonyana bakabani bona aba?” wavakala esitsho omnye wabemi balapho.

Savela loo mini ke isaci esithi: “NoSawule lo kanti selewaba ngomnye wabashumayeli na?” 13Wathi akuyeka ukushumayela uSawule, wenyuka waya endulini.

14Uyisekazi akumbona yena nesicaka sakhe, wathi: “Khawutsho; nivela phi?”

“Besikhangela iidonki,” uphendule watsho uSawule. “Sithe ke sakungaziboni saya kuSamweli.”

15“Waza wathini ke uSamweli kuni?” kubuza uyisekazi.

16“Usixelele ukuba iidonki zifunyenwe.” NguSawule ke otshoyo; phofu akachaza nto kuyisekazi ngentetho kaSamweli ngombandela wokuba ngukumkani.

USawule umiselwa ebukumkanini

17Ke kaloku uSamweli wabiza abantu bakwaSirayeli ukuya *kwaNdikhoyo eMizpa. 18Wabhekisa kubo wathi: “Utsho uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Ndim owakhupha amaSirayeli eJiputa, ndawahlangula kwingcinezelo yamaJiputa nezinye iikumkani.’ 19Kodwa ngoku nimfulathele uThixo wenu onihlangulayo kuzo zonke iinkxwaleko neenzingo, naza nathi: ‘Simisele ikumkani isilawule.’ Ngoko ke, dwelani apha phambi koNdikhoyo ngokwezizwe zenu neziduko zenu.”

20Akuba uSamweli ezisondezile zonke izizwe zakwaSirayeli uNdikhoyo watyumba isizwe sakwaBhenjamin. 21Waza uSamweli wasondeza isizwe sakwaBhenjamin ngokweziduko zaso, kwaza kwatyunjwa indlu kaMatri, kuyo kwatyunjwa uSawule unyana kaKishe. Bamkhangela kodwa ababi nakumfumana. 22Baza babuza kuNdikhoyo bathi: “Ngaba selefikile na?”

UNdikhoyo wathi: “Ewe, nankuya ezimele phaya emva kwemithwalo.”

23Akhawuleza aya kumrhola apho amadoda, amzisa ebantwini. Kwathi xa emi phakathi kwabo wavela ngentloko kubo bonke. 24Wenjenje ke uSamweli ukubhekisa ebantwini: “Nanku ke umntu otyunjwe nguNdikhoyo. Niyabona nani ukuba akukho namnye onjengaye phakathi kwethu.”

Baduma bonke abantu, bathi: “Huntshu-u-u, ad' akhokhob' ukumkani!”

25Ke uSamweli wabachazela ngemigaqo yobukumkani, wayibhala encwadini, waza wayibeka phambi kukaNdikhoyo. Wabandulula ke bonke, bagoduka. 26Naye uSawule waya kowabo eGibheya. Kwabakho magorha antliziyo zichukunyiswe nguThixo, ahamba naye. 27Babakho kambe noongantweni ababesithi: “Yintoni engenziwa ngulaa mfo ukusihlangula?” Bamdela, abamenzela zinwe; phofu wathi cwaka yena uSawule.

1 KASAMWELI 11

USawule uchitha umkhosi wama-Amon

1Ukumkani uNahashe wama-Amon wahlasela idolophu iJabheshe ekummandla wamaGiliyadi, wayivingcela. Amadoda onke alapho eJabheshe athi kukumkani uNahashe: “Masenze umnqophiso woxolo. Siyavuma ukukuthobela.”

2UNahashe uthe ukuphendula: “Loo mnqophiso ndiya kuwenza kuphela xa sivanayo ukuba ndikrolonqe iliso lasekunene kumntu ngamnye, khon' ukuze ndiwahlazise amaSirayeli.”

3Athe ukuphendula amadoda amakhulu aseJabheshe: “Khawusiphe iintsuku zibe sixhenxe, sikhe sithumele izigidimi kulo lonke elakwaSirayeli kuqala. Ukuba akakho osihlangulayo, sozincama sinikezele.”

4Ezo zigidimi zaya kugaleleka eGibheya kuloSawule. Zathi zakuziphalaza ezo ndaba, basitsho abantu isikhalo. 5Wayesafika evela emasimini neenkabi zakhe uSawule. “Kwenzeke ntoni ebantwini? Sisijwili sani esi basenzayo?” NguSawule obuzayo. Abantu bamxelela ezo ndaba zazize nezigidimi zaseJabheshe.

6Akuyiva loo nto uSawule wafikelwa nguMoya kaThixo ngamandla, wabila ngumsindo. 7Wathatha iinkabi zambini, wazihlahla zayimibengo, wathi izigidimi maziyise kulo lonke elakwaSirayeli, zihambe ziyala abantu zisithi: “Umntu ongayiyo emfazweni kunye noSawule noSamweli iinkabi zakhe zoba yimibengo.”

AmaSirayeli onganyelwa kukuhlonela uNdikhoyo, aphuma onke, akwasala nempunde le. 8USawule wawaqokelela eBhezeki. Yayingamakhulu mathathu amawaka amadoda avela kwaSirayeli, namashumi mathathu amawaka amadoda avela kwaJuda.

9Izigidimi ezivela eJabheshe kwathiwa mazigoduke nomyalezo othi: “Ze niwaxelele amawenu nithi: ‘Ngomso oku, ngemini emaqanda, nobe nihlangulwe.’ ” Bavuya kakhulu wakufika loo myalezo abantu baseJabheshe. 10Bathumela kuma-Amon, bathi: “Siyanikezela ngomso, yaye ningenza unothanda ngathi.”

11Kwangentseni ngengomso uSawule wawenza amabutho amathathu umkhosi wakhe. Wasuka indulumbane ukuphuma kwekhwezi, wawahlasela ama-Amon. Kuthe kwakuba yimini emaqanda baba sebewaxhaxhile. Aba ziintsali amadoda asindileyo, iyileyo izihambela yodwa.

12Emva koko amadoda aya kuSamweli, afika athi: “Aphi laa madoda ayesithi: ‘Singaphathwa nguSawule na thina?’ Wakhuphe, siwacime igama!”

13“Akuyi kubulawa mntu namhlanje, kuba olu lusuku uNdikhoyo ahlangule ngalo uSirayeli,” watsho uSawule.

14USamweli yena uvakele esithi: “Yizani, makuyiwe eGiligali, sizinzise ubukumkani bukaSawule.” 15Kwayiwa ke, baza apho, ngaphambi kukaNdikhoyo, bazinzisa ubukumkani bukaSawule. Kwenziwa amadini obudlelwane apho, uSawule namaSirayeli ephela bebhiyozela eso siganeko.

1 KASAMWELI 8:1-11:15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.7
SIFUMANE KU-