Bible Society of South Africa

40 DAYS – Time with God – Day 34

Just Wing It

by Noelene Curry

Itekisi yeBhayibhile

EYONQULO 26

Umvuzo wokuthobela

1*UNdikhoyo wathi: “Ze ningazenzeli izinto nizinqule, ningaqingqi imifanekiso, okanye nimise iintsika zamatye, nikrole namatye, ze nijike nizinqule ezo zinto. Ndim uNdikhoyo uThixo wenu. 2Nina gcinani *iMihla yam yokuPhumla, niyihlonele indawo endinqulwa kuyo. Kaloku ndim uNdikhoyo.

3“Xa nisenza ngokwemimiselo yam, niyithobela imiyalelo yam, 4ndiya kunipha imvula ngexesha, uze umhlaba wenu uvelise isivuno, nemithi ithwale iziqhamo. 5Ngexesha enivuna iidiliya niya kuba nisabhula ingqolowa, kwaye iidiliya niya kuzivuna kude kufike ixesha lokuhlwayela ingqolowa kwakhona. Niya kutya nihluthe, nihlale ngokonwaba elizweni lenu.

6“Ndiya kuzisa uxolo elizweni lenu, nilale ubuthongo obumnandi ningaxhalelanga bani. Amarhamncwa ndowaphelisa kwilizwe lenu, yaye akuyi kube kubekho mfazwe. 7Utshaba lwenu noluswantsulisa, nilutyakatye ngekrele. 8Isihlanu nje samadoda enu siya kulichitha-chitha ikhulu lamadoda; ukanti lona ikhulu lamadoda liswantsulise ishumi lamawaka. Ewe, iintshaba zenu nozibhuqa. 9Ndiya kuba nani, ndinenze nichume nande, niwugcine umnqophiso endawenzayo nani. 10Soba yintaphane isivuno senu, nikulahle ukutya okudala ukwenzela isivuno esitsha indawo koovimba benu. 11Mna ndohlala ndihleli phakathi kwenu, ndingaze ndikruquke nini. 12Ndoba nani, ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam. 13Ndim mna Ndikhoyo uThixo wenu owanikhupha eJiputa ukuze ningabi ngamakhoboka ayo. Ndayaphula loo dyokhwe yobukhoboka, ndanenza abantu abaneqhayiya nebhongo.”

EYONQULO 26:1-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

So, do not fear, for I am with You; do not be dismayed, for I am your God. It is God who equips us to do what we are called to do. God will never ask us to do something and then allow us to embarrass ourselves. We do not need to fear because God will always strengthen and help us. There are times when we think it is not possible to do what God wants us to do. In these cases, we are invited to trust in God, we will find that the impossible is made possible.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-