Bible Society of South Africa

40 Day Adventure – Day 25

WEEK 4 – Constantly in the Bible

Itekisi yeBhayibhile

UJEREMIYA 18

UJeremiya emzini wombumbi

1Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Phakama uye emzini wombumbi; apho ndokwazisa udaba lwam.” 3Ndaya emzini wombumbi, ndafika esebenza elityeni lakhe. 4Kwakuthi yakungabumbeki kakuhle imbiza yodongwe, abuye aluthathe olo dongwe, enze ngalo mbiza yimbi ngokubona kwakhe.

5Lavakala ke kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 6“Ke, bantu bakwaSirayeli, niba mna andinako ukwenza kuni njengokuba umbumbi esenza njalo ngodongwe?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nani nisezandleni zam, njengodongwe olusezandleni zombumbi.

UJEREMIYA 18:1-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUTITO 3

Ihambo yomKrestu

1Bakhumbuze abantu ukuba yimfanelo yabo ukuthobela abasemagunyeni nabalawulayo, kwakunye nokwenza okulungileyo ngalo lonke ixesha. 2Baxelele ukuba mabangahambi bethetha ulwimi ngabantu, behamba besilwa, koko mababe nobulali nembeko kuye wonke ubani. 3Kaloku khumbula ukuba nathi bekhe sazizidenge, sineenkani, silahlekile. Sasibotshwe yiminqweno neziyolo zeendidi zonke. Sasihlala intlalo yasebubini, silawulwa ngumona. Sasicatshukelwa, nathi sibacaphukela abantu. 4Kodwa kuthe lakuthi tha ehlabathini uthando nobubele bukaThixo, uMsindisi wethu 5wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha. 6Kaloku uThixo usigalele uMoya wakhe ngobubele ngaye uYesu Krestu uMsindisi wethu. 7Ngesisa sakhe senziwe amalungisa, ukuze sixhamle obo bomi bungapheliyo sibulindeleyo.

KUTITO 3:1-7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.24.4
SIFUMANE KU-