Bible Society of South Africa

40 DAYS – Time with God – Day 4

A New Creation

by Noelene Curry

Itekisi yeBhayibhile

2 KWABASEKORINTE 5

7Kuba siphila ngokukholwa, kungekuko ngezinto esizibonayo. 8Asithandabuzi, ngoko ke sinolangazelelo lokuwushiya lo mzimba, siye kuhlala neNkosi. 9Ngaphezu kwezinto zonke ke ibhongo lethu kukuba sithi noba sikweli ikhaya, okanye sikwelo sililangazelelayo, sihlale samkelekile kuyo. 10Kuba sonke kufuneka sivele phambi koKrestu, asivavanye. Umntu ngamnye uya kufumana loo nto imfaneleyo, nokuba yentle, nokuba yembi, ngokwendlela ebeziphethe ngayo kulo mzimba.

Ubuhlobo noThixo ngoKrestu

11Ngenxa yokuba siyithobela iNkosi, sizama ukuzuza abantu. UThixo uyasiqonda ngokupheleleyo, ibe ke nani ndiyathemba ukuba nathi nisiqonda ngokupheleleyo. 12Ngale ndlela ke asizami kuzithandekisa kuni, nto nje sinenzela indlela yokuba nikwazi ukuba neqhayiya ngathi, ukuze nikwazi ukubaphendula abo baqhayisa ngembonakalo endaweni yokuqhayisa ngesimilo. 13Ukuba asibhadlanga, kungenxa kaThixo. Kanti ukuba sibhadlile, kungenxa yenu. 14Kaloku uthando lukaKrestu lusongamele. Ngoko ke sigqiba kwelithi xa kwafa umntu omnye, efela abantu bonke, lonke uluntu lunenxaxheba koko kufa kwakhe. 15Wafela abantu bonke, ukuze abo basaphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena wafayo wavuka ngenxa yabo.

16Ngoko ke asisagwebi mntu ngomgangatho wehlabathi. Noba singade sibe sakha samthatha ngolo hlobo uKrestu, asisayenzi loo nto ngoku. 17Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha. 18Wonke lo msebenzi wenziwa nguThixo. Nguye othe ngoYesu Krestu wasixolelanisa naye ngokwakhe, wasinika umsebenzi wokuxolelanisa. 19Kaloku ngoKrestu uThixo wayelixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engasababeki tyala abantu ngezono zabo, waza wasiphathisa umsebenzi woxolelaniso. 20Ngoko ke sizizigidimi zikaKrestu ngokungathi uThixo unibongoza ngathi. Ngenxa kaKrestu siyanicenga, yibani noxolo noThixo! 21Nangona wayengenasono uKrestu, kodwa ngenxa yethu, uThixo wamenza wanenxaxheba kwisono sethu, ukuze thina sithi ngokumanywa naye sibe nenxaxheba ebulungiseni bukaThixo.

2 KWABASEKORINTE 5:7-21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

As believers, we are called to live as a ‘new creation’ on a daily basis. We are not called to turn over a new leaf, we are called to begin a totally new life in Jesus Christ.

Through Christ we are reconciled to God, brought into a close and new relationship with Him, and in turn we are His ambassadors to the world. We need to know and experience this relationship with Him as a reality before we can become ambassadors for Him.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-