Bible Society of South Africa

40 Day Adventure – Day 6

WEEK 1 – When God whispers

Itekisi yeBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 6

Umyalelo omkhulu

1“Nanku ke umyalelo, imigaqo, nemimiselo endithunywe *nguNdikhoyo uThixo wenu ukuba ndinifundise yona. Ngoko ke ze niyithobele nakufika kwelo lizwe niya kulo. 2Ngalo lonke ithuba lobomi bakho, wena nezizukulwana zakho, kufuneka nimhlonele uNdikhoyo uThixo wakho, uyithobele imithetho nemiyalelo yakhe endikunike yona, khon' ukuze ube nokuxhamla ubomi obude. 3Hoyina, maSirayeli! Yiphulaphuleni niyithobele le miyalelo! Xa niyenzile ke loo nto nolungelwa nande kakhulu kwelo lizwe lendyebo eliphuphuma ubisi nobusi, elo nilinikwa ngokwesithembiso sikaNdikhoyo uThixo wooyihlo.

4“Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba! 5Ngoko ke mthande uNdikhoyo uThixo wakho ngomxhelo wakho wonke, nangomoya wakho wonke, ngokunjalo nangamandla akho onke. 6Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho. 7Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo. 8Uze uyiqhinele ibe ngumqondiso esandleni sakho, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ihlale isisikhumbuzo. 9Uze uyikrole emigubasini, ngokunjalo nasemasangweni akho.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 6:1-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 2

Ukufika kukaMoya oyiNgcwele

1Ekufikeni komhla *wePentekoste babehlangene ndawonye bonke. 2Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso. 3Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo. 4Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo.

5EJerusalem apho kwakukho amaJuda, abantu ababenenzondelelo ngezinto zikaThixo, bevela kuzo zonke izizwe zehlabathi. 6Bakukuva oko kwakusenzeka, kwahlanganisana indimbane yabantu, bonke bemangalisiwe kukuva abalandeli bakaYesu bethetha iilwimi zabo. 7Bethe khumnqa, bathi: “Okunene aba bantu ngamaGalili bonke! 8Ke, kutheni le nto sonke ngabanye sibeva bethetha nathi ngolwimi lweenkobe?

UMSEBENZI WABATHUNYWA 2:1-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.7
SIFUMANE KU-