Bible Society of South Africa

An Unforgettable Journey – Day 11

Jesus Our Saviour & Accepting Jesus

Itekisi yeBhayibhile

UYOHANE 4

42baza bathi kumfazi lowo: “Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho. Thina sikholwa kuba sizivele ngokwethu, saqonda ukuba ngenene lo nguye uMsindisi wehlabathi.”

UYOHANE 4:42XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KUTIMOTI 2

3Yinto elungileyo nekholekileyo leyo kuThixo, uMsindisi wethu, 4ofuna ukusindisa bonke abantu, baze bafikelele ekuyazini inyaniso. 5Kaloku mnye uThixo, ukwamnye nalowo ungumxolelanisi kaThixo nomntu. NguKrestu Yesu ongumntu ncakasana,

1 KUTIMOTI 2:3-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMARKO 10

15Ndithi kuni, inene, othe akakuthobela njengomntwana ukulawulwa nguThixo, soze abuve ubuncwane bolo lawulo.”

UMARKO 10:15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 1

12Kodwa bonke abâmamkeláyo, bezinikele kuye ngokupheleleyo, wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo. 13Ababanga ngabantwana bakaThixo ngokuzalwa bengabomlibo othile, okanye ngokuzalwa ngendlela yemvelo; nguThixo ngokwakhe obazeleyo.

UYOHANE 1:12-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-