Bible Society of South Africa

40 Day Adventure – Day 17

WEEK 3 – Breathe in… breathe out…

Itekisi yeBhayibhile

UESTERE 4

12Akuba uModekayi exelelwe ngamazwi kaEstere, 13wabayalela ukuba bamphendule uEstere bathi: “Uze ungazikhohlisi ngokuthi kuba wena ulapho endlwini kakumkani, nguwe wedwa oya kusinda kumaJuda xa ewonke. 14Kaloku xa uthe wathula wee cwaka ngeli thuba lentlekele, hleze luvele lona usindiso lwamaJuda, kodwa ke luthi gqi ngankalo yimbi, ube ke phofu wena nendlu kayihlo uza kutshabalala. Kambe ke, ngubani owaziyo, mhlawumbi wabekwa kwesi sikhundla sasebukhosini khon' ukuze ujongane namaxesha anje.”

15Ke uEstere wathumela le mpendulo kuModekayi: 16“Hamba uye kuwaqokelela onke amaJuda alapha kwesi sixeko saseSusa, xa ninonke nenze inzila ngenxa yam. Ze nithathe iintsuku ezintathu ningatyi ningaseli imini nobusuku. Nam ndikunye neempelesi zam siza kuzila kwenjengani. Yakuba yenzekile ke le nto, ndiza kuya kukumkani, nakuba nje ndisazi ukuba loo nto kukwaphula umthetho. Noko ke, ukuba ndifile, ndifile ke!”

17Wemka ke uModekayi, waza wenza ngokwayo yonke loo miyalelo wayeyinikwe nguEstere.

UESTERE 4:12-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 3

12Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde. 13Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.

14Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo. 15Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo. 16Maluhlale ngokupheleleyo ezintliziyweni zenu udaba lukaKrestu. Fundisanani, niyalane ngobulali. Culani iindumiso, nihlabele amaculo, nivuma iingoma zoMoya, nibulela uThixo ngentliziyo. 17Nantoni na ke eniyenzayo, nokuba niyathetha, nokuba niyenza, yenzeleni egameni leNkosi uYesu, nibulela uThixo uYise ngayo.

KWABASEKOLOSE 3:12-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.23.0
SIFUMANE KU-